Thursday, April 5, 2012

Isilo samaMpondomise

UMBUZO

UDosini ngumkhuluwa kaMqabashi kwindlu enkulu, uJola noNgwanya baphuma kwindlu encinci. Kutheni uDosini noMqabashi xa benqula ebiza uJola noNgwanya bendlu encinci

IMPENDULO

UJola kunye nonyana wakhe uNgwanya banqulwa phantse ngawo onke amaMpondomise ngenxa yokuhlonitshwa. Oku kwenziwa yimbali awayenzayo uJola:

Mhla wazalwa uJola kwabonwa inyoka emva kwalendlu wayezelelwe kuyo. Emva kwethuba lo nyoka yaphinda yabonwa izisongele apha efukwini. Yanganzingwa ke lo nto kwaphela kusithiwa lo nyoka liwele lakhe. Igama lalo nyoka kuthiwa yiNkwakhwa (elinye igama layo nguMtshantshakazi).

Yaqalela lo mini ke le nyoka ukuhlonitshwa ngamaMpondomise. Le nyoka ke yaphinda yabonwa ifile ecaleni kwesidumbu sikaJola emva kokuba ebulewe emfazweni. Isiko lamaMpondomise lokungcwabela iinkosi ezizibeni laqalwa nguJola.

Amangcwaba eenkosi zamaMpondomise ukuquka nelikaJola noNgwanya alele kulemilambo: Mzimvubu, Thina (apho kulele khona uJola noNgwanya), Tsitsa noMthatha.

Namhlanje amaMpondomise asazenza izingxengxezo emlanjeni. Aqhuba iinkomo azise khona ize ke leyo ithe yafika yabeka isimba lobulongwe ixhelwe. Umlenze wasekunene kusikwa kuwo ingubo okanye intsonyama emva koko uphoswe emlanjeni, kunye nembewu yombona, icuba, izikhwebu zombona, amazimba, imbewu yemfe, umxoxozi neyethanga.

UJola yiyona nkosi yathi yaduma kangangokuba amaMpondomise alikhankanya rhoqo igama layo xa enqula.

20 comments:

  1. Please help me with the background of 'mirha, umzondi'

    ReplyDelete
  2. Mholweni kuqala. Ndincedeni mgembali yamaKhuma ooMbhathane ndiyacela ndikwabulela.

    ReplyDelete
  3. Bhotani maXhosa inkcazelo yenu Ngo DOSINI noJOLA ndiyayiva ntonje ndinombuzo intobana nje ngoba ezam izithakazelo zithi DOSINI HELU MHLEHLO MATHANDA GOTYOZELA MFAZI OBELE LIDE ONCELISA PHETSHEYA KOMLANJANA UMSINTSANA.ingabi indibekaphi nah le nkcazelo engendla enize nayo

    ReplyDelete
  4. u-Dosini uphuma kwindlu enkulu yenkosi uNgxina. Inkosi uNgxaai yile nkosi yamaMpondomise iyayinekomkhulu elalise Mvenyane eMatatiele, eyathi ngenye imini yaphuphupha, isilo esibunturha kwimiqolomba yase Mount Ayliff, yaze yathumela amadoda, aye afumana intombazane yomthwa - uMangxangashe,kuloondawo yayiphutshwe yinkosi.

    Lontombazane yomthwa yakhulela apho kwikomkhulu lamaMpondomise, ekwabonakala ngayo sele ikhulelwe ngenye imini, xa ibuzwa ukuba isisu sesikabani, yakhomba inkosi uNgxina.

    Kwaye kwanyanzeleka okokuba inkosi ilobole ku-Bathwa ngenkabi ezisibhozo ezimnyama, yaze yamakhela uMangxangashe ezantsi kobuhlanti.

    Inkosikazi yokuqala yekumkani, uMangutyana,yayingafumani bantwana bangamakhwenkwe,ekwabonakala nayo sele ikhulelwe yazala uDosini. Le yomthwa yazala uCira, ababantwana baba ngamafumanana-nkundleni.

