Thursday, July 15, 2010

Imvelaphi yomXhosa

Ithi imbali uXhosa wayesisinyanya samandulo esasiliqhawe ezimfazweni, uhlanga lomXhosa lwaza lwathiywa emva kwaso. Isizwe somXhosa ke sisizukulwana sesinyanya eso. Ngokwalembali, uXhosa lo wayezalwa noZulu, noSwazi bezalwa nguyise wabo uNguni.

Xa ndikhangela ke, akukho enye imbali endiyifumanayo ngaphandle kwa le ingentla. Lonto ithethe ukuthi ngenene uhlanga lwethu lwalusemnyameni ngokwasekubhaleni. Asinolilela ubisi olwachithekayo ke, okukokwethu kokokuba sifundise, sibhale ngesiXhosa, khon'ukuze inzala yethu ibenolwazi oluphangaleleyo ngemvelaphi yethu ukususela kulembali ingentla ukuya phambili.

Kude kube lixesha elizayo!



Tamara Booi

31 comments:

  1. Okokuqala mandizibulise kuwe mnta' kaBooi, ndibulele maan kakhulu ngelithuba usinike lona lokubheka emva sikhumbule ezamandulo. Esiphila kulo kaloku namhlanje ixesha lisiphangile, lasishiya sibhidekile - okomntu lo ugwetywe engenagqwetha! Asisazi nokuba sibheka pha okanye siza nganeno.

    Ndiqale ke le mbalelwano ndifuna ukuphosa amafutshane ngalembali kaXhosa. Indincumisile, yenza kwakho nto izolayo kwelinzulu kum. Ewe andikhumbuli kukho mbali inje ibhalwe phantsi endakhe ndahlangana nayo, kodwa ngenxa yobuvuvu obuninzi endibufundileyo (obubhalwe phantsi)ngathi sizwe esintsundu zezinye iintlanga, eyam intliziyo inxanelwe kukukholelwa nayiphi na imbali, eyakhayo, ebaliswa ngesizwe sakuthi. Ndisezokuphanda kodwa okwangoku, imbali enikwe phezul' apha iyandoneza. Enkosi.

    ReplyDelete
  2. Ndiyabulela ngokuthi uphefumle mfo kaNongqo!

    ReplyDelete
  3. Sikhokele TshangisaMay 23, 2012 at 6:57 AM

    Ngxatsho ke nto KaBooi,okokuqala mandibhotise ndibulele pha kumfo ka Nongqo ngokuphalaza eyakhe imbilini kulo mba ubaluleke kangaka.

    Mna ndithanda ukuthi ewe sifana nqwa neempula zikalujaca kwelinqanaba lamasiko(singabantu aba bangathi abanawo tu amasiko) kodwa ke mabandla kaPhalo masingalahli mbeleko ngakufelwa, makuzanywe iindlela ezitsala umdla wabantu abatsha ukuze bamanyane apha kwisintu, IsiXhosa ke ukutsho.

    Andazi nokuba ndiyayiloza na, kodwa zikhona izinto ezifana nemixhentso neengoma zakwaXhosa, mazike zityelele zonke iindawo ezinabantu bakuthi, Ndiselapha kulomba wokutyelela, inkosi yethu (UZwelonke Sigcawu)makahambele nezinye iindawo, angapheleli ezilalini, nathi sazi noko ukuba sisenabo ubukhosi. Enkosi

    ReplyDelete
  4. ukumnkani waMaxhosa maka bonakale eluntwini lonke lwakhe, kuzo zonke indawo ezina Maxhosa. sinqwenela abonakale njenge yaMazulu. nathi sizingce ngeKumnkani yethu. enye into kutheni sine kumnkani ezingaka? kodwa zithetha isiXhosa

    ReplyDelete
  5. athini Amazngwa xa ezithutha kwakunye namasiko awo onolwazi makandincede.

    ReplyDelete
  6. Msitheli Tukwayo
    Ngxatsho ke mzo ntsundu
    ngu Dosini oxakwe kuzi thutha andazi noba ndithi
    qengeba ,mpankomo,nonkila tholelomthwakazi njlnjl
    Ndicela uncedo

    ReplyDelete
  7. Aaaaaaaaahhhhhhh! Mziwaka Xhosa, nam ndiyazibulisela namhlanje juni mawethu, ndinombuzo umnye nje qha, Ingaba ithinini ivelaphi yamaNgwevu, ngamanye amazwi ndicela undivezele umnombo wawo, enkosi,

    fikile!

