U-XHOSA uzele u-MALANGANA noNKOSIYAMNTU. U-NKOSIYAMNTU uzele uCIRHA, uJWARHA noTSHAWE. Ubukhosi bohluthwe nguTshawe kuCirha kwidabi lokwahlulwa kwephuthi engqina. U-TSHAWE uzele u-NGCWANGU, u-NGCWANGU uzele u-SIKHOMO, uSIKHOMO uzele uTOGU, uTOGU uzele uNGCONDE, uNGCONDE uzele uTSHIWO, uTSHIWO uzele uPHALO. Idlu yasekunene iqale apha kuPHALO. Uzele uGCALEKA noRHARHABE - uGCALEKA uzala uKHAWUTA, uKHAWUTA uzala uHINTSA, uHINTSA uzala uSARHILI, uSARHILI uzala uSIGCAWU, uSIGCAWU uzala uGWEBINKUMBI, uGWEBINKUMBI uzala uNGANGOMHLABA no ZWELIDUMILE, uZWELIDUMILE uzala uXOLILIZWE. Kwicala lasekune uRHARHABE uzele uMLAWU noNDLAMBE. U-MLAWU uzele uNGQIKA, uNGQIKA wazala uSANDILE, uMAQOMA, uTYALI noANTA. U-SANDILE uzala uGONYA, uGONYA uzala uFAKU, uFAKU uzala uARCHIE VELILE, uARCHIE VELILE uzala uMXOLISI, aze uMXOLISI azale uMAXHOBAYAKHAWULEZA.
Ithi ke imbali esisizwe salwa iimfazwe ezithelekelelwa phaya kwisithoba(ukusuka kunyaka ka 1771-1878) nabelungu. Sasisilwa ngemikhonto sisilwa abelungu abadubula ngemipu.
AmaXhosa ke sesinye sezizwe zikaNtu ekuthiwa zisuka phaya kulamachibi makhulu kuthiwa ziGreat Lakes.
Ingcwaba likaSIKHOMO uyise kaTOGU liseNtabankulu eMzimkhulu. Elika TOGU uyise kaNGCONDE liseQhokoma eNgqeleni. Elika NGCONDE uyise kaTSHIWO liseCumngce eBuntingville. Elika TSHIWO uyise kaPHALO liseNgcwanguba eXhorha. Elika PHALO liseTholeni eThongwane. Elika GCALEKA liseMnyameni kuCentane. Elika HINTSA unyana kaKHAWUTA liseNqabarha kuGatyane phesheya koMbhashe. Elika Sarhili unyana kaHINTSA liseSholorha eXhorha. Elika NGQIKA liseMkhubiso kwaLanki. Elika SANDILE lityholwa kwiindawo ezintathu. Abanye bathi likwaZidenge eCumakala, abanye bathi likwiNtaba kaNdoda, kanti abanye balikhomba kumahlathi akwaHoho. Elika SIGCAWU liseMngazana eXhorha. ElikaNDLAMBE liseXinirha. Elika TYHALI NGQIKA likuMakhahlana eDikeni entla kwesinala phezu kweTyhume. Elika RHARHABE lona liseXuka eNgcobo. Lize elika TSHAWE libeseWilo eMqanduli.
Le blog yakhelwe ukuphuhlisa ulwimi lwesiXhosa, nokukhuthaza izithethe namasiko anenkqayi akwantu. Njengoko uninzi lwentsha yomXhosa yanamhlanje lungasasebenzisi iilwimi zalo phantse kuzo zonke inkalo zempilo zethu, kuyimfuneko ukuba kubekho ndlela zimbi zokugcina okanye ukukhumbuza isintu ngokubanzi ngeelwimi, amasiko nezithethe zomntu ontsundu - umXhosa ke kweli inqanaba. Izimvo zakho, ulwazi okanye imiba onkqwenela ukuba iphicothwe yamkelekile, thumela ku - embomaxhosa@live.com
cela uzaciselwa ngeziziduko Mqoco,jojo Zikhali
ReplyDeleteCela ukwazi imvelaphi yo Zikhali
DeleteIntle.
ReplyDeleteNdingumntu onomdla kakhulu kwiinkcubeko neenkolo zakwa Xhosa. Ngoku ndifuna ukwazi intsukaphi yenkolo kuQamatha uJobela noThixo.nje ngokuba kuthiwa uThixo(the sun god) noJobela(the earth goddess) bazala uQamatha(the creater and the saviour). Ndifuna ukwazi intsusaphi yeezonkolo kwaXhosa. Camagu!
ReplyDeleteNdiyabulela kakhulu,ndicela ucacise ncakasana ngamaJwarha.mpongom@webmail.co.za.Enkosi..
ReplyDeleteNdicel'ubuza ukuba amaCirha,ooJwarha, namaTshawe (ungafakela ke namaKwayi) kulungile na ukuba bathathane ngoba ngoko kwakum bayazalana,okanye ndiyaphazama?..thukuthezim@gmail.com
ReplyDeleteUmbuzo wam nanku: ingaba ukhona umahluko phakathi kukaThixo noQamata? Ndicela nokwazi ukuba ezinye iziduko ezifana nooJola, Thunzi, nezinye, zisuka phi zona? Impendulo ungayithela kwi-email yam: dwi@webmail.co.za
ReplyDeleteNdicela ukwazi ngamaNtlane, Dingi/ Dinga Nqabane
ReplyDeleteNdicela iziduko zoTshawe mna. Ungandithumelela ku email: olwethuodzi@gmail.com
ReplyDeleteNdicela undicacisele ngo Mkhwemte no Cirha/Nojaholo badibana njani...ingomphi omdala kunomnye. lukhanyomkile@hotmail.com Enkosi!
