UMBUZO:
Hi.
I recently found out that I'm a Xhosa and belong to the Mpondomise clan. My surname is Matimba (Mathimba)
I've been searching the net trying to find atleast some history of how we came into being kanye nesiduko sakithi Please help...
Kind Regards
IMPENDULO:
Bhota Mlesi,
Andizukwazi ukuphendula nkcakasana, ngoba isizwe samaMpondomise sibanzi kakhulu.
Nazi iziduko zawo:
OoNgxabane
OoNgcitshana
OoJola
OoNxotha
AmaQadi
OoGcanga
OoDosini
AmaNgwevu
AmaMpinga
OoQhinebe
AmaMpehle
OoMhaga
OoMabhengu
OoMnjuza
OoBhukwana
OoZongozi
OoNdobe
OoFola
OoNxasana
OoNqana
OoDedeza
OoKrancolo
Uyanaba ke kwisiduko eso uhlobene naso.
Le blog yakhelwe ukuphuhlisa ulwimi lwesiXhosa, nokukhuthaza izithethe namasiko anenkqayi akwantu. Njengoko uninzi lwentsha yomXhosa yanamhlanje lungasasebenzisi iilwimi zalo phantse kuzo zonke inkalo zempilo zethu, kuyimfuneko ukuba kubekho ndlela zimbi zokugcina okanye ukukhumbuza isintu ngokubanzi ngeelwimi, amasiko nezithethe zomntu ontsundu - umXhosa ke kweli inqanaba. Izimvo zakho, ulwazi okanye imiba onkqwenela ukuba iphicothwe yamkelekile, thumela ku - embomaxhosa@live.com
ukhokho wam yayi ngu mphayinti okanye u mhaga, ndicela ukwazi banzi ngemvelaphi yesisiduko. igama lam ndingu sandile norton e Serkspruit
ReplyDeleteNdiyabulisa torhwana,
ReplyDeleteNdinguMamQadi isurname yam nguMoyakhe, intloni endinazo andikwazi ukuzithutha.
Qadikazi lendlu enkulu, Nggciwa, Dosini, Mpondomise....ndiphelele apha kwayeandiqinisekanga nokuba ndiright....
Ndicela uncedo....
Molo MaMqadi. Mna NdinguMqadi, uNgcwina, Umphankomo, uNgwanya, uJola, , uNjanye, uNtose, uDam, uSibiside. Bekuye kuthwe ke xa bezithutha abantu basekhaya, iJola elizijolelayo inkom' ingeyoyalo, ithole loMthwakazi, uMzukulwana weNkwakhwa. INkwakhwa ke lolu hlobo lwenyoka ekuthiwa nguMajola. Enye yendlela zokuzithutha kuko nokongeza amagama wentloko zamakhaya uqala kokhoyo usiya emva kongukhokho, njengoko ndenzileyo ukumkhankanya uSibiside, nekunguye ekuvakala umnombo wamaMpondomise ukuba uqala kuye. Andigqibelelanga ke ngolwazi, koko nam ndaba kwinto endiyaziyo...
DeleteUGcwina wayenabafazi ababini uMamqwathi kunye no Mthwakazi apha kuMthwakazi uzele u Cira kodwa hayi lo wamaXhosa umkhuluwa ka Tshawe. eligama lika Cira livele ngenxa yokuba umama wakhe wayemane athi xa emdlalisa athi Ci.. Ci.. ra kungaziwa ukuba uthini. UCira wafumana ubukhulu ngenxa yokuba uDosini ka MaMqwathi wayemana ukuziqaba ngodaka abethwe ngamakhwenkwe waze ke uYise wathi akafanelanga ukuba yinkulu abaninawe bakaDosini bala ukutsiba uDosini waze ke yena uCira wamtsiba ubukhulu bamaMpondomise bawela kuye. uzele u Sabe umfana owayemhle kakhulu waza yena wazala uMte inkulu kunye no Mhaga owayefana noyise lonto yenze into yokuba xauyise ephuma kubizwe uMhaga ahambe naye kuyiyizelwe ngabafazi belali.
ReplyDeleteUMte uzele uQengebe kunye no Ngxabane, uQengebe uzele uMajola owathi xa unina emzala kwathi gqi inyoka babaleka abafazi kwaza amadoda ayisusa lonyoka akayibulala yayimana ibonakala ke lonyoka xa uMajola engaphilanga abuye aphile ngetseni. UMajola yena uzele uNgwanya yena wazala u Phahlo owatshata nomaMxesibe akafumana makhwenkwe apho wafumana amantombazana amathathu. Ngamagqabantshitshi ke lawo ndisatshaya
UJola u zala bani nobani
Deletendingumngcingane isiduko Sam if an I (mtya)ndicela uncedo andizazi
DeleteMna ndingumntana wakwaNtuli, uTshezi. ndingavuya xa ndinga fumana umntu ongandinceda ndikwazi ukuzithutha. Otata babevela eMnyameni
ReplyDeleteMna isiduko sam nguGadluma ifani Cekiso ndicela uncedo ndifuna ukwazi apho sisuka khona ngoba kukho abathi singamaMfengu kambe abanye bathi sibuya emaMpondomiseni kanyekanye ithini lento.
ReplyDeleteAmaGadluma(e) angamaGcina.
DeleteAmaGadluma akuNdlunkulu kwesi sizwe samaGcineni.
Xa ethuthwa kuthiwa "Mgadluma, Xhamela, Nkomo zikaNokwindla, Ncancashe, Gabul'ikhula, Malab'edlile (Umalamb' ayendle adle inyama yenyamakazi-igusha athi ziziduli zethafa),uTyhopho, ubutsolo bentonga!
Izindlu zamagcina:
AmaGadluma, AmaChe, AmaNtsinga, AmaNjikazi,AmaSeya, AmaHelushe, AmaBhinca, AmaNtlonipohi(o)....
Ndithemba ukuba uncedakele.
Enkosi
Ndim uSandile Latha (NdinguMCHE emaGcineni)
UCekiso ngomnye wokhokho bethu kunye nooHonono, nooMapekula lo nto ithethe into yokuba unguTshutsha, uCekwana(e), uGadluma, uMdimba, uMvala, uNkom' inkco, uGininda kaGando, uHonono, uMapekula, uNonduli (Ndulini), iHlwemp' elizidlayo uMadlula kuhlinzwa,uMbomb' emfene, uNyel' emseleni, uMnqay' ulambile, uGqabi lisentabeni, uNdlal' isematyeni, uNgcongolo zimil' ematyeni, uMcesi, uGumla, ooNdlu zingamaxhobongwana zime zodwa ethafeni. AmaTshutsha aluhlanga lwamaZotsho ngenxa yomlambo iZotsho kwaZulu, amaZotsho maninzi futhi asishwami nawo. OoManci, ooDeyi, ooSilangwe, ooNtshangase, ooNdlangisa, ooJali (Mpemvu), ooXolo, ooNtshele xa ndibala ubucinane ngamaZotsho. AmaGcina wona ngabaThembu, thina asingabo abaThembu nto nje sadla ngeli gama lithi Gadluma. Futhi amaGcina avele ngexesha likaTyhopo kuba wayebagcinile akababulala ngokomyalelo weKumkani yabaThembu, yena uTyhopo wayeyinduku esekhosi kaKumkani ngelo xesha waze wanceda abaThembu ekulweni utshaba encediswa ngaba bantu wayebagcine emiqolombeni waze wathuywa igama lokuba nguMgcina. AmaTshutsha wona ayekhona kwakudala kwango-1700, owafumana kwaGcina afudukela khona ngeemfazwe zikaTshaka amanye ayehamba noNompumza owayethunywe yiNkosi yamaNdebele ukuba azokuqonda ukuvuka kwabafileyo kwaXhosa. Ndimile.
