Ngombhali


UTamara yintombi eyodwa kwilisu elinye lendlezana yaseMazizi. Uzalwe ekhaya engumntana wentombi waza wabonwa, wathathwa luzwathi lomfana wakwaRhoyi kwaBooi. Inkaba ilele kumhlaba waseDutywa kwiLali yaseColosa, kwikhaya likabawo uKupiso. Isinkqa ke saza sawela kweleentlanzi eKapa. IsiXhosa ke ibe lulwimi lokuzalwa kuye, wakhuliswa ngalo, waza waqeqeshwa kwangalo. Ube ngumntana obonise umdla nomdlandla kumasiko, inkcubeko kunye nembali yakhe njengomXhosa. Eli lelinye ibakala lokuzama ukufunda banzi ngemvela-phi yakhe njenomXhosa.