ReplyDeleteNdicela ukubuza ukuba ngaba uyifumene impendulo na?
DeleteMolweni, ndicela ukhanyiselwa ngamaTshawe namaKwayi. Kulungile na ukuba ajole. jikela88@ovi.com
ReplyDeleteNdicela ukwazi imvelaphi yo vambane ugxarha usiyoyo gmbombo160@gmail.com
ReplyDeleteBotani sizwe sakwa xhosa, bendinga thanda ukwazi banzi ngendlu kaMaqoqa apha emaTshaweni eyeindilahle phaku Khawuta kuthiwa uMaqoqa ibingunyana kaKhawuta ingaba phuthuni ubunyani balonto?
ReplyDeleteBhota maXhosa, Mna ndicela undichazele ngezinyoka zimbini zindibhidayo kuba apha esiXhoseni sithi yiNyushu lenyoka ngesingesi kuthiwa yiBlack mamba ndifuna ukwazi uba yinyoka enye na le kuba into ezenziwa yiblack mamba ziyafana nqwa nezenziwa yinyushu/ impendulo yithumele apha, zamuxolodoni@gmail.com
ReplyDeleteBhotani maXhosa ndicela ukucaciselwa kakuhle uba ubukhosi obabu ngoba kwa Sokhanyile ooNxotsa, ka xesibe,bhulingwe bude buye koo Jojo buhambe kanjani ngokuba xa ndisiva nangembali endiyifumanayo Nofikeni uthi bobakhe.ngoku andisazi kakuhle njengamntu othanda imbali ndiya lahleka kakhulu.
ReplyDeleteuNxontsa wabalana ngesondo kunye neNtombi eyayizalwa ngu Bhuku,lonto ke ngumbhulo okanye ukuhlokoma.kwanyanzeleka ukuba uTaMkhulu ka Nxontsa onguMganu akhuphe ilizwi lokuba ubuKhosi abusose buqhubeke ngo Nxontsa nango Bhuku Kuba benze iNyalo.
DeleteuTata ka.Nxontsa iXesibe wesibini ozala nguMganu wabudlulisela kuMninawe wakhe oNgu Ndi.iKhohlo.lika.Mganu base buqhubeke ngaye till iNkosi ekhoyo ngoku ephethe yakwa JoJo Sinama Ndi.
Obu ke bubuKhosi.baseQadini lika Xesibe kaNjanya esikubiza ngobKhosi.obuNcimci I Chieftaincy ngesLungu.
Kodwa ke ooJojo.ziNkosi eNkulu zamaXesibe wonke.hayi.ngoluzalwa kodwa ngamagalelo nobugorha.ndingathi.nje baziNkumkani zamaXesibe jikelele.
molweni , mna ndingu Mamtshawe, ndicela ukubuza ukuba Amatshawe azalana njani naMakwayi? ndicela ingcaciso egcweleyo
ReplyDeletemolweni kwakhona kwelikhaya ndicela khe nindiphe umnombo wamaTshawe niphinde nindiphe umnombo waMakwayi ngoba ndiqaphele into yokuba azithutha ngokufanayo
ReplyDeleteBhotani maxhosa..ndicela intsukaphi yaMAKHOMAZI oogqugqugqu...joebuyisile@ovi.com
ReplyDeleteKukho aphuma kuXhosa kubekho aphuma kuMpondomise azalwa kanje uQengeba wazala uMajola ozala uNgwanya ozala uPhahlo;kwindlu yasexhibeni uPhahlo uzele uQhinebe ozala uNtluzwana ozala uMzala.athuthwa kanje Qhinebe;Ntluzwana;Mzala;Phahlo;Mpondomise;Qengeba;Ngwanya ka Majola;Ndlebezinkulu;Mlolela wezembe;Mkhomanzi awuwelwa uwelwa ngaba waziyo ngamaMpondomise ke lawo afike emaXhoseni ehamba namaNgwevu evela emaMpondomiseni sele ekho kade awasemaXhoseni indlu ka Togu ozala uPhalela ozala uMkhomazi ozala uHako ozala uMlunjwa ozala uTyibo ozala uChamama ozala uSibewu ozala uMfongwe ozala uNyakatyha ozala uHlabisikhumba(Vellem) ozala uMasakhanya ozala uMthetheleli ozala uLethu.Bangamakhomazi endlu ka Togu(ongumTshawe) aba kodwa ayingomaQhinebe nanje ngoko nawo amaQhinebe emsebenzisa uMkhomanzi njengegama lo mlambo ophaya kwa Zulu natal.woqaphela okokuba amaMpondomise namaTshawe athande ukufaniselana ngokuthiya abantwana amagama ngenxa yokuzalana.uTshawe lo ngumtshana emaMpondomiseni.Bafaniselene ngalamagama Malangana;Sikhomo;Cira;Mkhomazi;Velelo;Malandela;Phalo;namanye amagama.
DeleteThis comment has been removed by the author.
