Thursday, April 5, 2012

Iziduko zamaMpondomise

UMBUZO:

Hi.

I recently found out that I'm a Xhosa and belong to the Mpondomise clan. My surname is Matimba (Mathimba)

I've been searching the net trying to find atleast some history of how we came into being kanye nesiduko sakithi Please help...

Kind Regards

IMPENDULO:

Bhota Mlesi,

Andizukwazi ukuphendula nkcakasana, ngoba isizwe samaMpondomise sibanzi kakhulu.
Nazi iziduko zawo:

OoNgxabane
OoNgcitshana
OoJola
OoNxotha
AmaQadi
OoGcanga
OoDosini
AmaNgwevu
AmaMpinga
OoQhinebe
AmaMpehle
OoMhaga
OoMabhengu
OoMnjuza
OoBhukwana
OoZongozi
OoNdobe
OoFola
OoNxasana
OoNqana
OoDedeza
OoKrancolo

Uyanaba ke kwisiduko eso uhlobene naso.

336 comments:

  1. ukhokho wam yayi ngu mphayinti okanye u mhaga, ndicela ukwazi banzi ngemvelaphi yesisiduko. igama lam ndingu sandile norton e Serkspruit

    ReplyDelete
  2. Ndiyabulisa torhwana,

    NdinguMamQadi isurname yam nguMoyakhe, intloni endinazo andikwazi ukuzithutha.

    Qadikazi lendlu enkulu, Nggciwa, Dosini, Mpondomise....ndiphelele apha kwayeandiqinisekanga nokuba ndiright....

    Ndicela uncedo....

    ReplyDelete
    Replies
    1. Molo MaMqadi. Mna NdinguMqadi, uNgcwina, Umphankomo, uNgwanya, uJola, , uNjanye, uNtose, uDam, uSibiside. Bekuye kuthwe ke xa bezithutha abantu basekhaya, iJola elizijolelayo inkom' ingeyoyalo, ithole loMthwakazi, uMzukulwana weNkwakhwa. INkwakhwa ke lolu hlobo lwenyoka ekuthiwa nguMajola. Enye yendlela zokuzithutha kuko nokongeza amagama wentloko zamakhaya uqala kokhoyo usiya emva kongukhokho, njengoko ndenzileyo ukumkhankanya uSibiside, nekunguye ekuvakala umnombo wamaMpondomise ukuba uqala kuye. Andigqibelelanga ke ngolwazi, koko nam ndaba kwinto endiyaziyo...

      Delete
  3. UGcwina wayenabafazi ababini uMamqwathi kunye no Mthwakazi apha kuMthwakazi uzele u Cira kodwa hayi lo wamaXhosa umkhuluwa ka Tshawe. eligama lika Cira livele ngenxa yokuba umama wakhe wayemane athi xa emdlalisa athi Ci.. Ci.. ra kungaziwa ukuba uthini. UCira wafumana ubukhulu ngenxa yokuba uDosini ka MaMqwathi wayemana ukuziqaba ngodaka abethwe ngamakhwenkwe waze ke uYise wathi akafanelanga ukuba yinkulu abaninawe bakaDosini bala ukutsiba uDosini waze ke yena uCira wamtsiba ubukhulu bamaMpondomise bawela kuye. uzele u Sabe umfana owayemhle kakhulu waza yena wazala uMte inkulu kunye no Mhaga owayefana noyise lonto yenze into yokuba xauyise ephuma kubizwe uMhaga ahambe naye kuyiyizelwe ngabafazi belali.

    UMte uzele uQengebe kunye no Ngxabane, uQengebe uzele uMajola owathi xa unina emzala kwathi gqi inyoka babaleka abafazi kwaza amadoda ayisusa lonyoka akayibulala yayimana ibonakala ke lonyoka xa uMajola engaphilanga abuye aphile ngetseni. UMajola yena uzele uNgwanya yena wazala u Phahlo owatshata nomaMxesibe akafumana makhwenkwe apho wafumana amantombazana amathathu. Ngamagqabantshitshi ke lawo ndisatshaya

    ReplyDelete
    Replies
    1. UJola u zala bani nobani

      Delete
    2. ndingumngcingane isiduko Sam if an I (mtya)ndicela uncedo andizazi

      Delete
  4. Mna ndingumntana wakwaNtuli, uTshezi. ndingavuya xa ndinga fumana umntu ongandinceda ndikwazi ukuzithutha. Otata babevela eMnyameni

    ReplyDelete
  5. Mna isiduko sam nguGadluma ifani Cekiso ndicela uncedo ndifuna ukwazi apho sisuka khona ngoba kukho abathi singamaMfengu kambe abanye bathi sibuya emaMpondomiseni kanyekanye ithini lento.

    ReplyDelete
    Replies
    1. AmaGadluma(e) angamaGcina.

      AmaGadluma akuNdlunkulu kwesi sizwe samaGcineni.

      Xa ethuthwa kuthiwa "Mgadluma, Xhamela, Nkomo zikaNokwindla, Ncancashe, Gabul'ikhula, Malab'edlile (Umalamb' ayendle adle inyama yenyamakazi-igusha athi ziziduli zethafa),uTyhopho, ubutsolo bentonga!

      Izindlu zamagcina:

      AmaGadluma, AmaChe, AmaNtsinga, AmaNjikazi,AmaSeya, AmaHelushe, AmaBhinca, AmaNtlonipohi(o)....

      Ndithemba ukuba uncedakele.

      Enkosi
      Ndim uSandile Latha (NdinguMCHE emaGcineni)

      Delete
    2. UCekiso ngomnye wokhokho bethu kunye nooHonono, nooMapekula lo nto ithethe into yokuba unguTshutsha, uCekwana(e), uGadluma, uMdimba, uMvala, uNkom' inkco, uGininda kaGando, uHonono, uMapekula, uNonduli (Ndulini), iHlwemp' elizidlayo uMadlula kuhlinzwa,uMbomb' emfene, uNyel' emseleni, uMnqay' ulambile, uGqabi lisentabeni, uNdlal' isematyeni, uNgcongolo zimil' ematyeni, uMcesi, uGumla, ooNdlu zingamaxhobongwana zime zodwa ethafeni. AmaTshutsha aluhlanga lwamaZotsho ngenxa yomlambo iZotsho kwaZulu, amaZotsho maninzi futhi asishwami nawo. OoManci, ooDeyi, ooSilangwe, ooNtshangase, ooNdlangisa, ooJali (Mpemvu), ooXolo, ooNtshele xa ndibala ubucinane ngamaZotsho. AmaGcina wona ngabaThembu, thina asingabo abaThembu nto nje sadla ngeli gama lithi Gadluma. Futhi amaGcina avele ngexesha likaTyhopo kuba wayebagcinile akababulala ngokomyalelo weKumkani yabaThembu, yena uTyhopo wayeyinduku esekhosi kaKumkani ngelo xesha waze wanceda abaThembu ekulweni utshaba encediswa ngaba bantu wayebagcine emiqolombeni waze wathuywa igama lokuba nguMgcina. AmaTshutsha wona ayekhona kwakudala kwango-1700, owafumana kwaGcina afudukela khona ngeemfazwe zikaTshaka amanye ayehamba noNompumza owayethunywe yiNkosi yamaNdebele ukuba azokuqonda ukuvuka kwabafileyo kwaXhosa. Ndimile.