DeleteMNA NDINGUZAMATOLO NDINGUMCHENGE MABHANEKAZI NDICELUBUZA EZINYE ZITHINI?
ReplyDeleteDlangamandla, Zulu, Mchenge, Mfingo, Mhlathi unukulambo, amaBhanekazi, ooNgonyama, ooMvumba lempongo liyanuka.
Deleteungu Tolo, uZulu UDlangamandla, uMchenge, uMfingo, uBhanekazi,uNgwenyankomo uVumba leMpongo liyanuka linuka imbombela,uLwandl' aluwelwa luwelwa ziinkonjane zona zodwa zinamaphiko made .... uMabele-made!
Deletendicela nindichazele banzi Ngoonziphazi! ngamaMpondomise lawo kodwa andiwazi umnombo wawo
ReplyDeleteBhotani ntozobawo, mna andikwazi tu ukuzithutha, ndazi nje uba ndinguMAJOLA impondomise. Ndisakhula ndandiye ndive umakhulu ebiza NXOTHO, ndive noNGWANYA noQENGEBA noMPHANKOMO Khanindincede idibana phi, njani lihlazo eli (very worried)
ReplyDeleteBhota mwethu! Mna ndingazama ukukuphendula ngokuyitsala kude le nto ndenjenje:
DeleteUNgcwina ke ngoyena uyinkunzi ozele phantse zonke izizwe zamaMpondomise. UNgcwina lo uzalwa noDombo noDebeza. (amaZumbe namaQadi ngamaNgcwina) Lo Ngcwina uzele uBhukhwana kumfazi wokuqala. Kwathiwa makazeke umfazi oza kuzala ikumkani, wazeka emaQwathini, kwazalwa uDosini. Kwindlu yesithathu (ekunene) kwazalwa UNXOTHWE. Kwelandelayo kwazalwa uNgcitshane; kwelandelayo kwazalwa uNgcinase. UNgcinase uzala amaQadi.
UDosini uzelwe kunye noNgqukatha. UNgqukatha uzala uGcaga noNqana, kubaninawa bakaDosini. Kwaza kwafunyanwa umThwakazi kumahlathi amakhulu aseLothana. UNgcwina wamenza umfazi wakhe wesixhenxe umThwakazi lowo.
...
UCirha uzele uMte, ozele uSabe, ozele uQENGEBE noNgxabane. Waza uQengebe wazala uMAJOLA. UMaJola uzele uNGWANYA. UNgwanya uzele uPhahlo, ozele uMamani (inkosazana) noSontlo (iqadi/inci), ozele uMngcambe, ozele uMyeki, ozele uMatiwane, ozele uMhlontlo, ozele uTshalisi (Charles), ozele uSigidi noWelishi (Welsh).
Izibongo zooJola (Makuliwe, 2003:119-120):
Jola, Jol’ inkomo, Ngwanya, Sabe, Mphankomo, Mpondomise, Mthwakazi, Qengebe, Cirha, Somarhwarhwa, Sihlobo senunu, Rhamba liyathwethwa, Zwelibanzi, Sizukulwana soMthwakazi, ... Dada ngesabhokhwe kumaKhumsha, Hashe elingavumi kubhosolwa, Ndlebe zolu didi ngamaholoholo; nezulu liyangqina lithi: “Jol’ inkomo ndiyeke!”
Bhotani, ndicela ucaciselwe nge mvelaphi ngesiduko Sam soo Rharha, Ndulini
DeleteKytheni yena u Ngxabane umshiya esithubeni ngobani abakhe abantwana?
DeleteUkuba unolwazi ndicela uyithathe pha kuSibiside lembhali yokuzalwa, ucacise inzala yakhe uzenayo ufike unabe apha kumaMpondomise. Camagu
DeleteBothani ebuhlanti nasegoqweni,mandilungise into encinci apha kulembali yamaMPONDOMISE .Masitsale ezantsi ,Amampondomise ngabaMbo. Unombo wabo uqala kanje ,Usibiside owayesuka eGREAT LAKES njengenye yentsalela zabambo.Yena uzele UNjanya ,Dlamini aba basisizwe ngokugoku ESwazini,kunye NoMkhize lo ngoku baphantsi kwesizwe saMazulu.Njanya uzele uMpondomise,Mpondo noXesibe ne wele Unomafu lo Amabomvane aphuma kuye.Mpondomise uzala UNtose ,Ntose azale kwindlu enkulu u Cwerha ekunene azale MPINGA,Eqadini azale Ungcwina.Ucwerha unina zange abe ngwasebukhosini kunye no Mpinga,lonto yathetha ukuthi uNgcwina unina ingowasebukhosini mayibenguye Inkosi.Yena wazeka intombi ka Fubu wamaQwathi kuqala ethathe ixesha ukuzala sele uNgcwina engene intombi yomthwa ekuthiwa ngu Masangana .Lentombi yayiyebathwa eyafumaneka mhla UNgcwina wayethume abazingeli ukuba bayomkhangelela inamlele .Abazingeli ke abo babesizubula isilwanyana esinjalo bachola lomntwana womthwa bamsa kuNgcwina .Umamqwathi nguye ke ozele tanci umntwana ekuthiwa Dosini kuthiwa ke wavuya esithi nam Ndosina ize kuvele eligama lithi Dosini.Kodwa ngenxa yemikhuba yakhe yolala nezilwanyana nezinye wahlatywa ngomkhonto akafa exuthwa ilungelo lukuphatha nguyise namaphakathi .Labe ke icekwa liwa ku Cirha nowayindlu yeqadi .Mashiye mfungufungu kanjalo ke .
DeleteKa utsho ngo Sikhomo no Rhudulu, ngubani ozala bani? Unabe apha phantsi ko Mpondomise ukuba u Sikhomo no Rhudulu baphantsi kwayiphi indlu?
DeleteuSikhomo ulapha kulomnombo kaTshawe ezalwa nguNgcwangu amaRhudulu elapha kumaMpondomise.