DeleteImbali endikhe ndayiva mna ihamba ngolu Hlobo: mandulo, waaphuma umntu emanzini embethe ufele lengwe. lomfo kwakusithiwa nguDlomo, inkosi yomhlanga kuba ephuma emanzini ngaseMhlangeni. Lomfo uzele uBhucwa noKhumalo(kwindlu enkulu), wazala uMkhize (kwindlu yangasekhohlo) kunye noBhele (kwindlu yangasekunene)... Ubhucwa uthathe intonga yobukhosi, Inkosi eze emva kobhucwa yangu Ngele-Ngele, emva kwakhe yangu Buso Bengwe -Bhungani. uBhungani ebenomkhuluwa ongu Chibi noLubelo, uChibi uzele uMalangana kunye noMthembu. Bathe xa bewela izambezi badibana namaQhakancu. Maqhakancu lawo athe abiza uMalangana ngoba nguXhosa. kwathiwa ke isizwe ngamaXhosa. Xhosa wazala uNkosiyamntu.... Uthe xa ubiza le Blog wathi Embo Maxhosa? uthetha ukuthini la Embo? kuphi eMbo? kulapho kwaaphuma khona uDlomo, emachibini amaKhulu (Nile river).... Camagu!
DeleteNdine group apha ku whtaspp ithi amaDosini sinyuka sisihla bathi abanye asingoJola .singoDosini ,Mnqabashe....ndicela undithumele apha tukwayom@gmail.com ooDosini bahamba njani nooJola .xa ezi thutha uDosini uqala aphelephi?ndingavuya kakhulu
ReplyDeleteNdingena ukulungisa nje nto inye, eyeyona nto ndiyazi nasebuthongweni. Phaya kwiinyanga zonyaka wenza impazamo elahlekisa kakhulu, kuqala uMqungu, ze kwandule uMdumba.
ReplyDeleteJanuary = eyoMqungu
February = eyoMdumba
Andiva nto ngo Ntinde endinomdla kuyo mna okwangoku.
ReplyDeleteCamagu mzi wakuthi, mna bendicela nindityebisele kwelicala laMandungwane. Ndinqwenela ukwazi umbo wawo, ba asuka phi? Ba ukhona onofifi angandityebise pha ku Mfakadolol@gmail.com
ReplyDeleteImvelaphi yoo Thangana, Mbamba, Krila ithini na bethuna. I am so very interested because where we live we are the only Mabamba aphayana so kengoku asiwuchani kakuhle umcimbi. Even sesisenza amasiko kuphathiswa oo Tshawe, Dikela bonke nje ababacaceleyo kangangoba andisenamdla kwangalento kuthwa lisiko mna ngoku ngoba kaloku andinayo lanto yoba sokhe sidibane singoo Mbamba ndiyayazi ba ngumvubo nje ngulowo ufun'ubaphambili.
ReplyDeleteNingandibuzi kakhulu ke ngo why and how ngaba nam ndinomdla wabo, Niyayazi kaloku abantu bakudala babehambe begcinisa abantwana more special abangamakhwenkwe. Umkhulu ke wabhubha ebashiya nengxelo engathanga vetshe abantwana bakhe ngoba kaloku naye wayengena chance yokuzazi kakuhle eyonanto ayazi gqithi yile yalomzi wayekhulela kuwo.
Kodwa kuthwa ngowendawo ekuthwa kuse Mbango/Mbhango ingathi idolophu ngutsolo not sure. NDINOMDLA kakhulu ekwazini imvelaphi le yamabamba into endibhalise apha ndiyayibona nale yofuna ukwazi apho kwakuhlala khona la wasekhaya amabamba. Umnombo wamabamba plz.
Onenkcazelo ngomnombo or imvelaphi yethu angandithinta apha ngezantsi.
email: nwabisatshona2014@gmail.com
Ngokolulwazana lwam lufutshane isiko ngalinye xa lisenziwa kumelezeke ukuba ibengumntu wesosiduko ophetheyo. Andazi ke uTshawe lo noDikela (onumQwathi) bavuma njani ukuma entla komnye umzi. Abanolwazi oluthe vetshe mabasincede bethu umzi kaXhosa undekalahleki
DeleteWokhumbula kaloku Lungelwa ukuba amaBamba alifumana eligama lobubamba kuba kwathi ngexesha lokuyeka kuka Ngconde ukulawula amaXhosa kwaye kwabambela uKrila ebukhosini bakwa Xhosa ngexesha umzi wawusskwsyiwe ngamanye amaXhosa wabe uKrila engumXhosa womthonyama naye.uKrila wayezalwa nguTogu kwindlu yomtshekelo;uTogu uzalwa nguSikhomo ka Ngcwangu ka Tshawe.Lilonke amaBamba ka Krila ngamaTshswe phaqa.Ayiyo ngxube vange ngumnombo omnye lowo ndikugqibile thula uthi cwaka ukusukels namhlanje.
DeleteBhotani mzi wakuthi. Ndicela udibana nabo Hela base King Williams Town. Isiduko sabo ngamaNqarwane. Cell 0737366494 Email yam davidhela@gmail.com
ReplyDeletePasco: Mna ndingu dabane umekha untlokokwenyathi;ndifuna intshusamabadla kadabane umekha untlokoyenyathi.Ndithi ngumnkhwemnte lo.
ReplyDeleteNdicela ucaciselwa ngaMahegebe to thandogxota0@gmail.com
ReplyDeleteAmaHegebe
DeleteYemadoda Kanti Umqwambi yena ithini into ngaye?