      Delete
  6. MNA NDINGUZAMATOLO NDINGUMCHENGE MABHANEKAZI NDICELUBUZA EZINYE ZITHINI?

    ReplyDelete
    Replies
    1. Dlangamandla, Zulu, Mchenge, Mfingo, Mhlathi unukulambo, amaBhanekazi, ooNgonyama, ooMvumba lempongo liyanuka.

      Delete
    2. ungu Tolo, uZulu UDlangamandla, uMchenge, uMfingo, uBhanekazi,uNgwenyankomo uVumba leMpongo liyanuka linuka imbombela,uLwandl' aluwelwa luwelwa ziinkonjane zona zodwa zinamaphiko made .... uMabele-made!

      Delete
  7. ndicela nindichazele banzi Ngoonziphazi! ngamaMpondomise lawo kodwa andiwazi umnombo wawo

    ReplyDelete
  8. Bhotani ntozobawo, mna andikwazi tu ukuzithutha, ndazi nje uba ndinguMAJOLA impondomise. Ndisakhula ndandiye ndive umakhulu ebiza NXOTHO, ndive noNGWANYA noQENGEBA noMPHANKOMO Khanindincede idibana phi, njani lihlazo eli (very worried)

    ReplyDelete
    Replies
    1. Bhota mwethu! Mna ndingazama ukukuphendula ngokuyitsala kude le nto ndenjenje:

      UNgcwina ke ngoyena uyinkunzi ozele phantse zonke izizwe zamaMpondomise. UNgcwina lo uzalwa noDombo noDebeza. (amaZumbe namaQadi ngamaNgcwina) Lo Ngcwina uzele uBhukhwana kumfazi wokuqala. Kwathiwa makazeke umfazi oza kuzala ikumkani, wazeka emaQwathini, kwazalwa uDosini. Kwindlu yesithathu (ekunene) kwazalwa UNXOTHWE. Kwelandelayo kwazalwa uNgcitshane; kwelandelayo kwazalwa uNgcinase. UNgcinase uzala amaQadi.

      UDosini uzelwe kunye noNgqukatha. UNgqukatha uzala uGcaga noNqana, kubaninawa bakaDosini. Kwaza kwafunyanwa umThwakazi kumahlathi amakhulu aseLothana. UNgcwina wamenza umfazi wakhe wesixhenxe umThwakazi lowo.
      ...
      UCirha uzele uMte, ozele uSabe, ozele uQENGEBE noNgxabane. Waza uQengebe wazala uMAJOLA. UMaJola uzele uNGWANYA. UNgwanya uzele uPhahlo, ozele uMamani (inkosazana) noSontlo (iqadi/inci), ozele uMngcambe, ozele uMyeki, ozele uMatiwane, ozele uMhlontlo, ozele uTshalisi (Charles), ozele uSigidi noWelishi (Welsh).


      Izibongo zooJola (Makuliwe, 2003:119-120):

      Jola, Jol’ inkomo, Ngwanya, Sabe, Mphankomo, Mpondomise, Mthwakazi, Qengebe, Cirha, Somarhwarhwa, Sihlobo senunu, Rhamba liyathwethwa, Zwelibanzi, Sizukulwana soMthwakazi, ... Dada ngesabhokhwe kumaKhumsha, Hashe elingavumi kubhosolwa, Ndlebe zolu didi ngamaholoholo; nezulu liyangqina lithi: “Jol’ inkomo ndiyeke!”

      Delete
    2. Bhotani, ndicela ucaciselwe nge mvelaphi ngesiduko Sam soo Rharha, Ndulini

      Delete
    3. Kytheni yena u Ngxabane umshiya esithubeni ngobani abakhe abantwana?

      Delete
    4. Ukuba unolwazi ndicela uyithathe pha kuSibiside lembhali yokuzalwa, ucacise inzala yakhe uzenayo ufike unabe apha kumaMpondomise. Camagu

      Delete
    5. Bothani ebuhlanti nasegoqweni,mandilungise into encinci apha kulembali yamaMPONDOMISE .Masitsale ezantsi ,Amampondomise ngabaMbo. Unombo wabo uqala kanje ,Usibiside owayesuka eGREAT LAKES njengenye yentsalela zabambo.Yena uzele UNjanya ,Dlamini aba basisizwe ngokugoku ESwazini,kunye NoMkhize lo ngoku baphantsi kwesizwe saMazulu.Njanya uzele uMpondomise,Mpondo noXesibe ne wele Unomafu lo Amabomvane aphuma kuye.Mpondomise uzala UNtose ,Ntose azale kwindlu enkulu u Cwerha ekunene azale MPINGA,Eqadini azale Ungcwina.Ucwerha unina zange abe ngwasebukhosini kunye no Mpinga,lonto yathetha ukuthi uNgcwina unina ingowasebukhosini mayibenguye Inkosi.Yena wazeka intombi ka Fubu wamaQwathi kuqala ethathe ixesha ukuzala sele uNgcwina engene intombi yomthwa ekuthiwa ngu Masangana .Lentombi yayiyebathwa eyafumaneka mhla UNgcwina wayethume abazingeli ukuba bayomkhangelela inamlele .Abazingeli ke abo babesizubula isilwanyana esinjalo bachola lomntwana womthwa bamsa kuNgcwina .Umamqwathi nguye ke ozele tanci umntwana ekuthiwa Dosini kuthiwa ke wavuya esithi nam Ndosina ize kuvele eligama lithi Dosini.Kodwa ngenxa yemikhuba yakhe yolala nezilwanyana nezinye wahlatywa ngomkhonto akafa exuthwa ilungelo lukuphatha nguyise namaphakathi .Labe ke icekwa liwa ku Cirha nowayindlu yeqadi .Mashiye mfungufungu kanjalo ke .

      Delete
    6. Ka utsho ngo Sikhomo no Rhudulu, ngubani ozala bani? Unabe apha phantsi ko Mpondomise ukuba u Sikhomo no Rhudulu baphantsi kwayiphi indlu?

      Delete
    7. uSikhomo ulapha kulomnombo kaTshawe ezalwa nguNgcwangu amaRhudulu elapha kumaMpondomise.

      Delete
  9. amabangula azithutha njani

    ReplyDelete
  10. mholweni

    ndicela umntu onolwazi ngesiduko NTLANE NQABANE ...uba sithuthwa njani nemvelapi yabo

    ReplyDelete
    Replies
    1. ntlane ntlantlathintlala ntlanga zonke zomhlaba nqabane dinga ntingili skhikhi yezalabantwana sihila schitha yethani zitshobo mbumbulu mbokotwana thambo lenyoka lihlabelimzondayo

      Delete
  11. Bhota mz'ontsundu

    ndicelwa ukuthuthelwa isiduko sooSithathu, ooChisane. Ndiyabulela.

    ReplyDelete
    Replies
    1. Chisana Ndebe Khopoyi Hasa Tsomoyi Lawu Nkomozbomvu Sthathu......