Deleteamabangula azithutha njani
ReplyDeletemholweni
ReplyDeletendicela umntu onolwazi ngesiduko NTLANE NQABANE ...uba sithuthwa njani nemvelapi yabo
ntlane ntlantlathintlala ntlanga zonke zomhlaba nqabane dinga ntingili skhikhi yezalabantwana sihila schitha yethani zitshobo mbumbulu mbokotwana thambo lenyoka lihlabelimzondayo
DeleteBhota mz'ontsundu
ReplyDeletendicelwa ukuthuthelwa isiduko sooSithathu, ooChisane. Ndiyabulela.
Chisana Ndebe Khopoyi Hasa Tsomoyi Lawu Nkomozbomvu Sthathu......
DeleteSithathu, Chisana, Ndebe, Khophoyi, Nkom' zibomvu, Lasa, Lawu lentaba, Msenge sebaleni, Mpundwana nye, Tshitsha, Masumpa, Wakani, Angaphambana uvutha asiwenzi amasiko, Thikoloshe yitya uhluthe ndizakuthuma emamfengwini, Sithunzela andifuni kudlala nawe kuba wena udlala ngokugibisela.
DeleteAmaTolo akwaNongwadla
ReplyDeleteTolo
Dlangamandla
Ngwenyankomo
Nongwadla
Zulu khaya labakholwayo
Mchenge
Bhanekazi
Mfingo
Masali
Amajubantlantsi
Vumba lempongo liyanuka
Nozinja Ziyakhonkotha kuba zithi:
Hawu! Hawu! Hawu!
Xa zibon’ umnt’ ozayo,
Nozinja ziyaqhingana
kanti zenz’ umntwana,
Mpomfana noThukela,
Mlamb’awuwelwa
uwelwa ziinkonjane kuphela
zona zimaphiko made,
Nkomo zikaGaxaza, Oonkuni
azothiwa kuba zithezwe yinkosazana,
Bona babasa
amadaka eenkomo zabo,
Izinto ezifuye inkomo
zafuya negusha nehashe.
AmaTolo akwaNgonyama
Tolo,
Ngonyama,
Dlangamandla
Zulu
Mchenge
Bhanekazi
Khaya lengwe,
Nanst’ ingwe ndiyibambile
yizani madoda
siyinquml’ intamo,
Mpomfana noThukela
Mlamb’awuwelwa
uwelwa ziinkonjane kuphela
Vumba lempongo liyanuka
Oonkuni azothiwa kuba
Zithezwe yinkosazana
Bona babasa amadaka
eenkomo zabo
Izinto ezifuye iinkomo
Iigusha de zafuya nehashe
MOLWENI NDICELA IZIDUKO ZAKWA GINYA...NDYACELA BANTU
DeleteMy name is Luthando Booi, live in Cape Town but my father is from the Eastern Cape, eLady Frere eJojweni. I'm am from the the amaphondomise clan.
ReplyDeleteNdingumQama, uJola, umphankomo, uQengeba, iThole lo Mtwakhazi, uXhoto, unGwanya, uRhebela... And that is how I intruduce myself.
Molo Luthando
DeleteI just want to assist you in pronouncing some of the iziduko you mentioned. uXhoto is uNxothwe, unGwanya > uNgwanya, uRhebela > uRhibela. It is amaMpondomise.
umQama > umQam
Deletebotani mawethu, mna ndingu MQAM, NDAZI OKO KUPHELA... NDICELA ONOLWAZI AKHE ANABE NGESI SIDUKO SINQABE KANGAKA EMAMPONDOMISENI... NGOWUPHI OWONA MNOMBO WAMAQAM?
DeleteMy name is Kholiwe Ntloko ndingu Mhaga ingxaki andikwazi ukuzithutha ndicela uncedo
ReplyDeleteIgama lam nguWandisile Hogqoyi.Ndingumngwevu,ndicela nindigqibezelele.
ReplyDeleteAMAMPEHLE KUTHIWA NGO CABASHE, NONGCETHE NDICELA ANDINCEDE AGQITHE OWAZIYO
ReplyDeleteMna ndinguBavuyile Norubela. Ndilimpondomise! Imvelaphi yam ikuQumbu nakuTsolo noko kemna ndizalelwe kwaBhaca eMt freya. Ndingu Nxotwe,
ReplyDeleteGqagqa,
KaGqikazi,
Skhom,
Phungani, Ntongana yentsimbi, Nozibay'ezikhulu, uMadidiya, uQamkazi, uMasulelwa ngento engayenzanga itsho imfanele.
Anonymous: AbakwaMntaka bangamampondo: ngicela ungixelele imvelaphi yabo nezitakazelo.
ReplyDeleteIfani yam ngu Yako, ndicela undincede ngeziduko,,,ndazi ezimbalwa.
ReplyDeleteEnkosi
Kaloku Caramel ukuze ukwazi ukuncedwa ngeziduko zakho kufuneka ube naso esi usibizayo. EsiXhoseni asizalani ngeefani. Ifani ligama nje. Eyona nto ibalulekileyo sisiduku. Kufuneka sibekho esi usixelayo ze uncediswe ekuzithutheni ke.
DeleteAmanqarhwane, Osduli ndifuna ukwazi imvela phi yabo? Nokuzithutha ukubheka phambili.
Deletemolweni bethuna mna ndinuNasiphi ndinguMamsukwini ndisekapa. ndinemibuzo emibini. bendicela imbhali yamasukwini. n bendicela umntu okwaziyo uthutha amaNqabashe andenzele lonceba asseblief torho
ReplyDeleteNtlane; Ntlanga; Dingi; Nqabane; Sukude
ReplyDeleteNDICELA UTHUTHELWA AMAMFENE
ReplyDeleteamaMfene ngoo Hlathi, Lisa, Jambase, Canzi, Hla'ngomva eliweni, Msuthu, Malahlane, Mangqila
Deletemolweni bethuna ndicela ukwazi isiduko samangwevu o tshangisa
ReplyDeleteNdingu Sonwabo Mathumbu eCofimvaba, eQamata,isduko sam ndingu Tshangisa uSkhomo, uZulu, umhlaba,Umbambani, uSnukwa. Ndiphelele apho. Kodwa andinguye uRhudulu.
ReplyDeleteuRhudulu uzala uSikhomo yena uzala uSinuka yena uzala uTshangisa noNxuba ngokwalekelana ngoku uthi awungo Rhudulu njani ngapha koko igama umngwevu sisicabelo elona gama lesiduko ngu Rhudulu
DeleteUTshangisa, uNxuba, uNgcingane, uGaduka, uNabe, uNjuza, uMntuwomlambo. NgooRhudulu bonke abo.
DeleteThis comment has been removed by the author.
DeleteNdicela kubuza ngesiduko sakwsngcitshani
DeleteAmandlane,oonoMdimba,Tutuse,Ntlokwanibanzana itini into yabo bavelapi....Sinazo Bida eQunu
ReplyDeleteNam ndifununa ukwazi, nceda pls
DeleteUmzima,uceduma,ubhomoyi khanincede ke bantu nigqibezele kwezi ziduko zam xa ndifuna ukuzithutha ndigqibe
ReplyDeleteSophitsho,Bomoyi,Vela bambhentsele,Nxego,Timane,Yem yem
DeleteHI ,NDICELA ZONKE IDUKO ZAKWA NGITSHANA OZAZIYO UMNTU
ReplyDeleteNgcitshane, nkwenkwezana, mev'amhlophe, schongoma, abaphakuli beenyosi ezi phantsi kub'eziphezulu ziyabasinekela, istheb'esimanagananga sokophulela installation yethokazi....