ReplyDeleteIthini imvelaphi YooNyathi kabudede onokhonza
ReplyDeleteIthini imvelaphi YooNyathi kabudede onokhonza
ReplyDeleteNdiya bhotisa
DeleteNdisisizukulwana sika Pato kaChungwa, kaTshaka, kaBane, kaLungana, kaMalangane, kaKhwane, kaDepe.
Ndicela ingcaciso malunga nomnombo kaKhwane owayeliphakathi elithembekileyo kuKumnkani uTshiwo, nowathi wamwonga ngobukhosi ngenxa yobukhalipha kwakhe ukumsindisa kuhlaselo luka Nqgosini.
Ungandithumelela ololwazi kule e-mail (Tshawe.Pato@eskom.co.za).
Ndovuyiswa yinkcazeloyakho.
Ozithobileyo
Gcobani Pato
Bendicela ukucaciselwa ngobukhosi bamaqhinebe
DeleteBhotani sizukulwana sakowethu. Ndicela khe nindincedise ngomnombo kaCirha.
ReplyDeleteEnkosi
Bhotani sizukulwana sakowethu. Ndicela khe nindincedise ngomnombo kaCirha.
ReplyDeleteEnkosi
Botani,ndicela ulwazi oluphangaleleyo malunga noku,ingaba uMkhwemte wayengunyana kaCirha kusini na??..thumela pienaarsiviwe@gmail.com ndiyabulela
ReplyDeletendicela imvelo ngo cheif george pantshwa uhlanga ubukhosi basemiphandeni eqokolweni
ReplyDeletendicela ulwazi nge nkosi yase miphandeni ugeorge pantshwa kunye nomlando ngobukhosi basemagqiyeni
ReplyDeleteNdinomdla kuphando endakhe ndeva uba lwenziwe malunga neminombo yezindlu zakwaxhosa, ingakumbi izindlu zamambalu aphaya ku Centane. Onolwazi ngencwadi emalunga nalomba ndingaluvuyela uncedo lwakhe. Enkosi.
ReplyDeletendonwabe kkhulu ubona i blo yesixhosa maxhosa sime kakuhle hey..am proud of yu worse ndise amerika kodwa isixhosa ndibhace naso....masinyukeleni senze isixhosa sibe i medium of learning nakwi physics buso...
ReplyDeleteIntle! Masingapheleli ekuceleni ulwazi ngeziduko.Masisebenzeni ngolwimi lwethu kwiindawo esikuzo. Iintsapho zethu nesizwe zilindele izingqi ezibonakalayo. Khawufane ucinge! Xa kanti bandana Bantu abavakalelwayo bubuXhosa nobuNtu, kungani ukuba kunqongophale izixhobo zokuphikisana nobunganga besiNgesi kangaka? Sixhentsa sizombelela sikhulisa iinkqubo ezisekelwe ukuncedisa abantwana, kunqaba inkxaso-mali, amaqonga angawo okunika isidima kwezo zinto ziphuhlisa isiXhosa. Iimbongi, oonobalisa, ababhali; ndibala ntoni na; abakazukufika kwizinga lokuthathelwa phezulu Kula kaloku balambile. Amavili okubanika umdla axokonyezelwa kwiinkqubo zaseNtshona kuphela. Ngoku me nathi, masingazimeli ngezi blog, siphelele ukushumayezana apha kuphela.Masiquleni, sifukuzeni, sizonwabiseni ngezinto zethu. Indlovu me ayizanga yatyiwa ngexesha elinye kodwa ke ingathi sisabetha ngonyawo lonwabu madoda!Umntu okwiblog ngoku makachaze is into azenzayo ezinokunceda abanye. Kuza kuvela ke ngoku amaqhinga amatsha. Masingemi ekuqokeleleni iziduko kuphela babe abantwana bethu bengakwazi ukuzithutha singabafundisi, ndenza umzekelo andigxeki nto! Camagwini. Khangelani ikhasi lam likafacebook - lisahluma. Ndisatshaya!
ReplyDeleteUSajini uzalwa nguKrwentshula(uMsweli)ozalwa nguSombetye ozalwa nguKhekile ozalwa nguMlunjwa ozalwa nguHako ozalwa nguMkhomazi ozalwa nguPhalela ozalwa nguTogu ozalwa nguSikhomo ozalwa nguNgcwangu ozalwa nguTshawe.ngamatshawe ngokuphandle.
ReplyDeleteBhotani Mzi ontsundu nonke!!! mna ndifuna nje ubulela ngolwazi olungaka endithe ndal'zuza apha... endingakuthetha nje kukuthi uXhosa lo usuka kude kakhulu kodwa ke bantu bakuthi umvelaphi le nomlando wona niwukhe phakath kakhulu ngoba kaloku abanye bathi uPhalo yena uyafifa apha kuXhosa,,,,umbuzo wam ke uthi kuza njani umhla phezulu abeyiNkumkani yabantu afike bekho..???