      Delete
    2. Sithathu, Chisana, Ndebe, Khophoyi, Nkom' zibomvu, Lasa, Lawu lentaba, Msenge sebaleni, Mpundwana nye, Tshitsha, Masumpa, Wakani, Angaphambana uvutha asiwenzi amasiko, Thikoloshe yitya uhluthe ndizakuthuma emamfengwini, Sithunzela andifuni kudlala nawe kuba wena udlala ngokugibisela.

      Delete
  12. AmaTolo akwaNongwadla

    Tolo
    Dlangamandla
    Ngwenyankomo
    Nongwadla
    Zulu khaya labakholwayo
    Mchenge
    Bhanekazi
    Mfingo
    Masali
    Amajubantlantsi
    Vumba lempongo liyanuka
    Nozinja Ziyakhonkotha kuba zithi:
    Hawu! Hawu! Hawu!
    Xa zibon’ umnt’ ozayo,
    Nozinja ziyaqhingana
    kanti zenz’ umntwana,
    Mpomfana noThukela,
    Mlamb’awuwelwa
    uwelwa ziinkonjane kuphela
    zona zimaphiko made,
    Nkomo zikaGaxaza, Oonkuni
    azothiwa kuba zithezwe yinkosazana,
    Bona babasa
    amadaka eenkomo zabo,
    Izinto ezifuye inkomo
    zafuya negusha nehashe.


    AmaTolo akwaNgonyama

    Tolo,
    Ngonyama,
    Dlangamandla
    Zulu
    Mchenge
    Bhanekazi
    Khaya lengwe,
    Nanst’ ingwe ndiyibambile
    yizani madoda
    siyinquml’ intamo,
    Mpomfana noThukela
    Mlamb’awuwelwa
    uwelwa ziinkonjane kuphela
    Vumba lempongo liyanuka
    Oonkuni azothiwa kuba
    Zithezwe yinkosazana
    Bona babasa amadaka
    eenkomo zabo
    Izinto ezifuye iinkomo
    Iigusha de zafuya nehashe

    ReplyDelete
    Replies
    1. MOLWENI NDICELA IZIDUKO ZAKWA GINYA...NDYACELA BANTU

      Delete
  13. My name is Luthando Booi, live in Cape Town but my father is from the Eastern Cape, eLady Frere eJojweni. I'm am from the the amaphondomise clan.
    NdingumQama, uJola, umphankomo, uQengeba, iThole lo Mtwakhazi, uXhoto, unGwanya, uRhebela... And that is how I intruduce myself.

    ReplyDelete
    Replies
    1. Molo Luthando

      I just want to assist you in pronouncing some of the iziduko you mentioned. uXhoto is uNxothwe, unGwanya > uNgwanya, uRhebela > uRhibela. It is amaMpondomise.

      Delete
    2. umQama > umQam

      Delete
    3. botani mawethu, mna ndingu MQAM, NDAZI OKO KUPHELA... NDICELA ONOLWAZI AKHE ANABE NGESI SIDUKO SINQABE KANGAKA EMAMPONDOMISENI... NGOWUPHI OWONA MNOMBO WAMAQAM?

      Delete
  14. My name is Kholiwe Ntloko ndingu Mhaga ingxaki andikwazi ukuzithutha ndicela uncedo

    ReplyDelete
  15. Igama lam nguWandisile Hogqoyi.Ndingumngwevu,ndicela nindigqibezelele.

    ReplyDelete
  16. AMAMPEHLE KUTHIWA NGO CABASHE, NONGCETHE NDICELA ANDINCEDE AGQITHE OWAZIYO

    ReplyDelete
  17. Mna ndinguBavuyile Norubela. Ndilimpondomise! Imvelaphi yam ikuQumbu nakuTsolo noko kemna ndizalelwe kwaBhaca eMt freya. Ndingu Nxotwe,

    Gqagqa,
    KaGqikazi,
    Skhom,
    Phungani, Ntongana yentsimbi, Nozibay'ezikhulu, uMadidiya, uQamkazi, uMasulelwa ngento engayenzanga itsho imfanele.

    ReplyDelete
  18. Anonymous: AbakwaMntaka bangamampondo: ngicela ungixelele imvelaphi yabo nezitakazelo.

    ReplyDelete
  19. Ifani yam ngu Yako, ndicela undincede ngeziduko,,,ndazi ezimbalwa.

    Enkosi

    ReplyDelete
    Replies
    1. Kaloku Caramel ukuze ukwazi ukuncedwa ngeziduko zakho kufuneka ube naso esi usibizayo. EsiXhoseni asizalani ngeefani. Ifani ligama nje. Eyona nto ibalulekileyo sisiduku. Kufuneka sibekho esi usixelayo ze uncediswe ekuzithutheni ke.

      Delete
    2. Amanqarhwane, Osduli ndifuna ukwazi imvela phi yabo? Nokuzithutha ukubheka phambili.

      Delete
  20. molweni bethuna mna ndinuNasiphi ndinguMamsukwini ndisekapa. ndinemibuzo emibini. bendicela imbhali yamasukwini. n bendicela umntu okwaziyo uthutha amaNqabashe andenzele lonceba asseblief torho

    ReplyDelete
  21. Ntlane; Ntlanga; Dingi; Nqabane; Sukude

    ReplyDelete
  22. NDICELA UTHUTHELWA AMAMFENE

    ReplyDelete
    Replies
    1. amaMfene ngoo Hlathi, Lisa, Jambase, Canzi, Hla'ngomva eliweni, Msuthu, Malahlane, Mangqila

      Delete
  23. molweni bethuna ndicela ukwazi isiduko samangwevu o tshangisa

    ReplyDelete
  24. Ndingu Sonwabo Mathumbu eCofimvaba, eQamata,isduko sam ndingu Tshangisa uSkhomo, uZulu, umhlaba,Umbambani, uSnukwa. Ndiphelele apho. Kodwa andinguye uRhudulu.

    ReplyDelete
    Replies
    1. uRhudulu uzala uSikhomo yena uzala uSinuka yena uzala uTshangisa noNxuba ngokwalekelana ngoku uthi awungo Rhudulu njani ngapha koko igama umngwevu sisicabelo elona gama lesiduko ngu Rhudulu

      Delete
    2. UTshangisa, uNxuba, uNgcingane, uGaduka, uNabe, uNjuza, uMntuwomlambo. NgooRhudulu bonke abo.

      Delete
    3. This comment has been removed by the author.

      Delete
    4. Ndicela kubuza ngesiduko sakwsngcitshani

      Delete
  25. Amandlane,oonoMdimba,Tutuse,Ntlokwanibanzana itini into yabo bavelapi....Sinazo Bida eQunu

    ReplyDelete
  26. Umzima,uceduma,ubhomoyi khanincede ke bantu nigqibezele kwezi ziduko zam xa ndifuna ukuzithutha ndigqibe

    ReplyDelete
    Replies
    1. Sophitsho,Bomoyi,Vela bambhentsele,Nxego,Timane,Yem yem

      Delete
  27. HI ,NDICELA ZONKE IDUKO ZAKWA NGITSHANA OZAZIYO UMNTU

    ReplyDelete
    Replies
    1. Ngcitshane, nkwenkwezana, mev'amhlophe, schongoma, abaphakuli beenyosi ezi phantsi kub'eziphezulu ziyabasinekela, istheb'esimanagananga sokophulela installation yethokazi....

