Monday, January 10, 2011

Qadi, Dosini, Jola - Bahlobene njani?

Hi Tamara

I thank you for this very innovative blog. I would like to be visiting the blog more in future as I am very passionate about this form of platform.

I am in need of some information about my clan name and would like to get any info on it. Isiduko sobuQadi noDosini in relation to ubuJola is something I’m needing clarity on as I have observed that people have varying understand information.

I look forward to your response via email or the blog.

Impendulo:


Bhota Mlesi

Uyakukhumbula ukuba iziduko ziyahluka ngokusetyenziswa, kwizindlu ngezindlu. Kodwa ukuba uthi unqule wonke umnombo wesosiduko, uye ukufumanise apho ukuzalana kwazo. OoJola, Qadi, Dosini yinzala yasemampondomiseni - sisizwe samaMpondomise; bahluke ke ngokwezindlu zawo.

Imbalana ngamaMpondomise

Xa ke kulandwa umlandu kaMpondomisa kuthiwa - NguMpondomise kuze uNtose kuze uNgcwini. UNgcwini wazeka iintombi ezimbini, intombi yaseMaqwathini kunye nentombi yomThwakazi. Le yasemaQwathini yenziwe indlu enkulu, yaze le yomthwa yenziwa indlu yasekunene. Kwindlu enkulu uNgcwini uzele uDosini, uNqabase noNgqukatha. Ekunene uzele uCirha, uMthe, uMajola, uNgwanya, uPhalo, noHlontsi.

OoQadi babongwa ngoluhlobo: Qadi, Ngcinase, Mdlana, Mbaba Wulashe, Qengeba, Qhushana, Jola, Gonqa, Ngcqwini, Mpondomise, Mphankomo, Thole lenkwakha, Isibhekubhu esibhebhesha sakulo Yokazi EsiMpondo zisibhebhelele Ngubholokodl'uphila kuzenzela

Imbalana ngoDosini:

UDosini kuthiwa ibingumntu onobugqi bokuziqaba ngodaka wonke umzimba. Ngenye imini wabonwa ngamakhwenkwe eqabe oludaka aze amhlasela ambulala. Wangcwatywa phezu komlambo iLothana. Ingcwaba lakhe lathi lagqabhuka umthombo wamanzi abanda ceke emini, kanti ebusuku atshisa kakhulu. Abantu lamanzi bawakha bawasele, abanye bahlambe ngawo, abanye bade bagabhe ngawo kuba ayimpilo. Abanye benza udaka kuwo baqabe lona.

OoDosini ke babongwa ngoluhlobo: Dosini, Ncele,Ntose, Nqabashe, Ngcelenduna, Mqhorhana, Ngxow'inoboya, uNoyiila, uNogqaz'umthonyama, Isihlobo sikaMthimkhulu, sikaBhungane yena mntu ungaphezulu nakuThixo kuba abantu ubanike amabele, Ingqoq'enebal, Ngwanya kaMajola, uMajola inyoka enothando kuba ityelela abafazi endlwini!

Enkosi