ReplyDeletemolweni sizwe sakwaXhosa, ndinombuzo apha ngeziduko nezilo, ingaba zonke iziduko zinezilo zazo.cela ucedwa
ReplyDeleteAmaQhinebe azilanda ukusuka kuTogu kaSikhomo ka Ngcwangu ka Tshawe ka Nkosiyamntu ka Nkosiyane(Malandela) ka Malangana ka Xhosa ka Nguni ka Lufenulwenja ka Ntu ka Kush ka Ham ka Noah lo kuthethwa ngaye ebhayibhileni(Bible).uTogu wazala uPhalela ozala uMkhomazi ozala uQhinebe ozala uHaha ozala uMlunjwa ozala uTyibo no Matyeni ozala uMngxuma.uTyibo uzele uChamama no Somadobo amawele elidala ngu Chamama;aziwe yimfusi uTyhenge oziwa ngu Nothungashe intombi eyazalela ekhaya zange yende inzala yakhe kuthiwa ngamaThungashe.uChamama uzele uNtlebi inkulu nantso eGcuwa aziwe ngu Mbhashe oziwa ngu Nkala.uNtlebi uzele uSibewu no Tofile;uSibewu uzele uMdongwe ozele uNyakatyha ozala uHlabisikhumba(Vellem) ozele uMasakhanya ozele uMthetheleli ozele uLethu.uSomadobo uzele uMgigi ozele uNgqengqa inkulu;aziwe ngu Khekile oziwa ngu Cetywayo.uKhekile uzele uSombetye no Nyhila.uSombetye uzele uMkote aziwe ngu Mkoko;oziwa ngu Krwentshula(Msweli)oziwa ngu Khwantya no Nomkhuphiso intombi eyendela kuNgqukumengqe uMganu ngesiduko kuMpame e Xhora kwaBomvana.uMkote uzele uCimele ozele uPhuthumani ozele uNozipho no Mpampani intombi zodwa.uMkoko uzele uLenjanja ozele uSitali ozele uZakade ozele uGcinikhaya.uKrwentshula uzele uSajini;uVulithuba;uNkindwa;uNtamnani no Nomdiya intombi eyendela kuMfeketho uNyawuza eNqileni.uSajini uzele uQanyaza ozala uFanenze ozala uMgiywana no Bonginkosi.uKhwantya uzele uGosa ozala uVolibi;uKrayi;uNdlubu;uMbiko;uTshothowu no Mhlabunzima.uVolibi uzele uHedi ozele uSipho no Bongani.uNyhila uzele uSolani ozele uNgxokozelo;aziwe ngu Nonini oziwa ngu Mantintiza.uMantintiza uzele uNdleleni ozala uMphontshi ozala uJolobe.uTyhenge uzele uChophela nabanye.uMatyeni inzala yakhe isemaMpondomiseni kuTsolo naku Qumbu.kukho ezizindlu zamaQhinebe zilandelayo:uSomlolo;uPhazima;uNomandzondzo;uSodube;uNondela;uKhalanga;uNondiza;uZakaza;uDlilanga;uNjemnyama;uMshwawu no Nkonjane abantu bazo mabaxelele uluntu lwamaXhosa ukuba bazilanda kanjani ngokuzalwa kwabo kulo mnombo wamaQhinebe amaKhomanzi amaGcaleka amaTshawe wamaXhosa kuba kaloku kukho amaQhinebe azalwa ngu Phahlo ikumkani yamaMpondomise;uPhahlo kwindlu yakhe yaseXhibeni uzele uQhinebe ozala uNtluzwana ozala uMzala lawo ke amaQhinebe ngamaMpondomise afike emaXhoseni ehamba namaNgwevu.Nokhumbula ukuba amaQhinebe andidi mbini Empuma koloni(Eastern Cape)amanye ngamaXhosa wambi ngamaMpondomise.
ReplyDeleteThis comment has been removed by the author.
DeleteNdicela ukunatyiselwa ukuba kuphi embo
ReplyDeleteuMdange yena usuka phi?
ReplyDeleteBhotani sizukulwana sikaXhosa... Bendicela ukucaciselwa ngokubanzi ngeziduko zakwaXhosa:kukuthini ukuzithutha? amaTshawe athini xa ezithutha?
ReplyDeleteUMdange uzalwa ngu Ngconde ka Togu ka Sikhomo ka Ngcwangu ka Tshawe.ungumTshawe ngesiduko liqadi lendlu enkulu yakulo Tshiwo. UTshiwo yinkulu ka Ngconde ekwayi kumkani yama Xhosa onke ukusuka e Mzimkhulu ukuya e Kapa.Ndisadla amafutha.
ReplyDeleteUMdange uzalwa Ngconde ka Togu ka Sikhomo ka Ngcwangu ka Tshawe.
ReplyDeleteAmaDosini
ReplyDeleteAzalwa ngu Ndosina(Dosini) ozele uNqabatshe ozala uNcelenduna ozala uMqorana ozala uHala ozala uMarule ozala uMxoko ozala uGxaba.yinzala ka Ndosina leyo.uNdosina uzalwa ngu Ngcwina ka Ntose ka Malangana ka Njanye ka Sikhomo ka Ndunu ka Mpondomise ka Njanya ka Sibiside ka Sidweba ka Ndlozela ka Langa ka Zalankomo ka Nkosi.ziinkosi zabe Nguni base Mbo.uMbo lo asilo gama lamntu ligama lendawo ababefikele kuyo e Tanzania. Xa babesuka emantla we Afrika(Northern Africa).
Molweni maxhosa mna ndicela umnombo wamaQwathi.
ReplyDeleteMna bendicela umnombo wamma Cirha
ReplyDeleteZULU NATION
ReplyDeleteUMnguni wazala uNkosinkulu owazala uMdlani ozala uLuzumane ozala uMalandela ozala uNtombela ozala uQwabe no Zulu inci. UZulu wazala uGumede ozala uPhunga ozala uMageba ozala uNdaba ozala uJama ozala uSenzangakhona owazala uShaka;uDingane no Mpande.uMpande wazala uCetshwayo ozala uDinizulu ozala uSolomon ozala uBhekuzulu ozala uGoodwill Zwelethini(the present king).