      Delete
  28. Mna ndingu abongile, bendicela izithakazelo zama ngxabane. Ndiya nicela sizwe sika phalo khani ncedeni.

    ReplyDelete
    Replies
    1. Bhota Abongile,

      NguNgxabane, uMdatshi, uRhibela, uNcokazi, uMeyiwa, uBhodi, uBhabhanomhlehlo, uTyotshana, uSibalankwenkwezi – abany’ abantu bebal’ iinkomo nje, amathol’ omThwakazi, ooNtam’ inemida njengenkunzi, amaMpondomis’ omthonyama nozwane, iziziba zeTsitsa zingenwa ngugqoloma weTsitsa neChulunca kuphela, ooMbambo ezakheke njengezentaka, ooBhenc’ akanantongo, ooSidulana eselubhelu sethafa, ooNonto yenja yinkongolo, beyidla beyithufela!

      Delete
  29. Mna ndingu lutho Ngoloyi.ndingu dzana mncwabd tseketsd nzinzi bendicela uncedo ndiqibezelelwe

    ReplyDelete
    Replies
    1. Mfuphi, ngxabalala, mayeye, katsin, mncwabe
      Ndisaphelele apha mfuphi!

      Delete
  30. Ndiyabulisa; amantlane la ngo dinga or dingi? Ndicela ucaciselwa apho ntozakuthi

    ReplyDelete
  31. Mna Ndingu Sintu Maxongo. Ndingu Mtakwenda u Leta isduko, ndicela umntu okwaziyo andithutha torhwana ndiphelele apha andikwazi ukugqitha. Enkosi.

    ReplyDelete
  32. Umna ndingu Chuma uMamQadi wakwa Merhele(Miggels)ndikwa nguye nomamZotsho kwaNtshiza ndicela ukwazi ukuba ndingazi thutha njani

    ReplyDelete
  33. Bahlekazi abahle.
    Ndicela ukucaciselwa ngo Gqunu. Ingaba uGqunu sisiduko okanye ngubanina?

    ReplyDelete
    Replies
    1. Sisiduko mfo kabawo, xabezibisa bathi bango Ogqunu Omanyishe Ombhoyiya!

      Delete
  34. Ndingu Mpandla uTshayingwe uMbona ukhona onolwazi ngeso siduko nentsusa yaso?

    ReplyDelete
    Replies
    1. nam ndinguye kwaye bendinothanda ukwazi

      Delete
    2. Mpandla , Mbona, tshayinge, Okhiphi , onunu,Nozithethe, sixwarhu

      Delete
  35. NdinguMavuka isinqe sise Hewu emthwakazi. Kodwa andikwazi uzuthutha ndiyayazi ukuba ndiMamntambo, unthethe , uxhentse baleka kodwa ndiphelele apho. Ndincediseni ndiyacela.

    ReplyDelete
  36. Mna isiduko sam ngu Mhaga surname kodwa ankdikwazi ukuzithutha ndicela uncedo

    ReplyDelete
  37. Molwen...mna ndnguMabase,Msuthu frm Idutywa.Ndiphelelwe ukuzithutha,ndingavuyiswa xa ninondithutha

    ReplyDelete
  38. Molweni bethuna ndingu LUYANDA MEHLO Nqana umdanda nakisa nomakhungelo ngqwala ka ngqokazi isicanba esihle intshintshikazi yokundlalela abatwana impondomise kumhlaba wakutsolo imvelaphi ndiphelele apho

    ReplyDelete
  39. BASUKAPHI OONQANA BEZALWA NGUBANI ?

    ReplyDelete
  40. ndicela ukhe uthuthe OoNjiyela, JoboQunusa Njalo njalo. Ziziduko zam ezi kodwa zimbalwa endizaziyo

    ReplyDelete
  41. Molweni ngokulingalayo igama lam nguSindile.Bendicela ukwazi banzi ngoNgcitshane?

    ReplyDelete
    Replies
    1. Khan gels I group ku Facebook "Amangcitshane amiable"

      Delete
  42. molweni ndingu abongile untuli,nojila,sababa,zixesha xabendlwini,mphemba,nonguza,thelela,nkomo zimnyama nenkunzi yazo ndibawela ukuva abanye abaneziduko ezingontuli bazibiza njani na

    ReplyDelete
  43. mna ndingu nosisa manyase etsomo emission ndingu majola kodwa asingabo o dosini no mnqadi ndicela ukubuza ndingazithutha njan mna

    ReplyDelete
  44. ingcwaba likaMatimba liseQonce, contact me!!! I'll tell you more ngeMbali yakwa Matimba.....

    ReplyDelete
  45. Ndicela ukwazi ukuba isiduko esi sikaFola sisuka phi, kwaye bathini ukuzithutha abantu baso.

    ReplyDelete
  46. Iinkosi mazithambe, isicaka sizolile!! Mna ndikhula ndisazi ukuba singabaseMaMpingeni kwindlu kaPhahla. Inkulu ke lendlu kaPhahla kulomhlaba waseMthatha, Libode ukuyoqhina eNgcobo. Kukho impikiswano kuba izithatkazelo ezidumileyo apha kwesisiduko ngumawawa, bholokoqoshe (abayaziyo imbali bathi eneneni nguMbhala kaNqoshe) uSenzwa, umbhutsha. Ndicelwa ukukhanyiselwa banzi ngoPhahla apha eMaMpingeni ngoba notat' omkhulu wam wayeyinqonqozisa lendawo kaPhahla.

    ReplyDelete
  47. Mna ndingu Nosipho Mbenga, u Jola, Ngwanya, Mphankomo, Qengeba Thole lomthwakazi ndicela ukwandiselwa. Apho ndiphuma kho ku Qumbu (Shawbury ne Mahlungulu)

    ReplyDelete
  48. bhotani mawethu
    isiduko ngumntlane ndiphuma kuGatyane
    bendicela inkcazelo ebanzi ngamantlane

    ReplyDelete
    Replies
    1. Mna ndingu MAKASI DINISO ndingu NTLANE isiduko sam , ndili Mpondo kwaye ndingowase CORANA e LIBODE . umnombo waMantlane usuka eLusikisiki azalwa ngumfo owayesuka e KENYA owayebizwa ngokuba ngu Njanya , unyana wakhe omkhulu ngu Dlemini yena ke wazala uSibiside yena ozele uMpondo lo isizwe sibizwe ngaye , yena ke kwindlu enkulu uzele u Hlambangobende ; yilendlu ke iphetheyo ya Manyawuza , kwakhona u Mpondo uzele unyana ogama lingu Sihula kwiqadi lendlu enkulu yilendlu ya Mantlane ke leyo . Sichaza ngo Sihula yena Uzele u Mthwa-ka-Sihula othe ke yena wazala u Santsabe yena ke wazala u Mkhondwana ozele yena u Sukude nothe yena wazala u NTLANE endlini enkulu ngu GINGQI ekunene ngu KHWALO eqadini ngu NGCWANGULA exhibeni . uNtlane yena wayenabafazi abathandathu sithatha indlu enkulu apho uzele u Ndendela yena wazala Mfusana waza yena wazala u Dinga othe ke yena wazala u Nqabane . Mantlane zininzi ke izinto endingazithethanga ngezinye izindlu nabantwana bazo ndithethe ngezindlu ezinnkulu kuphela ezinye siyakuthetha ngazo xa sisentlanganisweni ya Mantlane , ndiyacela ke nam ndilungiswe apho ndiphazame khona , Imfonomfono yam ithi 0780806950 ,Enkosi .

