Monday, January 10, 2011

Qadi, Dosini, Jola - Bahlobene njani?

Hi Tamara

I thank you for this very innovative blog. I would like to be visiting the blog more in future as I am very passionate about this form of platform.

I am in need of some information about my clan name and would like to get any info on it. Isiduko sobuQadi noDosini in relation to ubuJola is something I’m needing clarity on as I have observed that people have varying understand information.

I look forward to your response via email or the blog.

Impendulo:


Bhota Mlesi

Uyakukhumbula ukuba iziduko ziyahluka ngokusetyenziswa, kwizindlu ngezindlu. Kodwa ukuba uthi unqule wonke umnombo wesosiduko, uye ukufumanise apho ukuzalana kwazo. OoJola, Qadi, Dosini yinzala yasemampondomiseni - sisizwe samaMpondomise; bahluke ke ngokwezindlu zawo.

Imbalana ngamaMpondomise

Xa ke kulandwa umlandu kaMpondomisa kuthiwa - NguMpondomise kuze uNtose kuze uNgcwini. UNgcwini wazeka iintombi ezimbini, intombi yaseMaqwathini kunye nentombi yomThwakazi. Le yasemaQwathini yenziwe indlu enkulu, yaze le yomthwa yenziwa indlu yasekunene. Kwindlu enkulu uNgcwini uzele uDosini, uNqabase noNgqukatha. Ekunene uzele uCirha, uMthe, uMajola, uNgwanya, uPhalo, noHlontsi.

OoQadi babongwa ngoluhlobo: Qadi, Ngcinase, Mdlana, Mbaba Wulashe, Qengeba, Qhushana, Jola, Gonqa, Ngcqwini, Mpondomise, Mphankomo, Thole lenkwakha, Isibhekubhu esibhebhesha sakulo Yokazi EsiMpondo zisibhebhelele Ngubholokodl'uphila kuzenzela

Imbalana ngoDosini:

UDosini kuthiwa ibingumntu onobugqi bokuziqaba ngodaka wonke umzimba. Ngenye imini wabonwa ngamakhwenkwe eqabe oludaka aze amhlasela ambulala. Wangcwatywa phezu komlambo iLothana. Ingcwaba lakhe lathi lagqabhuka umthombo wamanzi abanda ceke emini, kanti ebusuku atshisa kakhulu. Abantu lamanzi bawakha bawasele, abanye bahlambe ngawo, abanye bade bagabhe ngawo kuba ayimpilo. Abanye benza udaka kuwo baqabe lona.

OoDosini ke babongwa ngoluhlobo: Dosini, Ncele,Ntose, Nqabashe, Ngcelenduna, Mqhorhana, Ngxow'inoboya, uNoyiila, uNogqaz'umthonyama, Isihlobo sikaMthimkhulu, sikaBhungane yena mntu ungaphezulu nakuThixo kuba abantu ubanike amabele, Ingqoq'enebal, Ngwanya kaMajola, uMajola inyoka enothando kuba ityelela abafazi endlwini!

Enkosi

126 comments:

  1. Molo Mlesi ndinovuyo xa ndifumene indawo enjengaleblog. ndicela ukucacicelwa ngomnombo wamaVundle OoBhayi...ndisisizukulwana sesizukulwana kodwa kukhona ukuphithana endingakuqondi kakuhle phakathi kwamavundle, abeSuthu kunye namaMvulane

    ReplyDelete
    Replies
    1. /Amagu uNcilashe noBhayi ngamawele bazalwa nguMvundle(Mofokeng) ngabeSuthu baphuma eLesotho ngamaMvundle

      Delete
    2. kholisile.mvulane13@gmail.comDecember 22, 2015 at 6:55 AM

      ncilashe was not a twin brother of bhayi.he was born many years earlier than him.

      Delete
    3. kholisile.mvulane13@gmail.comDecember 22, 2015 at 7:01 AM

      ncilashe was not a twin brother of bhayi.he was born many years earlier than him.

      Delete
    4. Hi I would to know about njanja xhosa surname(isithakazelo sa kwa njanja)pls help.

      Delete
  2. people let us go back to our fathers and ask these questions and get a proper clarity, no1 if your info is less please do not come here and write staff which you don't know coz you are misleading others , the person who came which the history yaMampondomise is totally wrong and I stand for that

    ReplyDelete
    Replies
    1. Anonymous khawuze nale uthi yiyo ,khe sive, sityebise indlebe

      Delete
  3. Haai Sisi

    I am one of those people who thank you about the information you injecting to us.

    My clan name is Dosini and my girlfriend's one is Mamqadi, her mother didn't get married so my girlfriend which am intending to marry her very soon is using her mothers clan name. What i want to know is that "am i wrong if i want to take her to be my wife" please help.

    Am looking forward to your response via Email.

    ReplyDelete
    Replies
    1. I can be very happy if you can be answered so I can also know. In some instances the like in my family for instance, my father's big brother whose clan name is Dosini married maNgcitshana. I also know of another Dosini who married maNtlangwana who is also of the Mpondomise clan. It is believed the Mpondomise clan is very big that is why these relationship occur. I hope I have tried to answer as I am also dating a Qadi girl being a Dosini myself.

      Delete
    2. There is nothing wrong. Kuba anizalani.

      Delete
    3. Chulumanco ka Mbantsa kuTsoloJanuary 29, 2018 at 8:02 PM

      Ingcaciso mawethu iyafuneka kuqala. AmaMpondomise akaso siduko(clan), sisizwe(tribe). Kukangako ke ubona izindlu ngezindlu zamaMpondimise zizekana. AmaJola angazeka kwa Ngcitshane, amaMpinga azeke emaQadini amaCwerha azeke kooNxuba, njalo njalo. Ndidl'amafutha.