DeleteMna ndingu abongile, bendicela izithakazelo zama ngxabane. Ndiya nicela sizwe sika phalo khani ncedeni.
ReplyDeleteBhota Abongile,
DeleteNguNgxabane, uMdatshi, uRhibela, uNcokazi, uMeyiwa, uBhodi, uBhabhanomhlehlo, uTyotshana, uSibalankwenkwezi – abany’ abantu bebal’ iinkomo nje, amathol’ omThwakazi, ooNtam’ inemida njengenkunzi, amaMpondomis’ omthonyama nozwane, iziziba zeTsitsa zingenwa ngugqoloma weTsitsa neChulunca kuphela, ooMbambo ezakheke njengezentaka, ooBhenc’ akanantongo, ooSidulana eselubhelu sethafa, ooNonto yenja yinkongolo, beyidla beyithufela!
Mna ndingu lutho Ngoloyi.ndingu dzana mncwabd tseketsd nzinzi bendicela uncedo ndiqibezelelwe
ReplyDeleteMfuphi, ngxabalala, mayeye, katsin, mncwabe
DeleteNdisaphelele apha mfuphi!
Ndiyabulisa; amantlane la ngo dinga or dingi? Ndicela ucaciselwa apho ntozakuthi
ReplyDeletengoo dinga
DeleteMna Ndingu Sintu Maxongo. Ndingu Mtakwenda u Leta isduko, ndicela umntu okwaziyo andithutha torhwana ndiphelele apha andikwazi ukugqitha. Enkosi.
ReplyDeleteUmna ndingu Chuma uMamQadi wakwa Merhele(Miggels)ndikwa nguye nomamZotsho kwaNtshiza ndicela ukwazi ukuba ndingazi thutha njani
ReplyDeleteBahlekazi abahle.
ReplyDeleteNdicela ukucaciselwa ngo Gqunu. Ingaba uGqunu sisiduko okanye ngubanina?
Sisiduko mfo kabawo, xabezibisa bathi bango Ogqunu Omanyishe Ombhoyiya!
DeleteNdingu Mpandla uTshayingwe uMbona ukhona onolwazi ngeso siduko nentsusa yaso?
ReplyDeletenam ndinguye kwaye bendinothanda ukwazi
DeleteMpandla , Mbona, tshayinge, Okhiphi , onunu,Nozithethe, sixwarhu
DeleteNdinguMavuka isinqe sise Hewu emthwakazi. Kodwa andikwazi uzuthutha ndiyayazi ukuba ndiMamntambo, unthethe , uxhentse baleka kodwa ndiphelele apho. Ndincediseni ndiyacela.
ReplyDeleteMna isiduko sam ngu Mhaga surname kodwa ankdikwazi ukuzithutha ndicela uncedo
ReplyDeleteMolwen...mna ndnguMabase,Msuthu frm Idutywa.Ndiphelelwe ukuzithutha,ndingavuyiswa xa ninondithutha
ReplyDeleteMolweni bethuna ndingu LUYANDA MEHLO Nqana umdanda nakisa nomakhungelo ngqwala ka ngqokazi isicanba esihle intshintshikazi yokundlalela abatwana impondomise kumhlaba wakutsolo imvelaphi ndiphelele apho
ReplyDeleteBASUKAPHI OONQANA BEZALWA NGUBANI ?
ReplyDeletendicela ukhe uthuthe OoNjiyela, JoboQunusa Njalo njalo. Ziziduko zam ezi kodwa zimbalwa endizaziyo
ReplyDeleteMolweni ngokulingalayo igama lam nguSindile.Bendicela ukwazi banzi ngoNgcitshane?
ReplyDeleteKhan gels I group ku Facebook "Amangcitshane amiable"
Deletemolweni ndingu abongile untuli,nojila,sababa,zixesha xabendlwini,mphemba,nonguza,thelela,nkomo zimnyama nenkunzi yazo ndibawela ukuva abanye abaneziduko ezingontuli bazibiza njani na
ReplyDeletemna ndingu nosisa manyase etsomo emission ndingu majola kodwa asingabo o dosini no mnqadi ndicela ukubuza ndingazithutha njan mna
ReplyDeleteingcwaba likaMatimba liseQonce, contact me!!! I'll tell you more ngeMbali yakwa Matimba.....
ReplyDeleteNdicela ukwazi ukuba isiduko esi sikaFola sisuka phi, kwaye bathini ukuzithutha abantu baso.
ReplyDeleteIinkosi mazithambe, isicaka sizolile!! Mna ndikhula ndisazi ukuba singabaseMaMpingeni kwindlu kaPhahla. Inkulu ke lendlu kaPhahla kulomhlaba waseMthatha, Libode ukuyoqhina eNgcobo. Kukho impikiswano kuba izithatkazelo ezidumileyo apha kwesisiduko ngumawawa, bholokoqoshe (abayaziyo imbali bathi eneneni nguMbhala kaNqoshe) uSenzwa, umbhutsha. Ndicelwa ukukhanyiselwa banzi ngoPhahla apha eMaMpingeni ngoba notat' omkhulu wam wayeyinqonqozisa lendawo kaPhahla.
ReplyDeleteMna ndingu Nosipho Mbenga, u Jola, Ngwanya, Mphankomo, Qengeba Thole lomthwakazi ndicela ukwandiselwa. Apho ndiphuma kho ku Qumbu (Shawbury ne Mahlungulu)
ReplyDeletebhotani mawethu
ReplyDeleteisiduko ngumntlane ndiphuma kuGatyane
bendicela inkcazelo ebanzi ngamantlane
Mna ndingu MAKASI DINISO ndingu NTLANE isiduko sam , ndili Mpondo kwaye ndingowase CORANA e LIBODE . umnombo waMantlane usuka eLusikisiki azalwa ngumfo owayesuka e KENYA owayebizwa ngokuba ngu Njanya , unyana wakhe omkhulu ngu Dlemini yena ke wazala uSibiside yena ozele uMpondo lo isizwe sibizwe ngaye , yena ke kwindlu enkulu uzele u Hlambangobende ; yilendlu ke iphetheyo ya Manyawuza , kwakhona u Mpondo uzele unyana ogama lingu Sihula kwiqadi lendlu enkulu yilendlu ya Mantlane ke leyo . Sichaza ngo Sihula yena Uzele u Mthwa-ka-Sihula othe ke yena wazala u Santsabe yena ke wazala u Mkhondwana ozele yena u Sukude nothe yena wazala u NTLANE endlini enkulu ngu GINGQI ekunene ngu KHWALO eqadini ngu NGCWANGULA exhibeni . uNtlane yena wayenabafazi abathandathu sithatha indlu enkulu apho uzele u Ndendela yena wazala Mfusana waza yena wazala u Dinga othe ke yena wazala u Nqabane . Mantlane zininzi ke izinto endingazithethanga ngezinye izindlu nabantwana bazo ndithethe ngezindlu ezinnkulu kuphela ezinye siyakuthetha ngazo xa sisentlanganisweni ya Mantlane , ndiyacela ke nam ndilungiswe apho ndiphazame khona , Imfonomfono yam ithi 0780806950 ,Enkosi .