      Delete
    2. Thanks a lot Man. This is Sukude, Valela, Mkhondwana, Gcutha,

      Delete
    3. Mandizibulele nam ke nto yakwa Diniso ngalo mnombo wamantlane. Man bendinelize undimbathisile
      LUTHANDO TONI, Ntlane

      Delete
    4. Hayi Khona akabuyi Kenya tu ke ngoku uSibiside ubuya e Tanzania that is our roots. Yiyo lento sithi EMBO. Unjanya uzalwa kumnombo ka Mpondomise iwele noMpondo elikhulu nguMpondomise. Zama ukuphanda inyani.

      Delete
    5. This comment has been removed by the author.

      Delete
    6. USibiside uzala uNjanya, aze uNjanya azale amawele uMpondo noMpondomise kunye nemfusi uXesibe

      Delete
  49. NdinguMpehle, uCabashe, Dikana, Nkom' bomvu, Wayibeka, ndiphuma kumnombo kaQhusheka. Ndicela ukwazi ngomnombo/ imvelaphi yawo.

    ReplyDelete
  50. Molweni Mawethu ndinguSiyanda ndicela nindincedise ngemvelaphi yamamphandla

    ReplyDelete
  51. Molwen ndingu Thandeka Gxalatana ndicela ukuchazelwa banzi ngesiduko sam,uKhanyayo ndikuhlaba waseXhorha kodwa otata omkhulu bathi babesuka eBizana,ndifuna ukwazi ukuzithutha noba sihlangana phi no Nyawuza no Mzize.

    ReplyDelete
  52. Molweni mawethu,ndicela ukuncedwa apha bethuna,Ndingu Nosi wakwa Gqalane umzukulwana wamaNdlane,bendicela ukubuza amandlane azithutha aphelelle phi,ngoba mna ndazi kuthwa singonomdimba,oontlokwana ibanazana,oo tutuse,kwaye futhi imvelaphi yamandlane andiyichani kakujle,khanincedeni bantubakowethu. Iyabulela ilali.

    ReplyDelete
  53. Ndingu madzana wase mneno nciba - emonti. Ndicela ukuncediswa ngembali yokuwela inciba kodzana besuka emount frere.

    ReplyDelete
  54. Molweni kwaXhosa. Mna ndi nguVusumzi ndizalwa kwaDumane phofu ke sihlala kwelizwe la besuthu efree state. Mna ndakhulwa kusithwa singamaMpondomise, oNgcwina, oMphankomo, oMajola indixake k' xasekusithwa uDosini. Idibana njani kuba oMajola ingathi bazalwa ku eli cala lika Cirha ozalwa ngumThwaa....Ndicela incaselo kulonto, mandibulele

    ReplyDelete
  55. Uyazibulisela uMamvulane, uBhayi, uKhetshe, uMsuthukazi, inyok'emnyama ecand'iziziba. Ndicela kosaziyo esisiduko andixelele ndingathini udlula xa ndizithutha ngoba zimbalwa ezi. Izolo ndive uba kuye kuthiwe "meva elimhlophe" ngoku ndaye ndanomdla okoba zithini na zinye. Enkosi

    ReplyDelete
  56. molweni mzi ontsundu...ndicela nindi thuthele amantlane la angengo dinga

    ReplyDelete
  57. Molwethi, ndicela ukwazi imvelaphi YamaNzotho/Nzothwa nezinqulo zabo, enkosi kakhulu

    ReplyDelete
  58. Ndingu lwandile from lusikisiki ndcela uncedo ngesiduko ubhala andkwaz kuzitibela bendcela onolwaz andincede kunye nemvelaph yaso ndilimpondo

    ReplyDelete
    Replies
    1. UBhala kaloku uzalwa nguGangatha, yena ozalwa nguCabe, yena ozalwa ngNcindise, yena ozalwa nguThobe, yena ozalwa nguZiqelekazi, yena ozalwa nuSukude, yena ozalwa nguMkhondwane, yena ozalwa nguSantsabe, yena ozalwa nguMthwa, yena ozalwa nguSihula, yena ozalwa nguMpondo uqobo lwakhe.

      Delete
    2. UBhala kaloku uzalwa nguGangatha, yena ozalwa nguCabe, yena ozalwa nguNcindise, yena ozalwa nguThobe, yena ozalwa nguHlamandana, yena ozalwa nguZiqelekazi, yena ozalwa nguHlambangobubende, yena ozalwa nguSukude, yena ozalwa nguMkhondwane, yena ozalwa nguSantsabe, yena ozalwa nguMthwa, yena ozalwa nguSihula, yena ozalwa nguMpondo uqobo lwakhe, yena ozalwa nguNjanya, yena ozalwa nguSibiside kaSidweba. UBhala ke yena uzele amawele uChitwayo noKhonjwayo, uChitwayo ke yena uzele uNdayeni, ke yena wazala uThahla.

      Delete
  59. Mna ndicele isiduko sakwaNgcoya nindincede ngaso

    ReplyDelete
  60. Molweni ekhaya. Ndingu Nkosi Ketabake. Ndifuna ikhaya lakuthi nokwandusela isiduko ndifunde ngezimbalwa. Ubawo liMpondo andiqinisekanga ngqo ngekhaya ubeye okhombe koo Bizana nase Lusikisiki.Ndiyabulela

    ReplyDelete
  61. Igama lam ngu Mncedi Mhlangala ndinengxaki andizazi nokuba ndiqale ngaphi xa ndizithutha ndingu Tshutsha bambi bathi ndinguGadluma uCekwane andiyazi kwa imvelaphi yam. Kanye kanye ngamani aMaTshutsha la?

    ReplyDelete
  62. This comment has been removed by the author.

    ReplyDelete
  63. mna ndingu Nwabisa Marhadebe isduko ,ndicel ubuza esam isiduko asikho elistin ingaba andililo na impondomise?

    ReplyDelete
    Replies
    1. Hi Nwabisa, ooRhadebe ngamaHlubi sisi, awangomaMpondomise. UliHlubikazi wena.

      Delete
  64. Mpinga,Mawawa, Mbolokoqoshe,iny’ omntwana, ingakhul’ izinza sel ‘ifanele amadoda, oSenzwa, ooMbali, ooMbetshane, Hlahla lamsik’ umntu es*ndeni, ngceza, Sintila, Nyaw’ zinoshukela, mzukulu kaSityulu, kheth ‘omthandayo, Mawawa,

    ReplyDelete
  65. AmaQadi avela xa kundawoni kulendlu yamaMpondomise?

    ReplyDelete
  66. Ndicela ukwazi imvelaphi yesiduko sakwaMathumbu kwisizwe saMampondo.

    ReplyDelete
  67. Ndicela ukucaciselwa ngesiduko amaZumbe, imvelaphi yawo nakuzithutha.

    ReplyDelete
  68. Ndicela ucaciselwa ngoZumbe yena uzalwa ngubani pha kwaNgcwina

    ReplyDelete
  69. Ndicela ubuza ooZongozi xa bethuthwa kuthiwani? Ngamani?