      Delete
    4. Kengoku umntu onguJola, ngaba angamzeka UmaDosini?

      Delete
    5. Ewe uJola angamzeka umaDosini.

      Delete
  4. Camagwini Mathol'elendlu emnyama ndicela ingcaciso ethe vetshe malunga nemvela phi kwanonxukumano yeziziduko zithathu Sukwini,Mgqwashu noSithathu kuba kwiblock ebendike ndafukuyo andikhange ndaneliseke yaye inxaxhe kakhulu kwimbali endake ndayifumana kwesinye isisele senyathi Vuyiswa

    ReplyDelete
    Replies
    1. MaXhosa Amahle nam ndingavuya ukuba unokuphenduleka uVuyiswa kuzokube kuphenduleke kwanam. ndiyafuna ulwazi bethuna

      Delete
    2. /Amagu Sukwini(Inqua) luhlanga lwabaThwa elangena emaXhosa lizalwa ngukumkani #obona(Chobona) ngabaThwa phaqa bekunye naGqwashu(Damasqua) /Amagu

      Delete
  5. Camagu mzontsundu

    Lukruthakruthwano lwantoni na olu, ewe ndiyavuma umntu makangezi nento enganasihlahla apha kuba ulahlekisa inkitha yomzi kaXhosa kodwa wena umbhali okanye mlesi othi imbali yamoMpondomise ayiyo, yiza nale iyiyo kudede ubumnyama kuvele ukukhanya. Ngxatsho ndisatshaya!!

    ReplyDelete
    Replies
    1. mandaleke umsundulu nam maXhosa nanjengomntu ucinga uba unolwazi ngamaMpondomise nanjengoko ndili Mpondomise mna buqu. uNgcwina wayenabafazi abahlanu, kwindlu enkulu uzele u Dosini, ekunene wazala Jola, kwiqadi lendlu enkulu uzele uMqadi, kwiqadi lasekunene uzele uBhukwana, exhibeni uzele uNgxabane!! ngamafutshane u Dosini no Mqadi ngabantakwe(brothers)ntonje bohluke ngomama kwaye ngu Dosini omdala kulandele uJola kuze uMqadi!! ndisatshaya mzikantu

      Delete
  6. kanti unqana yena akazalani nojola,nodosini

    ReplyDelete
    Replies
    1. /Amagu uNqana yinkomo ekwamkelwa amaNgwe kaMlambo(Mabhedla) kwaBomvana nguKumkani Jalamba kaTshezi /Amagu

      Delete
  7. Camagwini kwaXhosa

    Mna ndinguJola umangwanya.....ndicela ukubuza ukuba lonto ithetha ukuba NdiNguMadosini?

    ReplyDelete
    Replies
    1. Ndizazi zizalana mna, nakwindawo endikuyo zaziwa kanjalo. Koko ńje kuku shiyana kwezindlu kodwa unguJola awuno yolala nentombi kaDosini.

      Delete
    2. ewe mangwanya kunjolo xa useza umsebenzi uyakwazi ukuwuquba uDOSINI NORHUDULU.

      Delete
    3. Mholweni mzikaXhosa- nam ndingomnye wabantu abafuna ukwazi ngeSduko sakwaDosini - mna ndikhuliswe nguDosini uJolinkomo...uzala uMaamaa umaKheswa, mna ndinguMadiba Ceduba uSophitsho uYem Yem..eyonanto ndiyicelayo sisiduko sakwaDosini ukuthi sithuthwa njani.

      Delete
  8. Mna ndingu Jola,mpondomise,umphankomo,tholelomthwakazi,intombebelenye,phesheya komlanjana ndicela ubuza ingaba ndafundiswa ngendlela eyiyo na? Ndisatshaya!

    ReplyDelete
    Replies
    1. nto yakuthi ndim lowo ndifuna uzazi kuba kandijonga eziduko zakwampondonise ndiyaxakeka

      Delete
    2. uDosini jolinkomo - namaNgwanya ooJolinkomo ndicing'uba banodlelane obukhulu nje ngamaDiba ooCeduba ooyem yem...banqwa namaQithi yintw' inye hloh

      Delete
  9. Bhotani mzi kaXhosa

    Mna ndinguNgcitshane unkwenkwezana umevamhlophe umfazobelelinye phesheya komlanjana etc iphinde ibenento enoJola phakathi endifuna ukwazi ingaba ndisekwanguye nah uJOLA,uDOSINI uMQADI?


    I AM LOOKING FORWARD FOR YOUR RESPONCE

    ReplyDelete
    Replies
    1. uNgcitshana akadibenanga noJola xa bezithutha akudityaniswa. For more information please call me: 0662466663

      Delete
  10. I am very glad if I can help someone understand.

    ReplyDelete
  11. Mzi Wakuthi

    NdinguBlangwe uNqarhi,UNzila KaMnzothwana,uNzolo uMnyamana khawundityebisele ngale ndlu yakhuthi undilungise ukuba ndiyithutha gwenxa,unabe ke ngakumbi khe ndive xa sizithutha ukubheka phambili sithini,

    ReplyDelete
    Replies
    1. /Amagu Mntwanomhle! Uyavuba uBlangwe yindlu ezimeleyo,uNzolo noNzila yenye yezindlu zikaDikela wena unguBlangwe Nqarhi uDikela Noni Ntswayibana mQwathi /Amagu

      Delete
  12. imvelaphi yamanqana nalapho asuka khona phantsi kwenkosi nomhlaba?