DeleteThanks a lot Man. This is Sukude, Valela, Mkhondwana, Gcutha,
DeleteMandizibulele nam ke nto yakwa Diniso ngalo mnombo wamantlane. Man bendinelize undimbathisile
DeleteLUTHANDO TONI, Ntlane
Hayi Khona akabuyi Kenya tu ke ngoku uSibiside ubuya e Tanzania that is our roots. Yiyo lento sithi EMBO. Unjanya uzalwa kumnombo ka Mpondomise iwele noMpondo elikhulu nguMpondomise. Zama ukuphanda inyani.
DeleteThis comment has been removed by the author.
DeleteUSibiside uzala uNjanya, aze uNjanya azale amawele uMpondo noMpondomise kunye nemfusi uXesibe
DeleteNdinguMpehle, uCabashe, Dikana, Nkom' bomvu, Wayibeka, ndiphuma kumnombo kaQhusheka. Ndicela ukwazi ngomnombo/ imvelaphi yawo.
ReplyDeleteMolweni Mawethu ndinguSiyanda ndicela nindincedise ngemvelaphi yamamphandla
ReplyDeleteMolwen ndingu Thandeka Gxalatana ndicela ukuchazelwa banzi ngesiduko sam,uKhanyayo ndikuhlaba waseXhorha kodwa otata omkhulu bathi babesuka eBizana,ndifuna ukwazi ukuzithutha noba sihlangana phi no Nyawuza no Mzize.
ReplyDeleteMolweni mawethu,ndicela ukuncedwa apha bethuna,Ndingu Nosi wakwa Gqalane umzukulwana wamaNdlane,bendicela ukubuza amandlane azithutha aphelelle phi,ngoba mna ndazi kuthwa singonomdimba,oontlokwana ibanazana,oo tutuse,kwaye futhi imvelaphi yamandlane andiyichani kakujle,khanincedeni bantubakowethu. Iyabulela ilali.
ReplyDeleteNam ndotsho ndincedakale ke apha ndisalindile.
DeleteNdingu madzana wase mneno nciba - emonti. Ndicela ukuncediswa ngembali yokuwela inciba kodzana besuka emount frere.
ReplyDeleteMolweni kwaXhosa. Mna ndi nguVusumzi ndizalwa kwaDumane phofu ke sihlala kwelizwe la besuthu efree state. Mna ndakhulwa kusithwa singamaMpondomise, oNgcwina, oMphankomo, oMajola indixake k' xasekusithwa uDosini. Idibana njani kuba oMajola ingathi bazalwa ku eli cala lika Cirha ozalwa ngumThwaa....Ndicela incaselo kulonto, mandibulele
ReplyDeleteUyazibulisela uMamvulane, uBhayi, uKhetshe, uMsuthukazi, inyok'emnyama ecand'iziziba. Ndicela kosaziyo esisiduko andixelele ndingathini udlula xa ndizithutha ngoba zimbalwa ezi. Izolo ndive uba kuye kuthiwe "meva elimhlophe" ngoku ndaye ndanomdla okoba zithini na zinye. Enkosi
ReplyDeletemolweni mzi ontsundu...ndicela nindi thuthele amantlane la angengo dinga
ReplyDeleteMolwethi, ndicela ukwazi imvelaphi YamaNzotho/Nzothwa nezinqulo zabo, enkosi kakhulu
ReplyDeleteNdingu lwandile from lusikisiki ndcela uncedo ngesiduko ubhala andkwaz kuzitibela bendcela onolwaz andincede kunye nemvelaph yaso ndilimpondo
ReplyDeleteUBhala kaloku uzalwa nguGangatha, yena ozalwa nguCabe, yena ozalwa ngNcindise, yena ozalwa nguThobe, yena ozalwa nguZiqelekazi, yena ozalwa nuSukude, yena ozalwa nguMkhondwane, yena ozalwa nguSantsabe, yena ozalwa nguMthwa, yena ozalwa nguSihula, yena ozalwa nguMpondo uqobo lwakhe.
DeleteUBhala kaloku uzalwa nguGangatha, yena ozalwa nguCabe, yena ozalwa nguNcindise, yena ozalwa nguThobe, yena ozalwa nguHlamandana, yena ozalwa nguZiqelekazi, yena ozalwa nguHlambangobubende, yena ozalwa nguSukude, yena ozalwa nguMkhondwane, yena ozalwa nguSantsabe, yena ozalwa nguMthwa, yena ozalwa nguSihula, yena ozalwa nguMpondo uqobo lwakhe, yena ozalwa nguNjanya, yena ozalwa nguSibiside kaSidweba. UBhala ke yena uzele amawele uChitwayo noKhonjwayo, uChitwayo ke yena uzele uNdayeni, ke yena wazala uThahla.
DeleteMna ndicele isiduko sakwaNgcoya nindincede ngaso
ReplyDeleteMolweni ekhaya. Ndingu Nkosi Ketabake. Ndifuna ikhaya lakuthi nokwandusela isiduko ndifunde ngezimbalwa. Ubawo liMpondo andiqinisekanga ngqo ngekhaya ubeye okhombe koo Bizana nase Lusikisiki.Ndiyabulela
ReplyDeleteIgama lam ngu Mncedi Mhlangala ndinengxaki andizazi nokuba ndiqale ngaphi xa ndizithutha ndingu Tshutsha bambi bathi ndinguGadluma uCekwane andiyazi kwa imvelaphi yam. Kanye kanye ngamani aMaTshutsha la?
ReplyDeleteThis comment has been removed by the author.
ReplyDeletemna ndingu Nwabisa Marhadebe isduko ,ndicel ubuza esam isiduko asikho elistin ingaba andililo na impondomise?
ReplyDeleteHi Nwabisa, ooRhadebe ngamaHlubi sisi, awangomaMpondomise. UliHlubikazi wena.
DeleteMpinga,Mawawa, Mbolokoqoshe,iny’ omntwana, ingakhul’ izinza sel ‘ifanele amadoda, oSenzwa, ooMbali, ooMbetshane, Hlahla lamsik’ umntu es*ndeni, ngceza, Sintila, Nyaw’ zinoshukela, mzukulu kaSityulu, kheth ‘omthandayo, Mawawa,
ReplyDeleteAmaQadi avela xa kundawoni kulendlu yamaMpondomise?
ReplyDeleteNdicela ukwazi imvelaphi yesiduko sakwaMathumbu kwisizwe saMampondo.
ReplyDeleteNdicela ukucaciselwa ngesiduko amaZumbe, imvelaphi yawo nakuzithutha.