    ReplyDelete
  70. Ndingu NXASANA ndicela ukubuza ukuba uNxasana uphuma kweyiphi indlu yamaMpondomise .enkosi .

    ReplyDelete
  71. Mna NdinguMzukisi Myeki, le fani kaMyeki ngeyase Maqocweni. Umama kamama wondela kulomzi eza nomama. Ukuqala kwam ukudibana notata wayesithi SingoMlungwane ifani ngu Mbatha (hayi 'Mbhatha', M'batha). Ngoku ndizama ukufumana ukuba uMlungwana lo uzalwa ngubani, bakuphi pha e Estern Cape. Ntozobawo ndinabantwana ndinomfazi, mandincedwe ndikwazi ukunceda usapho lwam.

    ReplyDelete
    Replies
    1. PHA KULAMHLABA WAMAMPONDO CEBUKUHLE KWELAMABAHACA KWIDOLOPHU EKUTHIWA YI-MAUNT FRERE OMYEKI BABUTHALENE KUYO KWINDAWO EBIZWA NGOKUBA KUSEMAMPONDMISENI UYAKUBAFUMANA

      Delete
    2. Ndingu Jolinkomo mna kwaye ndixelelwa ukuba abantu basekhaya basuka apho ko Myeki kanye...qha u tatomkhulu waya kuyokhwakha e Mzimkhulu

      Delete
  72. Mandizibulisele mna ndinguMamgwevu,cela ukwazi sesiphi isilo saMangwevu?ukuba sikhona

    ReplyDelete
  73. Camagwini mzi wakwaXhosa.
    Mna ndinguJola iMpondomise laseRhawutini.Ndicela uncedo ngeziduko nemvelaphi yooNdzuta/Nzutha, okuncinci endikaziyo: singoMhaga noSabe uGqweta noGqubushe umawel'ukuzana. uDlobela, uMphankomo, uNgwanya uMajola. Ndiyema apho. enkosi!

    ReplyDelete
  74. Correction- endikwaziyo not endikaziyo

    ReplyDelete
  75. Mholweni nto zakuthi ndingu Nobanzi mambumbu kwelicala loo Dlamini onolwazi makandincede enkosi

    ReplyDelete
  76. Msitheli
    Molweni emaXhoseni
    Ndicela ubuza ngubani uyise kaDosini ?
    ezalelwa phi?
    ingubani ifani yakhe?

    ReplyDelete
  77. Molweni bantu bakuthi, mna ndingu ntshangase unomathebe umsuthu msengeshe umbokodo ezibomvu zokugaya amalovane. Ndingu mbeko igama lam lenkobe ngu Mpetshwa ifani. Ndicela umntu onolwazi khe andizele nesizathu sokungafani kweziduko zamantshangase ase Eastern Cape nawakwa zulu natal. I'm always wondering plz help guyz. Xa usazi kodwa. Enkosi

    ReplyDelete
  78. Bhotani bantakwethu.NdinguLungiselela Lindani (@facebook ndingu DIBASHE LINDANI).Lo ngumnombo wasekhaya ngokwazi kwam koko andibazi abanye abantu abaazalwa ngokwalomnombo.Utatomkhulu ngu Inoki(ENOCH) ubhubhe ngo 1974,yena ngunyana kaNonyondla,uNonyondla ngoka Khasan,uKhasan ngokaYaso,uYaso ngoka Lindani.UNonyondla uzele Gxamfu kunye noPitili kwinkosikazi yakhe yokuqala waza wazala uInoki kweyesibini.SingamaSukwini thina.Ingxaki ke yeyokuba ndazi kuphela abantwana baka Inoki.Akukho ngqiniseko yesinqe sakhe kodwa kuvela abathi sikwezaalali zaseDikeni,ndicela uncedo ngabantakwethu.Sizibiza ngoLindani thina,enkosi

    ReplyDelete
  79. ndicela ukwazi imvelaphi yootshezi bakwaGqibitole

    ReplyDelete
  80. NdinguGcaga onkaba iseMbizana eMampondweni ndicela ukudweliselwa umlibo wendlu ka Gcaga kuba sele ndifumene ngomlibo wendllu kaGcwina ukuba uGcaga ungowendlu yasekunene kaGcwina oyimise ngentombi yase maQwathini apho uGcwina wazla uDosini no Ngqukana, uNgqukana wazala uGcaga lo ndingaye. Ndicele umntu onokulandelelanisa umlibo walendlu ka Gcaga. ndinekuqonda ukuba amagama onyana asemlibeni kaGcaga akwezizithakazelo zamaGcaba ooMathand'ukuhamba njengelanga njalo njalo. ndicela olo landelaniso olubonakalisa ukuba uGcaga wala bani lowo wazala bana njalo njalo.enkosi.

    ReplyDelete
  81. Ndingu Gcaga oseMonti ngokuhlala mna ndicela izithakazelo zamaGcaga, kuba ndazi nje ukuba kuthiwa bo Madluba ooGokashe ndiphelele apho ndicela uncedo kwabanolwazi.

    ReplyDelete
  82. Ndingu Vuyisa wakwaMangaliso ndiliMpondomise OoZongozi kodwa andikwazi ukuzithutha ndicela uncedo.

    ReplyDelete
  83. mna ndingu Mthembeni Kulu. ndicela owazi iziduko zakwa Mkhiwa, nxasana,skhonza,bhili, totoba, somaqhasholala, umalilelwa zintombi zithindizeke noba awunankho,thaba. andazise ezinye ndoba aziphelelanga apha.

    ReplyDelete
    Replies
    1. NguSikhonza, uNxasana, uTotoba, uDunjane, mkhiwa, uMalilelwaziintombi zithi ndizeke, adinamama andinatata ndiyinkedama, uBhili, uTotoba, uSomaqhasholala, gastyeketye umbona obomvu othandwa ngabantwana, gawu, skhonza ngenkomo kwabasemzini!. nyok'emnyama eyacand'isiziba. sizukulwane somuthwa! sizukulwane selawu!mahlath'ayophela soshonaphi na?nonduna!

      Delete
  84. Cela ubuza imvelaphi yaMantambo, neziBongo zawo...

    ReplyDelete
  85. NdiguSakhekile Mtshwane waseXesi eNgcwazi Kwangele, mdphangela eKapa. Ndifuna yonke imvelaphi yaMantabo nezibongo zawo...

    ReplyDelete
  86. Bhotani mzi wakuthi. Ndicela udibana nabo Hela base King Williams Town. Isiduko sabo ngamaNqarwane. Cell 0737366494 Email yam davidhela@gmail.com

    ReplyDelete
  87. Bhotani igama lam ndingu Thobeka umama uzalwa kwa Dlangamandla. Ndicela uncedo ngeziduko zakwa Dlangamandla. Ndiyabulela

    ReplyDelete
  88. Isizwe sama Mpandla siphumaphi?

