Thursday, July 15, 2010

Zingce ngolwimi lwakho

Bhotani maXhosa

Ngokokwam ukucinga, abona bantu bajongelisa phantsi ulwimi lwethu ikwa sithi bantu balo! Kukho izinga eliphakamileyo lokwamnkeleka kwemeko yomXhosa ongakwaziyo ukuthetha isiXhosa okanye naluphi na olunye ulwimi lwabantsundu. Ewe amaxesha ngamanye, kwaye phantse yonke into yenziwa ngokusebenzisa ulwimi lwasemzini - isingesi ke, kodwa ilihlazo elinganyamezelekiyo ukubona umXhosa ongakwaziyo ukuthetha ulwimi lwakhe futhi angabi nawo nomdla wokuzazi nalapho asuka khona.

Ewe, lomba udala ingqondo-mpikiswano ngoba, umzekelo - nam enyanisweni njengonozala osemtsha, iminqweno yam kukuthumela unyana wam kwizikolo ezisezidolophini - apho ke kuhlohlwa ngesilungu. Bendisoloko ndizithembisa ngelithi, uyakuthetha isilungu eso phaya esikolweni kodwa xa efika ekhaya uzakuthetha isiXhosa. Mva nje, ezozicwangciso ziya zisiba yimibono ngoba nasekhaya ngoku kusetyenziswa ulwimi lwesingesi ukulungiselela umntu osincedayo ophuma emantla eAfrika.

Kuyo yonke lonto, andethi-mandla ekuziqhayiseni ngobuXhosa bam - ndingumXhosa kwaye ndiyazingca ngalonto! Ndizimisele ukwenza konke okusemandleni am ukukhulisela abantwana bam ekusazini isiXhosa nentsingiselo yamasiko aso.

Ingaba usengxakini yokungasazi isiXhosa? Yintoni unobangela? Uyafuna ukusazi okanye wanelisekile yimeko okuyo? Khumbula ukuba, ngokwaneliseka kwakho ekungalwazini ulwimi lwakho unyhasha uhlanga lwakho. Lonto eyenza ukuba kukhule iilwimi zasemzini, kude kucace ukuba olu lwethu ulwimi sinentloni ngalo.

Iyandikhwankqisa into yokuba, xa umXhosa ethe wabhuda isilungu kwintetho yakhe - kuqala kwathina ukujongana ukubonakalisa ukumenyelisa okanye ukuhlazeka yilonto. Mamela owasemzini ke xa ethetha isilungu esingekho-mgangathweni - anqwale nje umntu omnyama ukubonakalisa ukuba uyayiqonda ukuba ufuna ukuthini (ungenzi njalo nje nakulo wakuni?). Into eyenza lento kukuba asizindli ngokungakwazi kwethu ukuthetha isilungu, lonto eyenza uba sicinge ukuba ilihlazo lonto.

Zidle xa usophula ulwimi olungelolwakho ngoba olwakho uyalwazi! Kwaye yithathe njengempumelelo ukwazi ezinye iilwimi hayi ngokunyanzeleka. Kulungile kananjalo usityabula isilungu ukusithetha oku, kodwa ngokokwam ukucinga - yiba kanti uyalwazi nolwakho ulwimi.





Tamara Booi

Imvelaphi yomXhosa

Ithi imbali uXhosa wayesisinyanya samandulo esasiliqhawe ezimfazweni, uhlanga lomXhosa lwaza lwathiywa emva kwaso. Isizwe somXhosa ke sisizukulwana sesinyanya eso. Ngokwalembali, uXhosa lo wayezalwa noZulu, noSwazi bezalwa nguyise wabo uNguni.

Xa ndikhangela ke, akukho enye imbali endiyifumanayo ngaphandle kwa le ingentla. Lonto ithethe ukuthi ngenene uhlanga lwethu lwalusemnyameni ngokwasekubhaleni. Asinolilela ubisi olwachithekayo ke, okukokwethu kokokuba sifundise, sibhale ngesiXhosa, khon'ukuze inzala yethu ibenolwazi oluphangaleleyo ngemvelaphi yethu ukususela kulembali ingentla ukuya phambili.

Kude kube lixesha elizayo!



Tamara Booi