ReplyDeleteNdicela ucaciselwa ngoZumbe yena uzalwa ngubani pha kwaNgcwina
ReplyDeleteNdicela ubuza ooZongozi xa bethuthwa kuthiwani? Ngamani?
ReplyDeleteNdingu NXASANA ndicela ukubuza ukuba uNxasana uphuma kweyiphi indlu yamaMpondomise .enkosi .
ReplyDeleteMna NdinguMzukisi Myeki, le fani kaMyeki ngeyase Maqocweni. Umama kamama wondela kulomzi eza nomama. Ukuqala kwam ukudibana notata wayesithi SingoMlungwane ifani ngu Mbatha (hayi 'Mbhatha', M'batha). Ngoku ndizama ukufumana ukuba uMlungwana lo uzalwa ngubani, bakuphi pha e Estern Cape. Ntozobawo ndinabantwana ndinomfazi, mandincedwe ndikwazi ukunceda usapho lwam.
ReplyDeletePHA KULAMHLABA WAMAMPONDO CEBUKUHLE KWELAMABAHACA KWIDOLOPHU EKUTHIWA YI-MAUNT FRERE OMYEKI BABUTHALENE KUYO KWINDAWO EBIZWA NGOKUBA KUSEMAMPONDMISENI UYAKUBAFUMANA
DeleteNdingu Jolinkomo mna kwaye ndixelelwa ukuba abantu basekhaya basuka apho ko Myeki kanye...qha u tatomkhulu waya kuyokhwakha e Mzimkhulu
DeleteMandizibulisele mna ndinguMamgwevu,cela ukwazi sesiphi isilo saMangwevu?ukuba sikhona
ReplyDeleteCamagwini mzi wakwaXhosa.
ReplyDeleteMna ndinguJola iMpondomise laseRhawutini.Ndicela uncedo ngeziduko nemvelaphi yooNdzuta/Nzutha, okuncinci endikaziyo: singoMhaga noSabe uGqweta noGqubushe umawel'ukuzana. uDlobela, uMphankomo, uNgwanya uMajola. Ndiyema apho. enkosi!
Correction- endikwaziyo not endikaziyo
ReplyDeleteMholweni nto zakuthi ndingu Nobanzi mambumbu kwelicala loo Dlamini onolwazi makandincede enkosi
ReplyDeleteMsitheli
ReplyDeleteMolweni emaXhoseni
Ndicela ubuza ngubani uyise kaDosini ?
ezalelwa phi?
ingubani ifani yakhe?
Molweni bantu bakuthi, mna ndingu ntshangase unomathebe umsuthu msengeshe umbokodo ezibomvu zokugaya amalovane. Ndingu mbeko igama lam lenkobe ngu Mpetshwa ifani. Ndicela umntu onolwazi khe andizele nesizathu sokungafani kweziduko zamantshangase ase Eastern Cape nawakwa zulu natal. I'm always wondering plz help guyz. Xa usazi kodwa. Enkosi
ReplyDeleteBhotani bantakwethu.NdinguLungiselela Lindani (@facebook ndingu DIBASHE LINDANI).Lo ngumnombo wasekhaya ngokwazi kwam koko andibazi abanye abantu abaazalwa ngokwalomnombo.Utatomkhulu ngu Inoki(ENOCH) ubhubhe ngo 1974,yena ngunyana kaNonyondla,uNonyondla ngoka Khasan,uKhasan ngokaYaso,uYaso ngoka Lindani.UNonyondla uzele Gxamfu kunye noPitili kwinkosikazi yakhe yokuqala waza wazala uInoki kweyesibini.SingamaSukwini thina.Ingxaki ke yeyokuba ndazi kuphela abantwana baka Inoki.Akukho ngqiniseko yesinqe sakhe kodwa kuvela abathi sikwezaalali zaseDikeni,ndicela uncedo ngabantakwethu.Sizibiza ngoLindani thina,enkosi
ReplyDeletendicela ukwazi imvelaphi yootshezi bakwaGqibitole
ReplyDeleteNdinguGcaga onkaba iseMbizana eMampondweni ndicela ukudweliselwa umlibo wendlu ka Gcaga kuba sele ndifumene ngomlibo wendllu kaGcwina ukuba uGcaga ungowendlu yasekunene kaGcwina oyimise ngentombi yase maQwathini apho uGcwina wazla uDosini no Ngqukana, uNgqukana wazala uGcaga lo ndingaye. Ndicele umntu onokulandelelanisa umlibo walendlu ka Gcaga. ndinekuqonda ukuba amagama onyana asemlibeni kaGcaga akwezizithakazelo zamaGcaba ooMathand'ukuhamba njengelanga njalo njalo. ndicela olo landelaniso olubonakalisa ukuba uGcaga wala bani lowo wazala bana njalo njalo.enkosi.
ReplyDeleteNdingu Gcaga oseMonti ngokuhlala mna ndicela izithakazelo zamaGcaga, kuba ndazi nje ukuba kuthiwa bo Madluba ooGokashe ndiphelele apho ndicela uncedo kwabanolwazi.
ReplyDeleteNdingu Vuyisa wakwaMangaliso ndiliMpondomise OoZongozi kodwa andikwazi ukuzithutha ndicela uncedo.
ReplyDeletemna ndingu Mthembeni Kulu. ndicela owazi iziduko zakwa Mkhiwa, nxasana,skhonza,bhili, totoba, somaqhasholala, umalilelwa zintombi zithindizeke noba awunankho,thaba. andazise ezinye ndoba aziphelelanga apha.
ReplyDeleteNguSikhonza, uNxasana, uTotoba, uDunjane, mkhiwa, uMalilelwaziintombi zithi ndizeke, adinamama andinatata ndiyinkedama, uBhili, uTotoba, uSomaqhasholala, gastyeketye umbona obomvu othandwa ngabantwana, gawu, skhonza ngenkomo kwabasemzini!. nyok'emnyama eyacand'isiziba. sizukulwane somuthwa! sizukulwane selawu!mahlath'ayophela soshonaphi na?nonduna!
DeleteCela ubuza imvelaphi yaMantambo, neziBongo zawo...
ReplyDeleteNdiguSakhekile Mtshwane waseXesi eNgcwazi Kwangele, mdphangela eKapa. Ndifuna yonke imvelaphi yaMantabo nezibongo zawo...
ReplyDeleteBhotani mzi wakuthi. Ndicela udibana nabo Hela base King Williams Town. Isiduko sabo ngamaNqarwane. Cell 0737366494 Email yam davidhela@gmail.com
ReplyDeleteBhotani igama lam ndingu Thobeka umama uzalwa kwa Dlangamandla. Ndicela uncedo ngeziduko zakwa Dlangamandla. Ndiyabulela
ReplyDeleteIsizwe sama Mpandla siphumaphi?