    ReplyDelete
  89. ndicela uqonda ngesiduko u Nkilane

    ReplyDelete
  90. ndicedeni ngesiduko sooziphazi,oomagoBa,oomachi,oomBushu,ookhayisana oontsikizi emnyama(amampodomise)

    ReplyDelete
  91. ndiyacamagushe zidwesha zakuthi, ndingu Nomaxabiso mhlola waku Gatyane ndicela uncedwa ngeziduku oNobetha,oHlanga ndiphele

    ReplyDelete
  92. Mna ndingu mqadi ifani ndingu Mphithizeli, ikhaya liku Centane, kwilali yaku Holela. mna ndifuna ukwazi kanye kanye yintoni edibanisa uMqadi no Jola? kuba ndiva uninzi lwamaQadi azibiza ngoJola naxa ezinqula abiza izinqulo zakwa Jola. kodwa zange ndeva nakanye uJola ezibiza ngokuba ungu mqadi. ndicela ingcazelo apho.

    ReplyDelete
  93. Molweni, mna ndingu Robinson wa kwa-Nqola,(Ngqola), singaMampondomise, ooNyawuza-mahlamba ngobubende amanzi ekhona. I don't know much of my genealogy or where I originate from. That's the little I know of myself. I need to know ngee mvelaphi yam ne siduko sam.

    ReplyDelete
  94. Molweni,ndicela nindincede ngeziziduko nemvelaphi yaMayirha ubhongwana nzekwini nondzaba.kuthwa asihlobenanga namayirha oziyeka sampu thambo lenyoka ngoba thina sisuka kwabhaca.Ndingaluvuyela uncedo lwenu

    ReplyDelete
  95. Ndicela undithuthele oDosini

    ReplyDelete
  96. oozizi odlamini bona balunga ngaphi

    ReplyDelete
  97. NdinguJola oliNgcitshane u Mphankomo ndifuna ukwazile more

    ReplyDelete
  98. khanincede mawethu onako ukucacisa ukuba ooGqunu ngobani xa uzithutha, ndincedeni ndifuna ukuzazi.

    ReplyDelete
  99. khanincede mawethu onako ukucacisa ukuba ooGqunu ngobani xa uzithutha, ndincedeni ndifuna ukuzazi.

    ReplyDelete
  100. mawethu ndingu Gqunu ndicela ukucaciselwa ukuba ooGqunu xa bezithutha bathini bangobani

    ReplyDelete
  101. mawethu mandibulise... bendiqwenela ukuva ngendibano yamaMpondomise uba iyeyaphumelela, sesiphi isigqibo okwavunyelwana ngaso, ekuvusweni kwesisizwe?

    ReplyDelete
  102. Molweni mawethu
    ngu Dosini Noyila Ngcwina Mqhokrana
    ndicela OoDosini babe ne web site apho kuzo bhalwa zonke iziDuko zamaDosini inkcubeko nemveli ngokubanzi khe siqokelele nezi fani
    ndim
    Msitheli Tukwayo
    Engcobo
    0783106198

    ReplyDelete
  103. Osevile ngesigqibo ngaso ndicela andikrwece

    ReplyDelete
  104. Amaqam no Qamkazi bedibene?

    ReplyDelete
  105. Ndingula Nxotwe uQamkazi Gabazi Mfuza afulele okwelifu lemvula malangana impondomise kuQumbu kuGabazi ndinqwenela ukwazi ukuba omQam aba bedibene na noNxotwe uQamkazi bendlu yokunene ka Ngcwina

    ReplyDelete
  106. Singo Nxotwe hayi oNxothwe or oNxotha bendlu yokunene kaNgcwina

    ReplyDelete
  107. Mna ndinguGingqi, Ndicela undincede ngokuzithutha nangemvelapi yam

    ReplyDelete
  108. Ingaba zithini iziduko zonke zakwa Nxasana?

    ReplyDelete
  109. Ndicela umntu onokuthutha esisidyko umQam

    ReplyDelete
  110. Mna ndicela ukwazi imvelaphi okanye umlibo wama-Ndlane kulomzi waba-Thembu kwakunye nama-Thunzi emagqunukhwebeni

    ReplyDelete
  111. Molweni zinkosi

    Ndicela ukubuza le mibizo ilandelayo.
    Amaqadi no Jola bayazalana na? ukuba injalo bazalana njani? ingaba bayatshatiselana na? uthini umahluko xa bezithutha.

    Enkosi ndiyabulela.

    ReplyDelete
  112. Haybo bethuna ndicela ubuza ooTutuse ooNomdimba ithini imvelaphi yabo andiboni mpendulo yabo ndinguNonceba Taliwe eNgcobo

    ReplyDelete
  113. Ntozakuthi khanindithuthele ooMbotho

    ReplyDelete
  114. ndicela ubuza ukuba Umawawa onguMbhusha limpondomise?

    ReplyDelete
  115. Zidwesha zakwaXhosa ndiyabhotisa! Mna bendicelwa uncedwa ngomnombo wamaTshawe apho basuka khona ndisamile apho. Ndise Dutywa mna ndingu Nosipho Dunga.

    ReplyDelete
  116. Mzi kaphalo , khanicazulule le nyewe OGadluma bazalwa ngubani and imvelaphi yabo iphi kanye kanye bangabaThembu okanye Amampondomse or amaXhosa ngoba intetha ziyabetha-bethana , futhi uzinzo lwawo luphi apha kumhlaba wase Eastern Cape ngoba kukhona ako Gcuwa , Ngqamakhwe agcwele izwe nje.

    ReplyDelete
  117. Hello Bhuti can you tell me the origin of Mtshiza clan and Tusi clan ?

    ReplyDelete
  118. Hello Bhuti can you tell me the origin of Mtshiza clan and Tusi clan ?

    ReplyDelete
  119. Molweni sizwe sakuthi...ndicela ukucaciselwa,mna ndizelwe yhintombi yakwa Jola,ndikhuliswe kwa jola ndenzelwa amasiko kwa Jola.ihambile iminyaka njengangoku ndina 30 yrs,eyonanto ingandivisi kamnandi yhile yokuba utata wayengowakwa zulu Durban andisazi isiduko im not interested ngoba andimazi nalo tata.inyan yhile kucacile ba andikowakwa jola ,kodwa mna ndizalwa yhintombi yakhona ndakhuliswa khona namasiko ndawenzelwa khona...nam ndiyafuna ubangokhona...sithini isintu okanye isixhosa ngale meko yam ndingowaphi ndingubani? enkosi

    ReplyDelete
  120. Molo anonymous, into yokuthi uzalwe yintombi yakwa Jola wade wenza amasiko wakwa Jola lonto ayitheth' uba sowujikile wanguJola. Ungumtshana qha kwaJola. Kona bekufanele ba wenzwelwe amasiko khona, akho siphoso kulonto yonke into iyathethwa.
    Kwakhona ke kwelicala lokuba utatakho ngumzulu. Into yoba wena awuyithandi lonto kuba ungamazi kwaye engadlalanga ndima ayincedi nganto lonto kodwa ekugqibeleni ungumzulu, ukuba uyayilwisa lonto ngaphakathi kufana noba uzilwisa wena kwaye ngumlo ongasoze uwuphumelele lowo.
    Wena into ekufuneka uyenze kufuneka uqalise wenze uphando ngicela lika tatakho noba yinto ekrakrayo nah leyo, kwodwa uzoba uzinceda wena uzotsho uzazi ukuze nesizukulwana sakho singalahleki.