    ReplyDelete
  13. Nam ndingathanda ukuva ingcaciso leyo gqwshu no sukwini

    ReplyDelete
  14. Buyiswa Mamdlane Homani(Humani)February 16, 2014 at 11:56 PM

    Molweni mzontsundu,,ndithatha elithuba loba ndithi enkosi kuwe Mbhali(Tamara) ngale Blog.Ndingumntu oyithandayo kakhulu imvelaphi yam nobuntu bam ngokubanzi....Mna Ndingu Mamdlane ,tutuse,nomdimba ,ntlokwana ibanzana,mamthembu wase Ngcobo.Ndingavuya ukwazi ngakumbi ngaMandlane....Ndizalwa nguMadunjane(Nxasana)..Enkosi

    ReplyDelete
  15. Ndicela nindithuthele ooNtlane ooMpofu

    ReplyDelete
  16. uNjanye uzele unyana
    ogama linguMalangan'. ke...uRudulu...owaye nguyisekaz' apha kuMalangan'...uRudulu...ozala ke esi sizwe kusasa nje kuthiwa ngamaRudulu...uRudulu ke lowo yayinto kaSikhomo...engumntakwab oNjanye...uNjanye k' unguyise kaMalangan'...uRudulu ke kuthiwa wazi--- wazibalula kakhulu ke aph'...kwelo hlathi lakuZan' ukukhalipha nebandla lakhe...kwaye k' amakhos' amaMpondomise kuloo mihla ukuwela kwaw' uMzimkhulu...yayinguMalangana noRudulu...uMalangana l' eyinkosi uRudulu lo enguyisekaz'...ingabo k' ababepheth' amaMpondomise ukuwela kwaw' uMzimkhulu...ke uMalangana yayilizingela e--- ikhulu kakhulu...zathi ke bakubonakala uba izingwe bazigqibile ngoku phaya...kwafaciswa ke kweli lizwe liphakathi koMtata no--- koMtata noMzimkhulu...ngamaMpondomise ke kuzingelwa ke iinyamakaz'...abantu bona balapha ingabaThwa...abaThwa ke abangazange babe namlo namaMpondomise kuba babezihlalela phay' ezintabani benamaqelana bangamaqelana bekungekho lulo...int' ekuyiyo bengakadibani konke namaMpondomise kodwa kungekho kulwa kukhoyo...uMalangana ke wahamba wade waya kufika...kumlamb' oseChizela lo mlambo ke ungaphaya ebaThenjini...apho ke wahamba wahamba wath' asakufika khona wajika...waphinda waya kutsho kwaseBisa...apho wafela khona...uMalangana ke...za--- kuthiwa zazisith' iimbongi...

    nguNolanga langen' endlebeni yendlovu
    nguDyamfu waseChizela...uNongawuza
    nguNongwe yadl' ithole...
    uMalangana wasemaMpondomiseni...ongadibananga mpela nowamaXhosa...kudiben' amagama qha...hee...akuba ke ebhubhile uMalangan'...washiya unyana wakhe ogama lalinguNtose...owathi ke uNtose lowo waziwa ngoba yenye yenkos' ezazeka abafaz' abaninz'...uNtose...ewe eyazek' abafaz' abaninzi uNtose...e--- phakathi kwamaMpondomise njengoba enzile...amaMpondomise izindlu zamaMpondomis' eziphume kuNtose...ngamaCwera...ngamaMpinga...ngamaDebeza.. .ngamaNqanda...nezinye ke izizwe ke ezingakhumbulekiyo...kodwa ke ezo zine izizwe zizizwe zizindlu ngamaMpondomise ngoku aphume kwabo bantu amaninzi...ezo zindlu...ezi zine isidukw' esikhulu manditsh'...ezi zine 'se izizidukw' ezikhul' ezo ngenxa yokuba zininzi...ke...unantsika lo ke uNtose...walibusa ke eli ilizwe lonke lilelakhe...ukusuka eMzimkhulu kume nguMtat'...kusuke eLundin' lime ngamaMpondo...yalilizwe lakhe ke elo lonke...uMalangana ke unantsika ke u--- uNtose...wa--- ingcwaba lakhe liseBhisa...kweso sithili saseMbizan'...apho ke...eBhisa...washiya unyan' ogama linguNgcwin'...unyana wakhe...nguNgcwina