    ReplyDelete
    Replies
    1. Bantwana bomgquba!! #enemincili

      Mandibhotise kuni nonke nto zobawo, mna ke ndinguTshangisa, uZulu, uMhlatyana, uSkhomo, uMngwevu, uRhudulu, uSnuka, uBhodl'inyama, ndiphuma phaya ezantsi kumhlaba waseGobe kwisithili sakuCentane. Ndiza kuwe nto kaBlauw

      Mandulo phayaa ngemfazwe zakwaXhosa kwafika iingwevu zikaZulu ziphuma lee kumhlaba waseNatal zisiza kwelakwaXhosa, zafika ke zancedisa uTshawe ekulweni imfazwe, kwathi ke emva koba beyoyisile lo mfazwe waze uTshawe wazibulela ngoba azisikele uMhlatyana kwesizwe sakhe. Yilo mbalana endinayo ngaMangwevu ke mntakwethu, ndandiyifunde kudala ndisedyongo.

      Ndimkile bantakwethu

      Delete
  8. Goba

    Ndingu Zotsho,uXolo, uDunywa ,Nomyezo
    ndinqwenela ukuzazi kakuhle kuba minzi umbhodamo kwesiduko Singu Zotsho..............ndipha KuGatyana.

    ReplyDelete
  9. Molweni bathandekayo. NdinguSiphokuhle Mpomane kuQumbu eMahlungulu. Ndazi ezi ziduko zilandelayo kwiziduko zam. Ndicela uba kukho umntu ukwaziyo andongezelele. Hlathi, lisa jambase mfene sanzanza owanzanzazela emntwin kwatsho kwavela umntu ndlazana canzi ciki ngcagala ngethe mazabiwe mazinywa'mhlophe bhabhez'ilokhweni hlangomv'eliweni Khiba khamadi a Phofolo dosoyi. Ababaziyo bathi bayathakatha kodwa ithi eyam ayifani neyakho kuba thina asithakatheli kubulala sithakathela impilo udlumhluzi inyama engayityanga. Umpundu zincinci zilingene ukuzusa. Ndicela nongeze

    ReplyDelete
    Replies
    1. Mholo Jambase

      Ngu Aphilile Mboyi lo,uHlatihi,uMfene, uLisa, mandingandi kakhulu ke mfo ka Mpomane, kodwa ndinqwenela ukhe sidlane iindlebe malunga nalomzi wokhokho bethu. Ndizalelwe ndakhulela eLusikisiki eMampondweni kodwa imvelaphi ise Ladyfrere kwilali yase Qoqodala, Ndisisizukzuku sika Mkhetho. Ndifumaneka kule nombolo-0630651678, ndifumaneka nanini na.
      Ndiyabulela

      Delete
  10. Mandizibulisele nam mzi ka Phalo sizukulwana sika Gcaleka, ke mna ndinguMyalo, Thoyana, Mbotho, Phama ndipha eMtata kwilali zase Qokolweni, nam bendifuna usazi kabanzi esisiduko saseMayalweni nemvalaphi yaso, onolwazi ndicela andicela andincede......Enkosi

    ReplyDelete
  11. Mandizibulisele nam mzi ka Phalo sizukulwana sika Gcaleka, ke mna ndinguMyalo, Thoyana, Mbotho, Phama ndipha eMtata kwilali zase Qokolweni, nam bendifuna usazi kabanzi esisiduko saseMayalweni nemvalaphi yaso, onolwazi ndicela andicela andincede......Enkosi

    ReplyDelete
  12. Ndizibulisele kuni bantu bomgquba. ngumamCirha lo. Andazi noba ndiphuma ecaleni. Ukuba kunjalo mandicele uxolo kwangoku. Ndinombuzo, ndicela ukwazi ukuba apha kwaXhosa sinalo na isiko ekuthiwa "kukubuyisa izihlwele okanye ukufaka izihlwele" Camagu

    ReplyDelete
  13. Mandizibulisele mzontsundu umzukulwana ka Gcaleka ndizawuza kuwe mcirha ndikwa nguye umcirha nam pha kuGatyane, ndizawuqala ngeligama lithi isihlwele xa ndili cikozela ndingathi ligama lemboleko kwalapha kuthi mzontsundu ligama eliye lisetyenziswe ngamagqirha ibe wena ungu ncibane lingekho kwimvelaphi yakhi ndize kumbuzo wakho wokubuyiswa kwesinyanya ikhona lonto, yenzeka xa kutshone intloko yekhaya utata ke ukutsho oko xa egqityiwe ukuzilelwa ngenkomo kuye emveni kwethutyana elide ngokushiyana kwamandla nempiko zokwenza uye abuyiswe ngenkomo lilapho elam ulwazi ndisemile apho enkosi.