ReplyDeletendicela uqonda ngesiduko u Nkilane
ReplyDeletendicedeni ngesiduko sooziphazi,oomagoBa,oomachi,oomBushu,ookhayisana oontsikizi emnyama(amampodomise)
ReplyDeletendiyacamagushe zidwesha zakuthi, ndingu Nomaxabiso mhlola waku Gatyane ndicela uncedwa ngeziduku oNobetha,oHlanga ndiphele
ReplyDeleteMna ndingu mqadi ifani ndingu Mphithizeli, ikhaya liku Centane, kwilali yaku Holela. mna ndifuna ukwazi kanye kanye yintoni edibanisa uMqadi no Jola? kuba ndiva uninzi lwamaQadi azibiza ngoJola naxa ezinqula abiza izinqulo zakwa Jola. kodwa zange ndeva nakanye uJola ezibiza ngokuba ungu mqadi. ndicela ingcazelo apho.
ReplyDeleteMolweni, mna ndingu Robinson wa kwa-Nqola,(Ngqola), singaMampondomise, ooNyawuza-mahlamba ngobubende amanzi ekhona. I don't know much of my genealogy or where I originate from. That's the little I know of myself. I need to know ngee mvelaphi yam ne siduko sam.
ReplyDeleteMolweni,ndicela nindincede ngeziziduko nemvelaphi yaMayirha ubhongwana nzekwini nondzaba.kuthwa asihlobenanga namayirha oziyeka sampu thambo lenyoka ngoba thina sisuka kwabhaca.Ndingaluvuyela uncedo lwenu
ReplyDeleteNdicela undithuthele oDosini
ReplyDeleteoozizi odlamini bona balunga ngaphi
ReplyDeleteNdinguJola oliNgcitshane u Mphankomo ndifuna ukwazile more
ReplyDeletekhanincede mawethu onako ukucacisa ukuba ooGqunu ngobani xa uzithutha, ndincedeni ndifuna ukuzazi.
ReplyDeletekhanincede mawethu onako ukucacisa ukuba ooGqunu ngobani xa uzithutha, ndincedeni ndifuna ukuzazi.
ReplyDeletemawethu ndingu Gqunu ndicela ukucaciselwa ukuba ooGqunu xa bezithutha bathini bangobani
ReplyDeletemawethu mandibulise... bendiqwenela ukuva ngendibano yamaMpondomise uba iyeyaphumelela, sesiphi isigqibo okwavunyelwana ngaso, ekuvusweni kwesisizwe?
ReplyDeleteMolweni mawethu
ReplyDeletengu Dosini Noyila Ngcwina Mqhokrana
ndicela OoDosini babe ne web site apho kuzo bhalwa zonke iziDuko zamaDosini inkcubeko nemveli ngokubanzi khe siqokelele nezi fani
ndim
Msitheli Tukwayo
Engcobo
0783106198
Osevile ngesigqibo ngaso ndicela andikrwece
ReplyDeleteAmaqam no Qamkazi bedibene?
ReplyDeleteNdingula Nxotwe uQamkazi Gabazi Mfuza afulele okwelifu lemvula malangana impondomise kuQumbu kuGabazi ndinqwenela ukwazi ukuba omQam aba bedibene na noNxotwe uQamkazi bendlu yokunene ka Ngcwina
ReplyDeleteSingo Nxotwe hayi oNxothwe or oNxotha bendlu yokunene kaNgcwina
ReplyDeleteMna ndinguGingqi, Ndicela undincede ngokuzithutha nangemvelapi yam
ReplyDeleteIngaba zithini iziduko zonke zakwa Nxasana?
ReplyDeleteNdicela umntu onokuthutha esisidyko umQam
ReplyDeleteMna ndicela ukwazi imvelaphi okanye umlibo wama-Ndlane kulomzi waba-Thembu kwakunye nama-Thunzi emagqunukhwebeni
ReplyDeleteMolweni zinkosi
ReplyDeleteNdicela ukubuza le mibizo ilandelayo.
Amaqadi no Jola bayazalana na? ukuba injalo bazalana njani? ingaba bayatshatiselana na? uthini umahluko xa bezithutha.
Enkosi ndiyabulela.
Haybo bethuna ndicela ubuza ooTutuse ooNomdimba ithini imvelaphi yabo andiboni mpendulo yabo ndinguNonceba Taliwe eNgcobo
ReplyDeleteNtozakuthi khanindithuthele ooMbotho
ReplyDeletendicela ubuza ukuba Umawawa onguMbhusha limpondomise?
ReplyDeleteZidwesha zakwaXhosa ndiyabhotisa! Mna bendicelwa uncedwa ngomnombo wamaTshawe apho basuka khona ndisamile apho. Ndise Dutywa mna ndingu Nosipho Dunga.
ReplyDeleteMzi kaphalo , khanicazulule le nyewe OGadluma bazalwa ngubani and imvelaphi yabo iphi kanye kanye bangabaThembu okanye Amampondomse or amaXhosa ngoba intetha ziyabetha-bethana , futhi uzinzo lwawo luphi apha kumhlaba wase Eastern Cape ngoba kukhona ako Gcuwa , Ngqamakhwe agcwele izwe nje.
ReplyDeleteHello Bhuti can you tell me the origin of Mtshiza clan and Tusi clan ?
ReplyDeleteHello Bhuti can you tell me the origin of Mtshiza clan and Tusi clan ?
ReplyDeleteMolweni sizwe sakuthi...ndicela ukucaciselwa,mna ndizelwe yhintombi yakwa Jola,ndikhuliswe kwa jola ndenzelwa amasiko kwa Jola.ihambile iminyaka njengangoku ndina 30 yrs,eyonanto ingandivisi kamnandi yhile yokuba utata wayengowakwa zulu Durban andisazi isiduko im not interested ngoba andimazi nalo tata.inyan yhile kucacile ba andikowakwa jola ,kodwa mna ndizalwa yhintombi yakhona ndakhuliswa khona namasiko ndawenzelwa khona...nam ndiyafuna ubangokhona...sithini isintu okanye isixhosa ngale meko yam ndingowaphi ndingubani? enkosi
ReplyDeleteMolo anonymous, into yokuthi uzalwe yintombi yakwa Jola wade wenza amasiko wakwa Jola lonto ayitheth' uba sowujikile wanguJola. Ungumtshana qha kwaJola. Kona bekufanele ba wenzwelwe amasiko khona, akho siphoso kulonto yonke into iyathethwa.
ReplyDeleteKwakhona ke kwelicala lokuba utatakho ngumzulu. Into yoba wena awuyithandi lonto kuba ungamazi kwaye engadlalanga ndima ayincedi nganto lonto kodwa ekugqibeleni ungumzulu, ukuba uyayilwisa lonto ngaphakathi kufana noba uzilwisa wena kwaye ngumlo ongasoze uwuphumelele lowo.
Wena into ekufuneka uyenze kufuneka uqalise wenze uphando ngicela lika tatakho noba yinto ekrakrayo nah leyo, kwodwa uzoba uzinceda wena uzotsho uzazi ukuze nesizukulwana sakho singalahleki.