    ReplyDelete
  17. uNgcwina wabiza umzi wathi uDosini lo uyawuchitha ngoku lo mzi wasemaMpondomiseni...mbambeni...wabanjwa...mlalisen' aph' esangweni...walaliswa...wathi ke Bhukwana utsho ke kunyana wakhe wokuqala...mtsibe...waala uBhukhwana...wathi Nxotwe...ubiza kwa unyana wakhe...mtsibe...waala...wathi...e--- Zumbe...ngamagam' oonyana bakhe ke bonk' aba...mtsibe...waala...wathi Cira...uCira ke ngulaa nyan' womThwakazi...mtsibe wamtsiba...wathi mtsibe kathathu wamtsiba kathathu...wathi yithi makathi mkhuluwe...uCira--- uDosini lowo makath' apha kuwe Cira mkhuluwe...uDosini kwabonakal' ukuba akafuni kutsho...wathi ii! nang' umkhonto mhlab' aph' esiswini kathathu...uthi makathi mkhuluwe...wawuthath' uCira wath' wath' wath' wathi yithi mkhuluwe wathi mkhuluwe...wathi yithi makathi ndabulahlil' ubukhosi...mhlabe kathathu umxelel' uba makathi ubulahlil' ubukhulu...wath' wath' wath' wathi yith' ubulahlil' ubukhulu...wathi ndibulahlile ubukhulu...wathi ke makakhululwe wakhululwa k' uDosini...kwathiwa ke iphelile namhlanj' int' oba wena nguwe oya kuba yinkosi endaweni kayihlo 'phelile ngenxa yoba udl' isizwe...wemka k' uDo--- wanantsika ke...hayi ke kwaziintsukwana nje wemka uDosini apha komkhulu...wasuka ke apho eMatatiela wahamba waza kutsho kulonina eMhlabathi kwesi sithili sakuTsolo...apho wafika ke wahlala khona wakha khona kwasemaMpondomiseni...ke kaloku ke kwakufutshane ke ekuben' emkile uDosini wabhubh' uNgcwina inkosi...akubhubha ke ngoku uNgcwina...inkosi yaba nguCirha .uCira ke...washiya unyana wakhe ogama linguSabe...uCira yenye yeenkosi eyayinomfaz' omnye aph' emaMpondomiseni...washiya ke unyana wakhe onguSabe...uSabe ke walibusa ke ngoku wa--- wangukumkani ke ngoku kumaMpondomise...uSabe ith' intsomi yasemaMpondomiseni...e--- kuyathandabuzeka uba woz' abekh' umntu omhle njengoSabe...wayemhle ngokukodwa...iyinkos' eyayilungile ithanda nezisusa izonwabo...isigigaba ke esehla ke ngexesha likaSabe...kukufika kwezigidimi ezazivela kuTshawe...i--- ukumkani wamaGcaleka wamaXhosa...zafika ezi zigidimi zizokumcela okokuba makancedise...uTshawe ulwa...nom--- nomntakwabo ogama linguCira...ingenguye uCira lo wamaMpondomise uCira waseXhoseni...kuSabe unyana kaCira...kufika abantu abavela kukumkani wama--- abavela kuTshawe...bathi uTshawe uTshawe uthi masizomema uxakiwe nguCira...ngoko ke ucel' izandla...ke kaloku ke uSabe ke wasamkela esi sicelo...wakhupha amaRudulu...la maRudulu k' azalwa nguSikhomo...ngoku s' elibandla...wakhupha k' amaRudul' okokuba makayokumncedisa uTshawe...ahamba k' ibandl' elo lamaRudulu lathi lakufika ke phaya lafika lancedis' uTshawe kulo--- kulo--- kulo mlo wawuqhubeka...woyiswa uCira wamaXhosa nguTshawe...waba ke uTshawe uthath' ubukhosi uba ngukumkani wamaXhosa...waza ke uTshawe...wathi amaRudulu la...makas' ke angabisagoduka uza kuwaph' umhlab' emininzi...waza ke uTshawe njengokuba amaRudulu ke emncedile esith' amaRudulu nxa e--- e--- e--- efunza njengokub' imp' isilwa ekhala ngeenkomo sikaSikhomo sika--- ekhala ngeenkomo sikaSikhomo esithi siziinkomo zikaSikhomo thina...wathi ke ngok' uTshawe umzukulwana wakhe...umntan' ozalwa nguNgcwangu wathi nguSikhomo--- nguSikhomo...ukuze k' amaXhos' abe noSikhomo...ethatha kumaRudulu la xa ezibonga kulaa mfazw' ethi siziinkomo zikaSikhomo wathi k' uTshawe unyana wak--- umzukulwana wakhe nguSikhomo...le mbidano ke is'ke kungathi ngoku amaRudulu ngamaXhosa akangomaXhosa angamaMpondomise...ayeye ngokuncedisa phaya...ke kaloku ke amaRudulu ke ngoku ngamaMpondomis' amaninzi kakhulu kweliya lamaXhosa ingamaMpondomise asebukhosini ebekiwe kweliya lizwe kangangokuba aphants' amaninzi ngaphez' kokub' enjal' apha emaMpondomiseni kweliya lamaXhosa kub' afuman' imbek' enkul' apho.

    ReplyDelete
  18. Molweni bantu,igama ndinguBongiwe ndicela ingcaciso ngesiduko ,nemvelaphi yaso:abanye abantu bathi ndinguManci okanye ooZotsho!ithini Lento bantu bakuthi.onolwazi angandicacisela¤

    ReplyDelete
  19. Molweni kwantu, ndicela ingcaciso. Ndithi mna ndinguBhose, uDumba, uNobangula, Mdaca,quqa,ulowa. Khawundityebisele ngemvelaphi nendlela ezidibangayo

    ReplyDelete
  20. Amagqwashu,amasukwini,oosithathu bahlobene njani,ndicela ingcaciso apho,nentsuka phi yabo.

    ReplyDelete
  21. ndingu Dosini ,Nonkila,Mnqabashe Ngcwina jolinkomo Qengeba. ....ndicela uncediswa .apha kule ndlu ka Dosini uJola uyangena?

    ReplyDelete
    Replies
    1. /Amagu Dosini uJola yiNkwakhwa(Nunu),mandilungise lendawo ingxamele ubhida abaNtu iNkwakhwa sisilo samaMpondomise sifika nakubani xa uliMpondomise sivamile ke koNgcwina kuba ngabantwana begazi /Amagu

      Delete
    2. Dosini
      Nqabashe
      Mqhorhana
      Ncelenduna
      Phangelilangalingekaphumi
      Mlungomhlophenozwane
      Ngcwina
      Mahalafeletsitsa
      Tebetebana
      Into ezingathi nkosimntwini
      U Jola akangenI boDosini
      Qengeba Mphankomo ngwanya abayonto KwiDosini sidibene ngobuzwe aha masingathandi zihlobo.