    ReplyDelete
  14. Ndinombuzo . Umntu xa ubhubhele kwenye indawo ubuyiswa njani ngantoni kwenziwa ntoni kanjani.

    ReplyDelete
  15. Ndicela ukubuza . Xa umntu ebhubhele kwenye indawo ubuyiswa njani ngantoni kwenziwa ntoni kanjani . Camagu..

    ReplyDelete
  16. Ndiyayiva ukuba uXhisa,uZulu noSwazi bazalwa nguNgni,cela undibalele bonke abantu abazalwa nguXhosa

    ReplyDelete
  17. NdiliJola ungwanya uphahla uzwelibanzi , ndicela ukwazi ngeNkosi zamampondomise ezikhoyo ngoku.

    ReplyDelete
  18. Ndingu mamngxongo ndicela ukwazi kabanzi ngamasiko nezithete zamangxongo, isikakhulu xaku tshatiswa, utsiki,ukuqatywa nezinye

    ReplyDelete
  19. Ndicela ukwazi ngeziduko Zakwa Mapoma
    Enkosi

    ReplyDelete
    Replies
    1. Endimaziyo mna... NgamaMfene oHlathi ooLisa ooJambase... BaseLanti, eLady Frere...

      Delete
  20. Ndiyabhotisa mz'ontsundu wakwantu
    Ndicela ukunatyiswelwa ngomnombo wama Khwetshube OoYokazi.

    Ndizinze Kwisithili samampondo EBizana.

    ReplyDelete
  21. for real.............this is useless

    ReplyDelete
  22. akhonto iyenzayo lomnqundu wento

    ReplyDelete
  23. Mhlonitshwa ndicela undiphe ulwazi ewunalo malunga neencwadi esele zibhaliwe zesixhosa ezinge mbali yesizwe samaXhosa. Ukusuka kumaKhosi ethu anje ngoHintsa ukuya kwizithethe zethu neendlela zonkwenza izinto. Umzekelo incwadi ka henderson Soga ethi Life and Customs of Xhsosa people, enye ithi AmaMbo, AmaLala nabe Ngunu. Enye ka Themba Ngadi (edited) ethi the Last War of A Great Xhosa Warrior- Maqoma. I need books of this kind.

    My email address : nqavane3@gmail.com

    I just need names and i will do the search and acquire the books on my owns.

    Enkosi

    ReplyDelete
  24. Mandizibulisele nam kwelikhasi lemvelaphi yomz'ontsundu, bendicela unatyiselwa ngomnombo wamaqwambe ooHolomi nemvelaphi yawo

    ReplyDelete
  25. Can uzalwa yintombi wenzelwa amasiko kulomama abe notata wakho ezalwa yintombi umnombo siwulanda miami kulemeko. Uma ngumagcaga oo ndongana utata uzalwa tintombi kwamawawa.oompafane. ndicela maxhosa amahle ka phalo ugcaleka namanpondomise amahle kaSibiside unjanya ugcaga

    ReplyDelete
  26. Camagwini maXhosa amahle... Ndicela ukunikwa umkhombandlela kulomba ndiza nawo... Ndilithunjana lika MamTshawe, oyinkosikazi yase maMfeneni.. umama undifumana emveni kweminyaka emininzi kwatshaba uJambase... Kodwa umama zange agoduke wakutshaba umyeni wahlala apha emzini wakhulisa abantwana bakhe...nam ndakhulela kwelikhaya lasemaMfeneni, ndabiza isiduko walapha kodwa zange ndenzelwe silo lapha. Kwathi ke kuba wayesemtsha... Wadibana noNdlovu (wayetshatile utata eninzi wakhe) kwaze ke kwakho mna... Ngubani esona siduko sam...xa kufuneka ndenzelwe amasiko (ukuqatywa okanye imbheleko) ndenzela ngesiphi isiduko?
    Sesi walapha emaMfeneni kuba ndikhulele apha okanye sesikatata ondizalayo okanye ndiwelela emaTshaweni kulo mama???

    Ndicela uncedo maXhosa yeyele kum ngoku...

    ReplyDelete
  27. Mandibhotise kuni bantabakothu, ndithi mandibulele ukuba kubekho abantu abachubekileyo ngokwenqondo oluhloba ngoba kaloku siyadinga ukuba sihambe-sihambesazi ngemvelaphi yethu, siyiliqela imibhalo ndiyifunda Malinga nemvelaphi yethu.
    Mna bantabakothu ndizocela uncedo apha emntwini onolwazi oluphangaleleyo andichazele ngemvelaphi yeFani yam, mna ndingu Nangamso Nohlaba kodwa andinalwazi ukuba sisukaphi siboNohlaba

    ReplyDelete