ULethu uzalwa nguMthetheleli ozalwa nguMasakhanya ozalwa nguHlabisikhumba(Vellem) ozalwa nguNyakatyha ozalwa nguMdongwe ozalwa nguMbhashe ozalwa nguSibewu ozalwa nguChamama ozalwa nguTyibo ozalwa nguMlunjwa ozalwa nguHaha ozalwa nguQhinebe ozalwa nguMkhomazi ozalwa nguPhalela ozalwa ngu Togu ozalwa ngu Sikhomo ozalwa ngu Ngcwangu ozalwa ngu Tshawe.
ReplyDeleteU Xhosa yena uzalwa ngubani ndicela ubuza
ReplyDeleteNaku ukwenzeka ukumkani uNtu wazala uLufenulwenja owazala uMnguni owazala uXhosa(inkulu) aziwe ngu Nkosinkulu nabanye.uXhosa wazala uMalangana aziwe ngu Zizi oziwa ngu Suntu.uMalangana wazala uMalandela owazala amawele uNkosiyamntu elidala no Nkosiyane inci.uNkosiyamntu wazala uCirha(inkulu);uJwarha(ekunene); uTshawe(eqadini lendlu enkulu) no Qwambi(exhibeni).
ReplyDeleteBayazekana njengazo zonke izizwe ezilapha kwa Xhosa(Eastern Cape and Western Cape) esele zandile kwathethwa thethwana kwamandulo ukuba makuzekwane ukuze kwandiwe.
ReplyDeleteFonela kwezi nombolo 0835429474;0603413839;0735109233 uzodibana neengcali zeziduko zizakunceda ngalo mlandu weziinkosi uzifunayo.
ReplyDeleteUNtshewu uzalwa ngu Qhinebe2 ozalwa ngu Winana ozalwa ngu Mayile ozalwa ngu Sombetye ozalwa ngu Khekile ozalwa ngu Mgigi ozalwa ngu Somadobo ozalwa ngu Tyibo ozalwa ngu Mlunjwa ozalwa ngu Haha ozalwa ngu Qhinebe 1.ozalwa ngu Mkhomazi ozalwa ngu Phalela ozalwa ngu Togu ozalwa ngu Sikhomo ozalwa ngu Ngcwangu ozalwa ngu Tshawe ozalwa ngu Nkosiyamntu.
ReplyDeleteUMaziphathe uzalwa nguMalawana owalekelwa nguNdazi ozala uThulani;Thembinkosi;Loyiso no Sanele.uMalawana no Ndazi bazalwa ngu Ngxobovana oziwa ngu Nkarhazo bona bazalwa ngu Sonamzi ozalwa ngu Xekethwana ongumninawe ka Khekile bona bazalwa ngu Mgigi ozalwa ngu Somadobo ozalwa ngu Tyibo ozalwa ngu Mlunjwa ozalwa ngu Haha ozalwa ngu Qhinebe ozalwa ngu Mkhomazi ozalwa ngu Phalela ozalwa ngu Togu; ngamaKhomazi;amaGcaleka;amaTshawe ;amaXhosa lana.
ReplyDeleteNdikhumbula ezingwevu zakokwethu uNyameko;uLamla no Bhunu(Ayanda) bona bazalwa ngu Jinja(Ginger) ozalwa ngu Tsetse(Aah Fudumele)ka Sajini ka Krwentshula(Aah Msweli)ka Sombetye ka Khekile ka Mgigi ka Somadobo ka Tyibo ka Mlunjwa ka Haha ka Mkhomazi ka Phalela ka Togu ka Sikhomo ka Ngcwangu ka Tshawe.
ReplyDeletePhaya kula ncwadi ithi zemka iinkomo magwala ndini kubhalwe umlando othi u Xhosa wazala uMalangana(inkulu);kuze uZizi;oziwa ngu Suntu.uMalangana wazala uNgcwangube owazala uNkosiyane owazala uNkosiyamntu owazala u Cirha;u Jwarha;u Tshawe no Qwambi.uTshawe uzele uSikhomo ozala u Togu.kwindlu esekunene u Tshawe uzele uNgcwangu ozala u Thembu. Ithi ke le ncwadi kulapho kudibene khona amaSikhomo nabaThembu. Ndicela abantu abanolwazi ngalo mlando bavele bahlabe amadlala okanye bangqine ngokunyaniseka kwawo Mzi ka Xhosa ka Nguni ka Lufenulwenja ka Ntu.
ReplyDeleteKwalencwadi inye iphinde ithi u Gwali ozala amaGwali yena uzalwa ngu Togu ngo Mthwakazi;akazalwa ngu Tshiwo.
ReplyDeleteUJolobe uzalwa ngu Mphontshi ka Ndleleni ka Mantintiza ka Nyhila ka Khekile ka Mgigi ka Somadobo ka Tyibo ka Mlunjwa ka Haha(Ah!Qhinebe)ka Mkhomazi ka Phalela ka kumkani uTogu(kwindlu yomphanda).
ReplyDeleteMolwen ndicela ukwaz intsusa ku marhudulu ,nxuaba
ReplyDeletekwiziduko ezi zethu zinkosi zodwa naa ezi zikhankanywa okanye ngumntu wonke owaye khona ngeloxesha uba akunjalo ncela uchaze uba zize njan.