      Delete
    3. Ndimanombulelo wolwazi ngok dosini Noo Jola

      Delete
  22. Ndicela imbali yama Mpondomise ukusukela kuMpondomise ukuza kuMajola. Ndicela kuvezwe no Lokothwayo, Mduma . Ndingavuya ukwazi nokuba uNgcitshani yena ungena njani eMampondomiseni, uzalwa ngubani? Ndicela ndicaciselwe ngokokulandelelana kokhokho bamampondomise kuze kuyofika ku Lokothwayo noMduma ngokwezindlu zama Mpondomise . Ndicela lembali ndiyithunyelelwe nge email yam ethi ; magume.enterprise@gmail.com . Ndiyabulela

    ReplyDelete
  23. Ayamenwa ecelwa onke AMAMPONDOMISE kwindibano ezakuba nge 13 DECEMBER 2014 ELUNGISELELWE UKWAZANA NOKUXELELANA NGEMBALI YAWO. indawo; Thombo (PORT ST.JOHNS) Ngenkcukacha ezininzi malunga nokulungiselela ukuza nosuku olu thumela email okanye ufonele le namba 0763752941 (magume.enterprise@gmail.com) Kananjalo bayacelwa abanembali yamaMpondomise ukuba bancedise ngokuthi bayithumele kule email address ingentla ukuze ihlolisiswe ingekafiki idate ye 9 December 2014. AbaneMbali futhi nabo bengaMAMPONDOMISE bayacelwa okokuba bazazise bathumele namagama abo ne phone numbers kule email address ingasentla ukuze bancedise kakhulu ngalemini ekwaziseni amaMpondomise ngembali yawo. Malunga neminye imiba nokulungiseleleka kosuku amaMPondomise azimisele ukusa kulendibano kumele afone ingekafiki I 12 December ukuze bazi konke okufanele bakwenze nanjengoko lemini izakuba nezinto ezityiwayo. Enkosi

    ReplyDelete
  24. NDIYAXOLISA MAMPONDOMISE, NDILUNGISA I MPAZAMO KWESISAZISO SINGASENTLA. NB: INDIBANO YOKWAZANA YAMAMPONDOMISE IZAKUBA NGE 16 DECEMBER 2014. EZINYE INTSUKU EZI EZIBALIWEYO ZEZOKULUNGISELELA LEMINI YENDIBANO YAWO ENKULU. ENKOSI

    ReplyDelete
  25. /Amagwini Mawaba nani Mawasakazi ndinawo umdla wokulanda imvelaphi zeziduko qha ndiyalahlekwa zeziblog ndikhona kuFacebook(uNyana kamaRhadebe Krishe,whatsapp 0766355333,page ulwazi lwemveli nam ndingakhawulelana nani ndim uHlangesiganeko /Amagwini

    ReplyDelete
  26. Molweni ndiyanicela andisiyazi isbongo Sam kuthwa ndiku mpondomise umajola

    ReplyDelete
  27. Camagwini! Ngaba u Sabe no Mhaga no Jola sisiduko esinye na?

    ReplyDelete
    Replies
    1. Into endiyaziyo mna kukuba oCamagwini bavela phaya koMathanzima. Endingazi ke noba ngaMabomvane na? Kodwa ingathi ngamabomvane. Xa ndiphazama ungandibonisa Msasazi.

      Delete
  28. ndingMzukupwana kaSingati ndicela ukwazi ngemvelaphi yama Bhukwana

    ReplyDelete
  29. ndingMzukupwana kaSingati ndicela ukwazi ngemvelaphi yama Bhukwana

    ReplyDelete
  30. Mna ndingu Tshayela,Cekhwe,Thaba / Thabalakhe,Melweyo, Madligazi,Nanga-nanga. Khanindityebisele ngesi siduko mzi wakhuthi.

    ReplyDelete
    Replies
    1. Eyi mntase yafumaneka impendulo kulomba? ndilunxanelwe nam olulwazi

      Delete
  31. Kanti ivelaphi le imbali ithi: Ngcwina ubenaba fazi abahlanu kufazi wokuqala uzala Dosini kowesibini uzala Ngxabani kowesithathu zala Mpinga kowesine azale Jola kowesihlanu azale Qadi? iphinde ithi mbali: Njanya uzalwa nguSibiside, Njanya uzala Mpondomise kunye noMpondo amawele lawo, aze alanywe yimfusi Xesibe.

    ReplyDelete
  32. Hi there
    Ndikhule ndili Jola utatomkhula wam ngowase ngcobo ilali ndiyi libele, qha wemka engcobo ngexayomsebenzi baya eNorthern Cape apho basose ehlala khona wade wasweleka.
    Ndikhule kusithiwa singamajola, since amajola ehlukene/emanizi ndabuza ndaxelelwa kwathwa singo Gamede, msikaba, phosile…aphe majoleni. Ngoku into endifunu yazi ingaba Akhona nyani na Amajola ekuthiwa ngogamede?
    Kum iveske ibengathi singamaZulu ahambhaayohlale ngcobo genxa yesi duko esisithi Gamede mna ngko kwam ingathi isiduko esisithi gamede sesakwazulu.

    ReplyDelete
    Replies
    1. Hi
      Ndinelengxaki unayo ke nam kwesisduko soGamede,msikaba,mphosile andikwazi kudlula apho ukuya phambili..khandidlulele ukuba uyakwazi.

      Delete
    2. Andikwazi kwasa mna

      Delete
  33. Khawutsho mlesi, ndiyeva ngentla apha kusithiwa uSkhomo uzala uRhudulu kodwa kukho abakholelwa ukuba nguRhudulu ozala uSkhomo. Cacisa mlesi ndicela ulwazi lwakho.

