Thursday, April 5, 2012

OoDosini

UMBUZO:

Hi

Can you please help me with the clan called Dosini,how to pronounce it and izithakazelo zabo please

IMPENDULO:

Bhota Mlesi,

U-Dosini umbiza njengokuba ebhaliwe: D-O-S-I-N-I

Xa bebongwa kuthiwa:

Dosini
Ncele, Ntose, Nqabashe, Ngcelenduna
Mqhorhana, Ngxow'inoboya
UNoyila, uNogqaz'umthonyama
Isihlobo sikaMthimkulu, sikaBhungane yena mntu ungaphezulu nakuThixo,
Kuba abantu ubanike amabele,
Ingqond'enebala
Ngwanya kaMajola
UMajola inyoka enothando
Kuba ityelela abafazi endlwini!

10 comments:

  1. IKHONA NA INCWADI ENDINOKHE NDI ZI FUMANELE YONA NGOBA ITYEBILE LENTO NDIYIFUMANA APHA NGASKE NDIFUMANE OKUNINZI?

    ReplyDelete
  2. molweni, ndicela ucedo. andinalo ulwazi elucacileyo nge siduko sam. utata waye sithi singo bhukwana kodwa andiyazi uku bhaka phambili. ndike nda qoqha enye isite ye internet, khona bathi mna ndi ngu;

    bhukwana, umbara, umtsholo iphaphulengoyama, izinto ezinga phathwa ngu mntu ngoba zizinkosi ngokwazo. ingaba ba nyanisile?

    ncela no xolo ngesi xhosa sam, andi fundanga ukusibhala isikolweni, ndafunda isuthu. kodwa ndiga vuyela kukhulu uku fundiswa idlela elungileyo.

    ReplyDelete
  3. Molweni ntoza kuthi ndisenxakini andizazi okukwam oNkalane bangobani?

    ReplyDelete
  4. NDINGU MFENQA NTULI MAMPEMBA USOMPISI BHELEKAZI

    ReplyDelete
  5. mna ndibawela ukwazi ukuba uGCAGA kutheni engaveli kuMampondomise

    ReplyDelete
    Replies
    1. bhotani midaka emnyama yakowethu ndinguGcaga uMadluba ,bhelu olumanz'andonga uNdongane ,uNzwane ,langa lokulunga ,umthanduhamba njenge langa ,ugqokashe ,impondomise mgokwalo..uninzi lwethu lupha kuTsolo naku Qumbu ....singampondomise omthonyama

      Delete
  6. Bhotani zidwesha zakuthi mna ndikhangela ifani yakwa Mathamo ekuQumbu or Tsolo tamkhulu wethu wesuka apho wayo kwakha Ntabankulu igama lakhe nguZibonele thina ke singo jola, qengeba, mphankomo, zwelibanzi

    ReplyDelete
  7. Botani emampondomiseni bendicela ukubuza lendawo ka Bhonga nehlathi kunye nale ka Dam ukuba uthini into yabo apha koDosini ?bayethe.

    ReplyDelete
  8. Bhotani thina xa sizithutha singoNdlovu zidle khaya ngokuswela umalusi, mlandu ungakhe utyatyadule ngalo ndlela usincede kuba siyalambatha kwiziduko zethu sicela uncedo enkosi

    ReplyDelete