Thursday, July 15, 2010

Zingce ngolwimi lwakho

Bhotani maXhosa

Ngokokwam ukucinga, abona bantu bajongelisa phantsi ulwimi lwethu ikwa sithi bantu balo! Kukho izinga eliphakamileyo lokwamnkeleka kwemeko yomXhosa ongakwaziyo ukuthetha isiXhosa okanye naluphi na olunye ulwimi lwabantsundu. Ewe amaxesha ngamanye, kwaye phantse yonke into yenziwa ngokusebenzisa ulwimi lwasemzini - isingesi ke, kodwa ilihlazo elinganyamezelekiyo ukubona umXhosa ongakwaziyo ukuthetha ulwimi lwakhe futhi angabi nawo nomdla wokuzazi nalapho asuka khona.

Ewe, lomba udala ingqondo-mpikiswano ngoba, umzekelo - nam enyanisweni njengonozala osemtsha, iminqweno yam kukuthumela unyana wam kwizikolo ezisezidolophini - apho ke kuhlohlwa ngesilungu. Bendisoloko ndizithembisa ngelithi, uyakuthetha isilungu eso phaya esikolweni kodwa xa efika ekhaya uzakuthetha isiXhosa. Mva nje, ezozicwangciso ziya zisiba yimibono ngoba nasekhaya ngoku kusetyenziswa ulwimi lwesingesi ukulungiselela umntu osincedayo ophuma emantla eAfrika.

Kuyo yonke lonto, andethi-mandla ekuziqhayiseni ngobuXhosa bam - ndingumXhosa kwaye ndiyazingca ngalonto! Ndizimisele ukwenza konke okusemandleni am ukukhulisela abantwana bam ekusazini isiXhosa nentsingiselo yamasiko aso.

Ingaba usengxakini yokungasazi isiXhosa? Yintoni unobangela? Uyafuna ukusazi okanye wanelisekile yimeko okuyo? Khumbula ukuba, ngokwaneliseka kwakho ekungalwazini ulwimi lwakho unyhasha uhlanga lwakho. Lonto eyenza ukuba kukhule iilwimi zasemzini, kude kucace ukuba olu lwethu ulwimi sinentloni ngalo.

Iyandikhwankqisa into yokuba, xa umXhosa ethe wabhuda isilungu kwintetho yakhe - kuqala kwathina ukujongana ukubonakalisa ukumenyelisa okanye ukuhlazeka yilonto. Mamela owasemzini ke xa ethetha isilungu esingekho-mgangathweni - anqwale nje umntu omnyama ukubonakalisa ukuba uyayiqonda ukuba ufuna ukuthini (ungenzi njalo nje nakulo wakuni?). Into eyenza lento kukuba asizindli ngokungakwazi kwethu ukuthetha isilungu, lonto eyenza uba sicinge ukuba ilihlazo lonto.

Zidle xa usophula ulwimi olungelolwakho ngoba olwakho uyalwazi! Kwaye yithathe njengempumelelo ukwazi ezinye iilwimi hayi ngokunyanzeleka. Kulungile kananjalo usityabula isilungu ukusithetha oku, kodwa ngokokwam ukucinga - yiba kanti uyalwazi nolwakho ulwimi.





Tamara Booi

11 comments:

  1. Umna ndingu mxhosa ophuma kweli phondo lase Freyi stata,isixhosa lulwimi lwasekhaya,ndinga thanda ukuncedwa ngazinto zithile endinga thanda ukuba nolwazi oluthe vetshe ngazo,kwaye kwezinye zezo zinto sisiduko sam samaKhuma ndingathanda ukusazi banzi esi siduko.Mna endikwaziyo kukuthi:Ndili Khuma imbathane umatshaya uxesibe ukhandanyawana.nako endikwaziyo qha,ndingathanda ukwaziswa ngoku phangaleleyo ngaso.

    ReplyDelete
  2. amazangwa '.asukaphi kwaye azithutha njani

    ReplyDelete
  3. MaXhosa asamhle,nguNogemane lo uTOLO isiduko,ndinomnqweno wokwazi ukuba kwenzeka njani ukuba kubekhona oNogemane abango Faku,kwaye kukho into ethi sinobudlelwane nabo

    ReplyDelete
  4. NdinguMamaya, ndicela ukwazi ngokuphangaleleyo ngesiduko esi sam

    ReplyDelete
  5. Bhotani mna ndingu ntandazo mbodla bendicela nje imbali ngamatshutsha

    ReplyDelete
  6. Bhontani mawethu Amawele azelwe nge operation leliphi elidala kuwo?

    ReplyDelete
  7. Bhotani bantakwethu mna ndifuna ukwazi ngoTOLO ngemvelaphi yabo

    ReplyDelete
  8. Nkosk Tamara

    Ndiyabhotisa kuwe nkosikazi.

    Ndithe ngokubhadula ndifunisa ndabhaqa i-blog yakho. Ndicela ukwazi nzulu ngemvelaphi, umnombo kwakunye nokunqulwa kwamaJwarha.

    Ngelishwa ndizalwe yintombi ndakhulela kulomama ndizibiza ngesiduko sakhe, noxa ndiliJwarha nje ngokwesende.

    Ndakuvuyiswa kukufunxa kuloomthombo wakho wolwazi...


    Best Regards,

    Ayanda Marepula-Maneli
    0735840871

    ReplyDelete
  9. Bhotani mzi ontsundu ndicela ukuchazelwa ngoo Zumbe,Ngcwina Sqwephu Solusu? ndicela ucacise banzi ba nalo lwazi

    ReplyDelete
  10. Molweni maXhosa akuthi mna ndingu Mhaga mpondomise qengeba thole lomthwakazi mfazi obelenye phesheya komlanjana.....ndicela ucaciselwa ngo Mhaga uba babevelaphi cela umntu athathe le 0737418546

    ReplyDelete
  11. ndicela ifoto zabantu bakwaxhosa abanxibe isintu sakwaxhosa

    ReplyDelete