    ReplyDelete
  34. Khawutsho mlesi, ndiyeva ngentla apha kusithiwa uSkhomo uzala uRhudulu kodwa kukho abakholelwa ukuba nguRhudulu ozala uSkhomo. Cacisa mlesi ndicela ulwazi lwakho.

    ReplyDelete
  35. Ndicela ubuza bantu bakhuthi ukuba omandila bathini xabezithutha mn ndinguzukulu emandileni sondicela kumntu okwaziyo ukuthutha bona akhe andikhwazele dacela kakhulu bantu benkosi ukuba angakhina umntu onokwazi ukundiphendula ndicela andiphendule ku email yondelwakutshiso@gmail.com plz bantu basekaya

    ReplyDelete
  36. Ndicela iziduko zakwa Tshobisa bakithi please please please sizani

    ReplyDelete
  37. Ndingu ngxabane xa ndizithutha ngoku phelele ndithini, ncedani hle

    ReplyDelete
    Replies
    1. ngxabane rhibela bhabhanomhlehlo, unontoyenja yinkongwane yakhuzwa ngabafazi bathi ayifani neyethu uncokazi unobhodenkosini kubangayikubhoda mtwini meyiwa thole lomthwakazi

      Delete
  38. Thabiso Njabulo ZwaneMarch 15, 2017 at 11:04 AM

    Hi my name is Njabulo my surname is currently Zwane which is the surname of my grandmother.according to the information given by my grandmother we are Mtakwenda but the surname was changed by our forefathers who settled in Northern Mpumalanga with the Pedi's which was then used till now as Tekana I would like to trace back to my origin of Mtakwenda and I basically don't know anyone from my father's side of the family other than his mother's side being oZwane anyone who can help me locate them and help me go back to who I am and where I come from.

    ReplyDelete
  39. This comment has been removed by the author.

    ReplyDelete
  40. Molweni mzi wakwaphalo

    Ndicela ukucaciselwa ukuba oogxarha bangamampondomise kanjani? Yaye xa bezithutha bathing na? Kuba mna ndikhule ndisazi uba:ndingu magxarha,mamcwera,mahlahlane,vambane,siyoyo,hlambangobisi. Koda kule blog ndifumana ezinye zingekho Koda kukho ezinye.
    Enkosi

    ReplyDelete
  41. Ngu Gamede lo UNogele , USkhutyana ,UMsikaba,UPhosile ,uLamlashe , IWushe ,UNgise , UNgwangwane.ULwazi igama UMapeyi if an I

    Ozithutha azilande nje ngoba nditshilo abuye afake u Jola

    Uya xuba , asinaye UJola thina
    Ikhona lendlu ekhaya ifaka UJola banesizathu sabo abesithethayo sokuzithethelela sabo soquka noMakhulu wabo obazalayo owaye nguMamajola

    Ibulahlekisa xa uyibamba esiqwini.Sewu dibana nomntu sel'exuba

    ReplyDelete
  42. Hi i would like to findout my clan name Mbaba. Thanks in advance

    ReplyDelete
  43. Ngxatsho, nzala ndini kaSibiside. MNA ndingu Mpondomise, Ngcitshana, Nkwenkwezana, Mev'amhlophe,abaphakuli benyosi eziphantsi kuba eziphezulu ziyabasuzela, oozandla zimanangananga kukophula inyama.... Ndinomdla nje wokuqonda ukuba uNgcitshana lo udityaniswa yintoni noJola ngaphandle kokuba bekwisizwe esinye samaMpondomise? Ndisitsho nje ndixakene namawethu ngokungawuphakameli umcimbi Sam wokuphandlwa yintombi yakwaJola ngelithi siyazalana... Iwuuuu!

    ReplyDelete
  44. Molweni,

    Ndicela ucaciselwa ngsiduko sooMbarha,ooBhukhwana,ooMshobo ukuba sidibana njani kanye kanye nooJola..onolwazi ngokuzithutha sidlula sithini kwezi ndizibizileyo..

    ReplyDelete
  45. Ngobani ezinye iziduko zo Mamcwera?
    Enkosi

    ReplyDelete
  46. NDINGU SISIPHO PALAZA EQUMANCO E FARM ENGCOBO NGE 29 SEPTEMBER 2018, UMADOSINI IMPONDOMISE, KUZAKUBAKHONA UMHLANGANO WAMADOSINI EDIBANA NGEMVELAPHI YAWO SO AYAMENYWA WONKE AMADOSONI FOR MORE INFOR PLS CONTACT ME ON 073 8106702

    ReplyDelete
  47. Camago mampondomse: mna ndingu Jola jolinkomo, mphankomo, qengeba etc. Ngoku ndixakene nento ndicela ukwazi ukuba ndihlobene na noDosini, Qadi, Ngxabane...my email. avelamsinga@gmail.com

    ReplyDelete
  48. NdinguGcaga,uGqokashe, Madluba, Nzwan'enkulu, Manzandonga, Lubhelu, Mfaz'obelede. Ndiliaaaaaaaaampodomis lakuTsolo kuNdzebe.

    ReplyDelete
  49. Am originaly from KNZ, my surname is Mqadi.......Does that means ngokwesiduko sami, ndiliMpondomise?

    ReplyDelete
  50. molweni ekhaya emampondomiseni ndingu xolile gope ndilapha ekapa e site b khayelitsha; Sinohlangano WEBUYAMBO Yamampondomise NO 26 NY 71
    GUGUTHETHU CHIEF ZANOZUKO SININGWA 083-963-4771
    CHIEF XOLILE GOPE 0713519824
    DAWN PLAATJIE 063-201-0145

    ReplyDelete
  51. Ingaba Ojola aba bahlangana njani noNgcitshan?

