Thursday, April 5, 2012

OoNqaba

UMBUZO:

Umbuliso,

Ndiyintombi yomXhosa ezingcayo ngemvelaphi yayo. Into nje endibethayo kukungayazi ncakasana le mvelaphi. Ndingu MaNqana mna isiduko yaye kuthiwa sihlobene noJola sisuka sonke kwindlu yakwa Mpondomise. Andinabo ubingqina balonto yaye naxa ndisiva abantu bethetha ngeziduko azange ndakhe ndabava besibiza esam isiduko. Xa ndichazela umntu usuke athi uyaqala ukusiva. Owakhe wasiva athi ndingu Jola. Ndicela undicacisele.

IMPENDULO:

Ewe banyanisile, uliMpondomise uqobo!

Iziduko zamaNqana zezi:

Nqana
Nakisa
Mdanda
Ntsika-zimnyama
Sicamba
Nomakhungela
Sihlobo sikaMona
Amalandula ephethe
Ameyiwa eseya
Ngwanya
Jola!

Kanti uthi uBurns-Ncamashe xa ebonga amaNqana:

AmaNqana kaNgxesha
Abantu abazalana namabululu,
Kusenzel'ukomelez'imikosi yakwaLuthsaba,
Kuba ngamabandl'aphakuphaku,
Kub'agutywa yinkunz'emfene yakwaNkobonkobo,
Iqegu lomshumayeli wakwaNonzwakazi kaMzimba

16 comments:

  1. Enkosi maNqana Mdanda Nakisa Nomakhungela Mfaz'obelenye phesha kumlando uchukumise nam lo untlok'ilukhuni, usinge ngqo kulandawo ifele ithole. Nam ndinguNqana uNakisa iMpondomise elihle umntwana wenkwakhwa inkaba yam yaqhawulwa uqhushekwa kulamhlaba wase Lady Frere kuBengu kodwa zithi ingwevu ngokomnombo siphuma eMampondomiseni kulaMhlaba wakuTsolo saze ke saphambukela apha kuloBengu.Camagu ngenkcazelo engaka inene le blog ngumthombo wolwazi, ndithi maz'enethole, ndisatshaya

    ReplyDelete
    Replies
    1. wow Mntakwethu ndinguDosini Mnqabashe Engcobo kwilali yaseLucwecwe eMBO

      Delete
    2. Bhotani zihlobo zam, ukuphendula udade wethu mandenjenje, uNqana udityaniswa bubuzwe kunye no Jola qha, ngamanye amazwi bangamampondomise bobabini, njengoba uDosini noNxasana naye eliMpondomise, ukutsho ke ndithi uNqana akanguye Jola engenguye noNgwanya, kangangokuba OoNqana bayabazeka oJola, ndisitsho nje ndinguNqana uMdanda uNakisa uZozi uBhalabhala Nomakhungela uSicamba ewe noba ndimbi kodwa nditya ngceph'elihle. Apha ekhaya omakoti bathathu bazekwa kwaJola, ooJola asityi kunye nabo nasesithebeni.

      Delete
  2. nanku uLUYANDA MEHLO linqana eUGIE ndiyanikhangela maNQANA nitshonephina? uphina umzi wamanqana amanyeneyo bethun?

    ReplyDelete
  3. Molweni Bathuna

    Igama lam ngu Phumla ndihlala e Western Cape. Mna ndingu Mamnqarhwane, u Ziduli, u Hlab'ilawu, u Hintsabe ndiphelele ke apho xa ndizithutha. Ndicela ingcombolo ngomnombo wama Nqarhwane enkosi!

    ReplyDelete
  4. Ingama lam ndingu siyabonga u jola iindinde ivelaphi ka jola, oojola bhasuka e gambia inde kakhulu.

    ReplyDelete
  5. Molweni bethuna, ndinguTshezi kodwa ndifuna kuzazi gabalala

    ReplyDelete
  6. Molweni mawethu ndifunisa ngo Sikomo, Rudulu,Tshangisa,Snuka abafani ingu Cimani kulamhlaba wase Cofimvaba nezithili

    ReplyDelete
  7. Molweni bantu abathandekayo,ndicela uncedo.ndingu Mam'nqarhwane,Hintsabe,Uziduli,uhlabilawu,iinkomo ezibomvu. Bendicela umntu onolwazi ngama Nqarhwane ne nqubekeko yesiduko aphendule. Enkosi

    ReplyDelete
  8. Ndicela ukwazi ngemvelaphi yaMambarha ooBhukhwana

    ReplyDelete
  9. Ngxatsho mxhosa,tsho'tshubekho
    MNA ndingathanda uke undibhule inkungu kobubuso bam, malunga nenzala ka Phahla iwele lika Mawawa nditsho inzala kaMpinga.

    ReplyDelete
  10. Ngxatsho mxhosa,tsho'tshubekho
    MNA ndingathanda uke undibhule inkungu kobubuso bam, malunga nenzala ka Phahla iwele lika Mawawa nditsho inzala kaMpinga.

    ReplyDelete
  11. Ngxatsho mxhosa,tsho'tshubekho
    MNA ndingathanda uke undibhule inkungu kobubuso bam, malunga nenzala ka Phahla iwele lika Mawawa nditsho inzala kaMpinga.

    ReplyDelete
  12. Molweni mawethu ndifunisa ngo Sikomo, Rudulu,Tshangisa,Snuka abafani ingu Cimani okanye Velemile kulamhlaba waku Cofimvaba nezithili

    ReplyDelete
  13. Molweni ndicela onolwazi ngesisiduko akhe anababe nkomo ziyemnkaa ooDala ooMnganu

    ReplyDelete
  14. Embo maxhosa! Ndiyazibulisela. Ndicela ukubuza xa umntu ezithutha ingaba uzithutha ngabantwana balokhokho okakanye uqala kootatomkhulu balokhokho usisisuko sakhe? Umzekelo mna ndinguNqana, xa ndizithutha ndibiza uNakisa uNomakhungela uMdanda njalo-njalo, ingaba uhamba uqhawuke phi lomnombo kaNqana kuba ndiyeva ukuba uNqana uphuma kulandlu yamampondomise, ezalwa nguNgqukatha ozalwa noNqabashe noDosini. Ndicela nindiweza maxhosa plzzz. Enkosi

    ReplyDelete