ReplyDeleteNdingathi kwabakuthi masibuyeleni embo izinyanya zakowethu zisinjongile silahleka nje umxhosa makazingce ngemcelaphi yakhe azidle axelise igusha sisela amanzi kubanda camagu
ReplyDeleteHayi Mna bethuna ndisafuna, imbali ngamaxesibe ndiyeva ukuba nale ishicelelweyo,ayiphelelanga- ngoko ke bendicela mzi kaPhalo ukuba yenziwe iphelele, Kwangaba bebeyiqalile kephofu.
ReplyDeleteHe Bantu Bakuthi mna ndicela ukuphendulwa apha
ReplyDelete(1)uNguni uzele UXhosa, uNdebele, uZulu No Swazi. aba abntwana babengobani iziduko zabo. yena u Nguni wayengubani esakhe isiduko.
(2) U Xhosa ukuze azale u malangana wayemzala ku Mam bani? Ngubani isiduko salo Mama wayezala kuye uMalangana
Ukuba ndiphawula kakuhle, amaXhosa ayingobantu abayilanda kakhulu imvelaphi yomntu obhinqileyo. Nawe ukuba uyaqwalasela apha xa kuchazwa iinkosi zomthonyama akuchazwa ukuba unina owayezala ubani ngumamni. Lo nto ke ibangwa yinto yokuba umntu obhinqileyo ebengadlali ndima nanxaxheba inkulu kubukhosi bakwaXhosa. De lo nto ibabekele bucala sele engumafungwashe, engenakho ukuthabatha ubukhosi. Kodwa ke kule mihla izinto ziyajika, kuba sibona utshintsho. Ngoko ke andiqondi ukuba kungalula ukufumana impendulo kulo mbuzo wakho, de abe ubani ufumana incwadi enenkcazelo ephangaleleyo ngomnombo weenkosi zomthonyama.
ReplyDeleteNdisatshaya!
Ndiselityedyana kodwa ndonwabe kakhulu ukwazi imbali yee kumkani zakwaXhosa
ReplyDeleteCamagu mzi sizukulwana sika Xhosa. Mna ke ndi Jojo uTieka uButsolo bentonga uZkhali mazembe. Ndinomqweno omkhulu wokuba igama elithi MQoco liphuma kubani na. Avela kweliphi icala esizweni sakwa Xhosa. Standile1@gmail.com
ReplyDeleteIsizwe esikhulu sabaThembu sikaZulu. Sizibiza ngediduko Sam, uZwane. Sihlukene kabini, esibizwa ngoDlomo/Seme/Hlengwa/Hlengwe/Seke/Sengwa = abantu besinkwa, UNdaba/Ndambi = Manzi = Cuphu = Ngcobo = Mali = Madi = Metsi = Musi = Muli = Mudli ka Jama, inkosi yakwaZulu, umne waMkabayi noSenzangakhona, uyise woMthimunye/Mthimuni/Ntamonde/Machi/Ntose/Thusi = Mzilikazi or Ezricam, ngibiza isihlalo sobukhosi hhayi lo owahamba wama eZimbabwe. OMthimunye amaNdebele agcwele iAfrica yonkana.
ReplyDeleteAbantu boMlambo = Dlamini = Dlambo = Sambo = Samu = Samuel. The rulers of Samuel are Joel and Abia/Habana/Wabane = Dube/Ndobe/Ndoveni or Mthombeni. AmaSambo aphuma kuSoshangane, as isizwe samaZulu, so amaShangana. Isizwe esikhulu kumaShangane or Magwaza or Magwada uMazwana or Mazwane or Zwane or Matiwane or Maliwane or Maziya. Umthimunye ubizwa ngoMazinyane ngaloko ukuthi iphuma khona la emaShanganeni.
UXhosa noZulu isizwe esisodwa. AmaXhosa siwabiza ngoKhoza noma Ngoza (wakwaMthembu) noma uHoza or Hosa or Mawusa or Mavuso or Emmaus or Hudla or Hadla (kwaZwane or eMangweni) or Atara (Bible) or Hodes or Hude or Jude or Juda or Wundla or maBandla, which is why inkosi uZwelithini kuthiwa iSilo samaBandla.
Umuzi kaDinizulu engiphuma kuwo kukwa-Celinhlanhla ongaphansi komkhulu owaDinizulu eNsindeni. INsinde uMlambo, oMzimela, oZungu, oMsweli Oe Moshoeu or Somtsweu or Maseru or Masuku oNdwandwe indlu kaDinizulu.
Ayikho into yokuhluka kwaziwe ngokungelamani. Into kuphela izihlalo zobukhosi nezifundazwe or izigcau or izikhawu ezihlukile ngokwahlukana kwamakhosi akwaZulu.
Camagu = Thagacu = sasiviza kanjalo sisahlala eKenya. Uma ulandela umlando abantu baseKenya bayasho ukuthi obani abehla besala bona. Camagu also = Camane = Chamane = Ncamane = Wosiyane = Hosean = Osee = Nsele = Nxele = Nqele = Nzama (eMaphumulo, KZN = oDibandlela, oMthiyane/Matiwane = bavela kuthi eChwebeni kwela kwaManukuza eSt. Lucia, KZN, yonke leyondawo eyakwaMthethwa or Mbhekane or Princes of Mabhena or Baloi or Valoi or Phalo or Phunga or Bhunga (oBhungane), oBiyela, oPhangweni/Mpangeni oMaluleke/Gcaleka/Mkhwanazi/Maonathi/Nkwanyana/Ganyana of the Zizi/Nongama/Nongoma.