    ReplyDelete
    Replies
    1. Hayi ayikho into esidibanisa no Jola thina oNgcitshans

      Delete
  52. Ndicela ukubuza mzi wakuthi unxasana unezindlu ezininzi akekho mnye .Apha emamampondomiseni singawomthonyama or singenelele amampondomiseni ndicela ulwazi ngemvelaphi kanxasana mzi wakuthiikhwelo lityala ndilapha ku Tsolo ndi ngu Skhonza .

    ReplyDelete
  53. Ndingu Ngxabane urhibela ubhabha nomhlehlo ePaarl , nam ndicela eyam imbali

    ReplyDelete
  54. Isandi dida le mbali yama Mpondomise ndifuna ukwazi ngayo -Ngoba MNA ndingu Mngwevu

    ReplyDelete
  55. Isandi dida le mbali yama Mpondomise ndifuna ukwazi ngayo -Ngoba MNA ndingu Mngwevu

    ReplyDelete
  56. Hi guys om interested in knowing relatiknshop between Dosini no Ntsethe kunye nezithakazelo za Ndethe

    ReplyDelete
  57. I surname yam nguBala which according to my knowledge ndiliMpondo inkinga ke ngoku okhokho bafudukela kuQumbu I family ngoku seyizithatha ngokuthi bangaMampondomie nezithakazelo zabo zezamaMpondomise hai ezamaMpondo, ingajikwa njani lomeko

    ReplyDelete
  58. mzontsundu ndingu dosini mna kwaye ndincuma nentombi engujola kubake utamkhu wayesithi ibhayi entombini yakwajola mzukulu

    ReplyDelete
  59. Camagu suzwe sikantu ndithande ukujijeka ngendlela ekucaciswe ngayo apha ngoJola lo kodwa ke andiqaqadiseki nto kodwa ke nto nje ndibubhideka ngoJola noMaJola

    UJola noMaJola abafani....kwathi kuzalwa uJola kwati Gqi inyoka phantsi kokhuko apho bekuzalwa khona uJola ngaphakathi kwindlu enkulu nina wakhe enguMaMthwakazi....ze kuthi ke xa kuzalwa uMaJola emveni kwendlu kuthi Gqi kwanyoka eFanayo nale ibivele kuzalwa khona uJola uNina enguNgcwina kodwa ke ngoku yavela seyitshintshe umbala kodwa kancinci wabe yena uJola eyinkwenkwena nje engephi ngeminyaka kodwa ke bezalwa nguQengeba bobani njengoba uQengeba yena eZalwa nguNgxabani uNgxabani ezalwa nguMte noMaMphankomo...ndisatshaya ndingathethanga ngonNcuku noDotsha kunye noNgwanya

    ReplyDelete
  60. ndicela imbali ngo bhukwana,ophaphu lengonyama

    ReplyDelete
  61. ophaphu lengonyama,omphanya,onodudumda,obhisi

    ReplyDelete
  62. Ndicela ukuva ngoMbusha kwesi siduko sooJola,ndilijola nam bhideka apha kuMbusha

    ReplyDelete
  63. Camagu sizwe sakwantu ndicela ukwazi oTshayela bahlobene njani noJola?

    ReplyDelete
  64. Camagu mzi kaXhosa ingaba siyalungisa na xa abantwana beentombi besebenzisa ifani yentombi? Ingakumbi ke xa ikhatshwa sisduko sentombi? Xa umntwana sele efuna ukuzazi
    kuthiwani?

    ReplyDelete
  65. Ndicela uba nezam iziduko zifakwe Ndilibhaca mna

    Ndili bhaca ngemvelaphi kodwa sate sayotsho kumhlaba wamafengu e nqamakwe.

    Singo Zikode. Oyoba, Omgase,Othole leduna lamayaka,Omfazi obelenye onyiselela ngapha komlambo,Okhuzegijima,Obhubhuzu nezinja zabo, Omashiya amahle nkokomo zaba, Ogabada, Ozotsho, Oxhixhi

    Ndiyema

    ReplyDelete
  66. Ingaba iqalaphi imbali yamaQadi. Avelenjani AmaQadi. Kuba apha kooJola ayikho into ethetha ngamaQadi kubekho into ethi AmaQadi ngooJola. Ingaba AmaQadi sisiduko, if kunjalo kutheni abantu besithi AmaQadi ngoJola ze ooJola babeyintoni bona?

    ReplyDelete
  67. Molweni bendicela usizo ngeziduko zakwa Mhaga.

    ReplyDelete
  68. Mholweni mzi wakwantu ndicela ukwazi ngesiduko.. mhlontlo noyila gqaz'umthonyama... Idibananjani koDosini.

    ReplyDelete
  69. Mholweni mzi wakwantu ndicela ukwazi ngesiduko silandelayo... MHLONTLO NOYILA GQAZ'UMTHONYAMA DUMELA

    ReplyDelete
  70. Hey
    Can you please assist me with Hase surname..is it a Xhosa surname or?