    ReplyDelete
  121. Molweni,ndingu Nombita ifani yam ku Tsolo,isiduko sam ndingu Ntshele,Mdlelanga,Ndokhala,Wabane nezinye ke,ndicela ukwazi ngemvelaphi yama Ntshele nezindlu zawo ngokunjalo

    ReplyDelete
    Replies
    1. Nam ndikuMdlelanga. Ndiyaqala ukuva omnye umntu onesisiduko ngaphandle kwabantu basekhaya. Thina singo Mdlelanga,Ntshele,Wabene Mlomo'bomvu,Sivunda,ndokhalela kubani ndingakhaleli kuMdlelanga.

      Delete
    2. Nam ndikuMdlelanga. Ndiyaqala ukuva omnye umntu onesisiduko ngaphandle kwabantu basekhaya. Thina singo Mdlelanga,Ntshele,Wabene Mlomo'bomvu,Sivunda,ndokhalela kubani ndingakhaleli kuMdlelanga.

      Delete
  122. Molweni bantu bakuthi, igama ngu Phelo ikhayalokuzalwa lise Libode emoyen. ngingu Cirha, uSabe,uNcibane,uHlomla,Ntswentswe,Nojaholo. ndicela ucaciselwa zeziphi ke ezi ze zamampondomise nazo na? ndibuya ilahleke xakuzothiwa sihlobene no Jola thina, bakhona oo Sabe nakubo u Cirha. ndise andazi kengoku ndicela uncedo tu. enkosi

    ReplyDelete
  123. Bhotani mawethu mna ndingu Gcaka uJola uMpondomise uMphahlumphankomo uNgwanya uQengeba uMadluba into eyancanca emfazini obelelinye phesheya kweTsitsa ithole loMthwakazi uNdongana...ndicela khendithelwe tshuphe ngomnombe wam uba uGcaka lona uzalwa nguban ndyabulela in advance

    ReplyDelete
  124. Bhotani mawethu mna ndingu Gcaka uJola uMpondomise uMphahlumphankomo uNgwanya uQengeba uMadluba into eyancanca emfazini obelelinye phesheya kweTsitsa ithole loMthwakazi uNdongana...ndicela khendithelwe tshuphe ngomnombe wam uba uGcaka lona uzalwa nguban ndyabulela in advance

    ReplyDelete
    Replies
    1. uGCAKA lo lingenaphi ithole lomthwakzi ngoba wabakho uGcaka umthwakazi engakbikho. Ukufutshane gqithi wena kwi ngwevu yethu umpondomise ozale utata kaGcaka gutatumkhulu wakho UMpondomise.

      Delete
  125. good morning I am busy tracing my origin also my surname is Mvulane uNcilashe I am being informed that our origin is amaMpondomise clan I'd like to be assisted with this please.

    ReplyDelete
  126. Bhotani mzontsundu, ndicela nje umntu onokundilandela imvelaphi yamaQoco, ooZikhali Mazembe, ooJojo, ooTiyeka, ooButsolo Beentonga, ooMbizane, ooMabombo

    ReplyDelete
  127. molweni!!

    ndicela ubuza kumntu onolwazi uBOMELA uzalana njani noSIHLOBO? NDIYAMBONA USIHLOBO UKWANGUJOLA. MNA ENDIMAZIYO UBOMELA NGURHUDULU.

    ReplyDelete
  128. Molweni bethuna man ndicela nindithuthele ooZongozi

    ReplyDelete
  129. Molweni bethuna man ndicela nindithuthele ooZongozi

    ReplyDelete
  130. Molweni, ndiyontombi yase Matolweni , nditshatele kooGadi ,Mthwaza eLibode. Ndicela nindincede ngezi ziduko zabo bantakwethu. Ezi zabo Gadi....

    ReplyDelete
  131. Molweni, ndicela uncedo mna ngomnombo woMathumbu, ooNcuncuza...nangezinye iziduko. Khaya liseMbizana eMampondweni

    ReplyDelete
  132. This comment has been removed by the author.

    ReplyDelete
  133. Bhotani kumz'ontsundu, Ngu Soyiso Ngcanga, e flagstaff emampondeni ngokwendawo. Mna ndizelwe ngaphandle komtshato yintombi yakwaNxasana,impondomisekazi okokutsho.ingxaki yam zange ndadibana necala likabawo wam, kwaye umama usweleke etshiphile so andizazi iziduko zakwicala likatata wam.ngokukamama utata way ngu Michael Gcaleka e mthatha. Into ebuhlungu usweleke engandishiyanga Na information yaneleyo kuze ndikwazi iziduko zakhe lo Michael Gcaleka. Eyonanto inzima zange atsho nokuba wayengowaphi kulamthatha. Ndiyayiqonda ukuba le information incinane for ukukwazi ukundincedisa kodwa ndiyacelo lo ethe wakwazi ukuba abantu abanefani ezingo Gcaleka iziduko zabo zithini. Inokwenzeka intoyoba oGcaleka(ifani) babeneziduko ezahlukileyo. NUMBER YAM #0780878468 EMAIL. Soyisongcanga0409@gmail.com. Enkosi

    ReplyDelete
  134. This comment has been removed by the author.

    ReplyDelete
  135. Ndicela iziduko zakwa Tshobisa bakith

    ReplyDelete
  136. Molweni zidwesha zakuthi ndicela uncedo...ndikhule ndingamazi utata ondizalayo ndithi ndofumanisa ngoku kuthiwa ndingu Gqunu nto nayo andikwazi uzithutha kwaye ndizenzile inzame kodwa ayiveli tu inzalelwane yakwa Gqunu....ndicela uncedo mawethu

    ReplyDelete
  137. Amabhushwa wona angenaphi kumaMphondomise

    ReplyDelete
  138. Mna ndinguZotsho, Manci, Wabane, Maqholo, Thintisa, Waka, Msebe, Mbali,.....ndicela ukwazi ukuba ithini imbali yethu kuba ngoku sikumhlaba waseDutywa. Andile Ngxoza

    ReplyDelete
  139. Mna ndingowakwaMathumbu eMbizana andazi uthini xa ndizithutha ndazi xa bethi ncuncuza mbilini nditsho ndiphelele apho ndicela nindincede ngemvelaphi neziduko zakwamathumbu

    ReplyDelete
  140. Mna ndingowakwaMathumbu eMbizana andazi uthini xa ndizithutha ndazi xa bethi ncuncuza mbilini nditsho ndiphelele apho ndicela nindincede ngemvelaphi neziduko zakwamathumbu

    ReplyDelete
  141. Anonymous: ndiyabhotisa apha ekhaya..ndicela ubuza ooMpehle bayazalana na noJola?

    ReplyDelete
  142. Molweni bakwethu Ndingu Nonkululeko Mthimkhulu ndicela uncedo ngeziduko zakwa GINYA pls

    ReplyDelete
  143. Ndingungxabane, xa ndizithutha ngoku phenylephrine ndithela ncedani hle

    ReplyDelete
  144. itsho wena mntakwethu imbali..uNjanya nguye ozala uMpondomise noMpondo imfuni ibe nguXesibe

    ReplyDelete
  145. Molweni. Ndicela ubuza mna uba apha wMampondomiseni ngubani u Phahlo? Wayeyintoni?

    ReplyDelete
  146. Molweni. Ndicela ubuza mna uba apha wMampondomiseni ngubani u Phahlo? Wayeyintoni?

    ReplyDelete