We are 1. Being one does not mean we lose our identity, it means we gain our true identity.
ithini elibali
DeleteMna ndingathanda ukwazi ngesibongo samatiyane, oondinga, ootshulase, oonokhalipha, oonhanha, oompeko, oombambalalana, ootshukuzindlwana, osigqumankungwini kukhalizizwana oonyokemnyama ecandisiziba uba badibana ndawoni na no nyawuza Kuba apho kuzalwa khona ookhokho bethu kukwa matiyane kodwa thina sibizwe ngoba singo nyawuza. Umntu onolwazi makancede adlulise umkhondo ndilahlekile
ReplyDeleteSiyaphikisana ke thina eMaqhinibeni
ReplyDeleteAyde ivele uba uXhosa lo uzalwe ngubani, ndifunaukwazi. Xhosa, Zulu,Swazi. Nomnye wesin. Kuthwa bane xa ndisiva bazalwa ngubani
ReplyDeleteMna bengifuna ukuqonda amampemvu athakazelwa kanjani asuka ekephi ngiyabonga
ReplyDeleteUngaphendula la sivejali88@gmail.com
Mbamba, Krila, Thangana
ReplyDelete. uThangana uzala?
Mbamba, Krila, Thangana
ReplyDelete. uThangana uzala? mastaclik@webmail.co.za
Mna cela ubuza Isilo so Tangana yintoni
ReplyDeleteMna ndicela ubuza imvelaphi yorhadebe noba basukaphi
ReplyDeleteMna bendicela ubuza uJola uQengeba uDosin bazilanda kunde kubephi
ReplyDeleteCamagu, ndicela nijonge ipage yethu ebizwa i Bantu Lingua Culture. Ngayo sizama imvusrlelo yamasiko nezithethe zakwantu ngokuthengiza impahla ezipapasha ubuntu... 'thina singabesembo'
ReplyDeleteKwi Facebook, @KonnectMzansi, @BantuLinguaCulture
ReplyDeleteMolweni mzikantu. Le imbali.nolulwazi lunzulu lutyebe kangaka lundenza ndichulumance kakhulu. Imbali ngobume bethu singumzi ontsundu iyakuthi ize iphakame yaziwe ibhalwe ngesiba nangobungcali obuphuma kuthi.Saguqulwa ngoondlebezikhanyilanga ngoku ithuba lifikile ukuba thina siphinde siguquke sibuyele ebuntwini bethu khonukuze sifumane ukombeswa siphehlelelwe ngobulumko nangamandla okuxhamla impumelelo nenkululeko egqibeleleyo.
ReplyDeleteMna ke NdinguNgxowayesizwe Gaika kaNgqika. NdinguMtshawe eKapa kwaLanga.
Ndisatshaya...
Ndicela ukwazi ngeziduko zoJola ,uNdoyi uvelaphi yena kweziziduko nendlela ezithi zilandelelane ngayo xa uzilanda
ReplyDeleteUmntu onondinceda ekutolikeni amaphupho
ReplyDeleteMusa undibanisa into ngandibani apha Dlomo nezinye mazulu mkhize.umntu wokuqala nguNtu wandalelwa phakathi kwehlathi lahlula Congo kunye ne niger Untu wazala uNguni yaze uNguni ekuhambeni kwakh ezingela wahlanga nama khoi san watshata intombi yekhoi San batsho bazala abantwana bane 1.Xhosa
ReplyDelete2.Luzimani-wazala malandela yena wazala uZulu kunye noQwabe
3.uNdebele
4.Swati
Mzontsundu ngokulingana, ndicela ubuza ngemvelaphi yamaKhoza, oNgwane oMthi oNongalo, oNakede, oSwele oNgwaja
ReplyDeleteEwe bahlobene baphuma sendeni linye ubunojonga ihlobo esenzangalo amasiko ethu linye mna ndingu mjwarha mazaleni ujotela usocutshana ukhwitshana usoga untaka ubooi aaa jwarha
ReplyDeleteNdcela isiduko Sika Sika Phalo... Ndingu Phalo oobhoma
ReplyDeleteMolweni Sizwe sakuthi.ndicela uncedo ngeziduku zamaNzotho.ndicela nizithumele kule email;thulanimei1@gmai.com or WhatsApp kule number 0739678990 .ndiyabulela
ReplyDeleteInvelaphi yamantshe andiyiboni apha
ReplyDeleteIs this blog still in use
ReplyDeleteImvelaphi Yama hlubi yona
ReplyDeleteU Radebe usuka phi
ReplyDeleteMolweni,mna ndicela uncedo ngamaBamba..kuthiwa azinkosi njani,ndikwacela nemvelaphi yawo..enkosi ungandithumela apha deshathandisile1972@gmail.com
ReplyDeleteEsethumthuthuzeli@gmail.com
ReplyDeleteBhota mzontsundu
Isicelo Sam sinye ndiqaphela ukuba xa uMzima no Madiba bezithutha bazithutha ngadlela inye ndicela ukwazi ukuba Ingaba esisibini siyahlobsma okanye undiphe I'm velaphi yabo bobanini
Email yam nantsi:
Esethumthuthuzeli@gmail.com
NDICELA ULWAZI NGAMAMBALU KANQENO KUCENTANE
ReplyDeleteBhotani
ReplyDeleteMna ndinguMaLeta ndicela imvelaphi yaMantakwende . Camagu