    ReplyDelete
  71. Ndiyazibulisela mzi ontsundu, ndicela ndiphuma kwindlu yamacekhwe oo Tshayela ndicela ukucaciselwa sihamba siphele phi esisiduko

    ReplyDelete
  72. Camagu"ndingu Ngabane eMt Fletcher West-Hoek,Rhibela,Meyiwa uNcokazi thole lomthwakazi bhabhanom'hlehlo oonontoyenja yinkongwana.ndinqwenela ukwazi le isidibanisa noJola.ndicela ingcaciso konayo ndiyacela Mampondomise

    ReplyDelete
  73. Thina siyindlu enkulu kaNkumba kaKiti, Bhadlasi,Phono,Phono wazala Mdluli,Hana,Ntsholo kuthilwa ngesixholoxholo bayotshona kugatyane, Mdluli wazala Boli(Bunya)Mnukwa,Rhovu and Mhlabeni,Bunya wazala Sotolashe owabhacela eMqanduli ngezixholoxholo yobukhosi ekhayenilakhe kwilali zakwaNkumba eXhora, Sotolashe wazala Nqayiga, Nqayigana wazala Lungisa, Lungisa wazala onyana ababini Million and Siyabulela,leyo yindlu enkulu kuzo zonke izindlu zikabombomvane,nantsi indlu yasekunene yam, Wose,Mjikwa, Gqibeni,Vusani, Sizunguzane and Dinizulu,yiyo esabambe kukhosi bukakiti.

    ReplyDelete
  74. Mna ndicela ukwazi iziduko zoo Tshayela,Cekhwe,Jola,Mpondomise,Qengeba,Mphankomo... xaziqhubeka zithini.,

    ReplyDelete
  75. Molweni
    Isuduko sama qadi si thini ke,,help

    ReplyDelete
  76. Molweni ndicela uncedo ndingu Jola Ngwanya qengeba ndimi kumhlaba wama Qwathi ENGCOBO, Sogawula fani ozalwa ngu Tshaphile Tshaphile ozalwa ngu Bhashu , sikulomhlaba wa Maqwathi imvelaphi ka Sogawula akho kwamntu oyaziyo uba Sogawula lo wazoma apha uba Tshaphile uyise no Bashu uyisemkhulu uba wabashiyaphi, ndingavuya kakhulu ukhangeliswa lomkhondo woba wasukaphi Sogawula lo uyifani kum, ku Tsolo Tata wake waya akwabikho mkhondo, cela ushiya number yam 072 1096107

    ReplyDelete
  77. Ndicela ukubuza nam ndi Qadi, kodwa eziziduko ndizibona apha azikho kwezi ndizaziyo, mna ndikhule ndisazi ukuba ooQadi ngoo JAKAJA, SKHONZA, MADUKUDO, NOSONGO ngoku andiyazi noba kukho ukuzalana na naba ndibabona apha bangoo JOLA

    ReplyDelete
  78. Ndicela ubuza umpehle uhlobene njani kwaMpondomise

    ReplyDelete
  79. Amaxotwe ayakwazi uzeka KO jola

    ReplyDelete
  80. Osabe aba ingaba banabo ubukhosi ukuba bukona ke yeyipi indlu efanele bube kuyo kuba kaloku kuko uqengeba kupinde kubeko ungwanya

    ReplyDelete
  81. Molo ndicela ukubuza iziduko zakwaPhosile nemvelaphi yabo

    ReplyDelete
  82. Molweni kwelikhasi. Mna Ndicela ukubuza ukuba uMamqadi angakwazi ukutshata noJola ? Enkosi

    ReplyDelete
    Replies
    1. Xa sele ndizama ufunda kakuhle ii comments zabantu ndiyabhideka tu xa ndifika apha kuDosini ujola, kuba abanye bathi akuyontw'inye but abanye bathi yintw'inye....uba ungakhe uphinde uvele nto yakuthi wena ucacisa ngoSabe noCirha ndingavuya kakhulu uphinde nto yakuthi uthethe uDosini nje ngokupheleleyo khon'ukuze siyifumane Lula lento kaDosini noJola... because mna ndisathanda ukulahleka kancinani phakathi kuka Jola noDosini.. Enkosi ndlu emnyama

      Delete
    2. Ndicela umntu onokwazi ukuthutha esisiDuko sakwaDosini siphelele... please mawethu

      Delete
  83. Molweni maxhosa asekhaya nam ndiyacela nindithethele isiduko zodosini ndizalwa kumhlamba wase mthatha andisenabo abantu abandala ekhaya ndicela undiwatspp kule namba ozaziyo ndixekene nale ndawo yojola singenaphi thina ngoba iyafika ekhaya tatomkhulu wethu jola lo uyinyoka🐍ndiyizibuza nfingumni

    ReplyDelete
  84. My cell 0648126014 ndiyintombi yakwadosi

    ReplyDelete
  85. Ndicela ukubuza ukuba ingaba udosini uyinkosi kobani emampondomiseni?

    ReplyDelete
  86. Molweni mawethu sizwe Sikaphalo bendicela ukwazi ngemvelaphi ngogcaka apha emampondomiseni kanti bona kweziziduko zingaka zamampondomise akaveli ugcaka ndiyathemba ndakuyifumana incaciso.

    ReplyDelete
  87. Mna ndicela ukuncdwa ngesiduko soLokothwayo sivela ndawoni kooJola kuba oomalume bathing olokothwayo ngoJola kodwa akhomntu usaziyo esiduko.ndilimpondokazi laseSajonisi

    ReplyDelete
  88. Camagwini mzontsundu ndicela ukwazi iyakube iphinde ibenini intlangano yamaMpondomise ndim uDunyiswa umamaQadi, uNgcwina, uJola, Qengeba, Mphakomo, Mpondomise ....

    ReplyDelete
  89. Bhotani ndisacela kubuza sesiphi isilwanyane esiqondene no Dosini (example) abanye zinyoka , crocodile 🐊 abanye 🐱 abanye rabbit 🐰 kanjalo kanjalo.

    ReplyDelete