Molweni,ndingu Nombita ifani yam ku Tsolo,isiduko sam ndingu Ntshele,Mdlelanga,Ndokhala,Wabane nezinye ke,ndicela ukwazi ngemvelaphi yama Ntshele nezindlu zawo ngokunjalo
ReplyDeleteNam ndikuMdlelanga. Ndiyaqala ukuva omnye umntu onesisiduko ngaphandle kwabantu basekhaya. Thina singo Mdlelanga,Ntshele,Wabene Mlomo'bomvu,Sivunda,ndokhalela kubani ndingakhaleli kuMdlelanga.
DeleteNam ndikuMdlelanga. Ndiyaqala ukuva omnye umntu onesisiduko ngaphandle kwabantu basekhaya. Thina singo Mdlelanga,Ntshele,Wabene Mlomo'bomvu,Sivunda,ndokhalela kubani ndingakhaleli kuMdlelanga.
DeleteMolweni bantu bakuthi, igama ngu Phelo ikhayalokuzalwa lise Libode emoyen. ngingu Cirha, uSabe,uNcibane,uHlomla,Ntswentswe,Nojaholo. ndicela ucaciselwa zeziphi ke ezi ze zamampondomise nazo na? ndibuya ilahleke xakuzothiwa sihlobene no Jola thina, bakhona oo Sabe nakubo u Cirha. ndise andazi kengoku ndicela uncedo tu. enkosi
ReplyDeleteBhotani mawethu mna ndingu Gcaka uJola uMpondomise uMphahlumphankomo uNgwanya uQengeba uMadluba into eyancanca emfazini obelelinye phesheya kweTsitsa ithole loMthwakazi uNdongana...ndicela khendithelwe tshuphe ngomnombe wam uba uGcaka lona uzalwa nguban ndyabulela in advance
ReplyDeleteBhotani mawethu mna ndingu Gcaka uJola uMpondomise uMphahlumphankomo uNgwanya uQengeba uMadluba into eyancanca emfazini obelelinye phesheya kweTsitsa ithole loMthwakazi uNdongana...ndicela khendithelwe tshuphe ngomnombe wam uba uGcaka lona uzalwa nguban ndyabulela in advance
ReplyDeleteuGCAKA lo lingenaphi ithole lomthwakzi ngoba wabakho uGcaka umthwakazi engakbikho. Ukufutshane gqithi wena kwi ngwevu yethu umpondomise ozale utata kaGcaka gutatumkhulu wakho UMpondomise.
Deletegood morning I am busy tracing my origin also my surname is Mvulane uNcilashe I am being informed that our origin is amaMpondomise clan I'd like to be assisted with this please.
ReplyDeleteBhotani mzontsundu, ndicela nje umntu onokundilandela imvelaphi yamaQoco, ooZikhali Mazembe, ooJojo, ooTiyeka, ooButsolo Beentonga, ooMbizane, ooMabombo
ReplyDeletemolweni!!
ReplyDeletendicela ubuza kumntu onolwazi uBOMELA uzalana njani noSIHLOBO? NDIYAMBONA USIHLOBO UKWANGUJOLA. MNA ENDIMAZIYO UBOMELA NGURHUDULU.
Molweni bethuna man ndicela nindithuthele ooZongozi
ReplyDeleteMolweni bethuna man ndicela nindithuthele ooZongozi
ReplyDeleteMolweni, ndiyontombi yase Matolweni , nditshatele kooGadi ,Mthwaza eLibode. Ndicela nindincede ngezi ziduko zabo bantakwethu. Ezi zabo Gadi....
ReplyDeleteMolweni, ndicela uncedo mna ngomnombo woMathumbu, ooNcuncuza...nangezinye iziduko. Khaya liseMbizana eMampondweni
ReplyDeleteThis comment has been removed by the author.
ReplyDeleteBhotani kumz'ontsundu, Ngu Soyiso Ngcanga, e flagstaff emampondeni ngokwendawo. Mna ndizelwe ngaphandle komtshato yintombi yakwaNxasana,impondomisekazi okokutsho.ingxaki yam zange ndadibana necala likabawo wam, kwaye umama usweleke etshiphile so andizazi iziduko zakwicala likatata wam.ngokukamama utata way ngu Michael Gcaleka e mthatha. Into ebuhlungu usweleke engandishiyanga Na information yaneleyo kuze ndikwazi iziduko zakhe lo Michael Gcaleka. Eyonanto inzima zange atsho nokuba wayengowaphi kulamthatha. Ndiyayiqonda ukuba le information incinane for ukukwazi ukundincedisa kodwa ndiyacelo lo ethe wakwazi ukuba abantu abanefani ezingo Gcaleka iziduko zabo zithini. Inokwenzeka intoyoba oGcaleka(ifani) babeneziduko ezahlukileyo. NUMBER YAM #0780878468 EMAIL. Soyisongcanga0409@gmail.com. Enkosi
ReplyDeleteThis comment has been removed by the author.
ReplyDeleteNdicela iziduko zakwa Tshobisa bakith
ReplyDeleteMolweni zidwesha zakuthi ndicela uncedo...ndikhule ndingamazi utata ondizalayo ndithi ndofumanisa ngoku kuthiwa ndingu Gqunu nto nayo andikwazi uzithutha kwaye ndizenzile inzame kodwa ayiveli tu inzalelwane yakwa Gqunu....ndicela uncedo mawethu
ReplyDeleteAmabhushwa wona angenaphi kumaMphondomise
ReplyDeleteMna ndinguZotsho, Manci, Wabane, Maqholo, Thintisa, Waka, Msebe, Mbali,.....ndicela ukwazi ukuba ithini imbali yethu kuba ngoku sikumhlaba waseDutywa. Andile Ngxoza
ReplyDeleteMna ndingowakwaMathumbu eMbizana andazi uthini xa ndizithutha ndazi xa bethi ncuncuza mbilini nditsho ndiphelele apho ndicela nindincede ngemvelaphi neziduko zakwamathumbu
ReplyDeleteMna ndingowakwaMathumbu eMbizana andazi uthini xa ndizithutha ndazi xa bethi ncuncuza mbilini nditsho ndiphelele apho ndicela nindincede ngemvelaphi neziduko zakwamathumbu
ReplyDeleteAnonymous: ndiyabhotisa apha ekhaya..ndicela ubuza ooMpehle bayazalana na noJola?
ReplyDeleteMolweni bakwethu Ndingu Nonkululeko Mthimkhulu ndicela uncedo ngeziduko zakwa GINYA pls
ReplyDeleteNdingungxabane, xa ndizithutha ngoku phenylephrine ndithela ncedani hle
ReplyDeleteitsho wena mntakwethu imbali..uNjanya nguye ozala uMpondomise noMpondo imfuni ibe nguXesibe
ReplyDeleteMolweni. Ndicela ubuza mna uba apha wMampondomiseni ngubani u Phahlo? Wayeyintoni?
ReplyDeleteMolweni. Ndicela ubuza mna uba apha wMampondomiseni ngubani u Phahlo? Wayeyintoni?
ReplyDelete