    Eligama lithi Dosini ligama elavela bumini, elona gamalakhe kwakungu Ndosina, kuba kaloku nayo inkosikazi enkulu ide yayifumana inkwenkwe, eyayisithi xa imdlalisa ithi,"Nam ndosina ndixelise abanye abafazi.

    Eli lika Cira igama nalo lavela kwisiteketiso sika Mangxangashe - Umthwakazi owayesiti ncinci...rharha xa eteketisa umntwana.

    Ubukumkani ke baye bohluthwa ku Dosini, naye wahlanjwa kwikomkhulu, wahamba wayokwakha ngakulonina, kuTsolo, ngenxa yomkhuba awayewenza owabangela ukumka kwezizwe ezininzi emaMpondomiseni ngenxa yokudliwa kweenkomo zazo ngu Dosini.

    Ubukumkani ke bawela kwindlu encinci, ku Cira. bahamba kanjalo ngenzala ka Cira.

    uCira ke wazala uSabe, yena uSabe wazala uMte, uMte wazala uQengeba kwindlu enkulu, wazala uNgxabane kwindlu encinci.

    uQengeba wazala uMajola, uMajola wazala uNgwanya.

    ReplyDelete
  5. Mna ndisacela ukuva ngobukhosi bakwaMtakati/Malimba phantsi kukaJola ukuba buphi na? Ngoba ndiyeva kuthiwa banobukhosibabo ngaphandle kobu bukaMeji

    ReplyDelete
  6. Mna ndingu Jola mphankomo qengaba ntole lomthwakhazi kwa Gophe ifani ndiphaye eqagqala phesheya kumnga nenxu

    ReplyDelete
  7. kuthiwa siqula kumlambo itina indcela ingcaciso

    ReplyDelete
  8. cela kubuza uba u mhaga no sabe bazalwa ngubani njengoba kuthiwa nga mawele apha kumpondomise?

    ReplyDelete
  9. cela kubuza uba u mhaga no sabe bazalwa ngubani njengoba kuthiwa nga mawele apha kumpondomise?

    ReplyDelete
  10. Bhotani mzi ontsundo ndicela ukubuza ngubani omdala kuno Mpondo no Mpondomise

    ReplyDelete
  11. Bhotani bantwana bomgquba. Ndicela ukhe ndicaciselwe kakuhle uba uSikhomo uphuma kweyiphi indlu yena.

    ReplyDelete
  12. Ndi nguGcaga, uMadluba, uGqokashe, uNdongane, uKhele, uMahamba nje ngelanga lona lingadinwayo kubangasa likhona, uTshotsho engathi tshotsho mntwini, Ndilubhelu ndimanz' andonga, Nzwane. NguKhela ke lowo.

    Molweni. Ndibona isduko esi nguGcanga. Andikaboni nto ngesi sam uGcaga, uMadluba. Kukho ilali ekuTsolo ekuthiwa ku kwaGcaga. Ingaba ooGcaga ithini eyabo imvelaphi?

    ReplyDelete
  13. Ndicela ukucaciselwa ngemvelaph8 yamaMpinga, nentsusa yawo.

    ReplyDelete
  14. Ndicela ukucaciselwa ngemvelaphi yoMbathane, nentsusa yawo.

    ReplyDelete
  15. Bhotani mzontsundu,ndicela ukucaciselwa ngemvelaphi Yama Helu, xa bezithutha bathi Helu, mathanda, nqubutshe,valelamadaka ungenankomo,msintsana,snengele,mhlehluwile,umngquka... imvelaphi yabo

    ReplyDelete
  16. Replies
    1. camagu mpondomise umhaga uzalwa ngusabe umkhuluwa wakhe ngumte `,umte yena wazala uqengeba nongxabane,uqengeba wazala umajola umajola wazala ungwanya ungwanya wazala uphahlo .

      Delete
  17. Ukhona umntu onolwazi ngemvelaphi ka Vukuzumbethe?

    ReplyDelete